Surah Al-Ahqaf — The Dunes
Surah Al-Ahqaf (The Dunes) is chapter 46 of the Quran, with 35 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.
حمٓ
Hâ - Mîm
Ayah 1تَنزِيلُ ٱلۡكِتَٰبِ مِنَ ٱللَّهِ ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡحَكِيمِ
Ukutyhilwa kweNcwadi i’Kur’ân kuvela kuAllâh, uSobunganga, uSobulumko
Ayah 2مَا خَلَقۡنَا ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَآ إِلَّا بِٱلۡحَقِّ وَأَجَلࣲ مُّسَمࣰّ ىۚ وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ عَمَّآ أُنذِرُواْ مُعۡرِضُونَ
ASiwadalanga amazulu nomhlaba nokuphakathi kwawo ngaphandle kwenyaniso, yaye (Siwadalele) ixesha elimisiweyo kodwa abo bangakholwayo koko balunyukiswa ngako bayakufulathela
Ayah 3قُلۡ أَرَءَيۡتُم مَّا تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ أَرُونِي مَاذَا خَلَقُواْ مِنَ ٱلۡأَرۡضِ أَمۡ لَهُمۡ شِرۡكࣱ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِۖ ٱئۡتُونِي بِكِتَٰبࣲ مِّن قَبۡلِ هَٰذَآ أَوۡ أَثَٰرَةࣲ مِّنۡ عِلۡمٍ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ
Yithi (Muhammad): “Nibajongile phofu abo nibanqulayo ngaphandle koAllâh? Khanindiboniseni abakudalileyo komhlaba: okanye mhlawumbi babe nobuhlulelane (ekudalweni) kwamazulu? Ndiziseleni isibhalo (esatyhilwa) ngaphambili kunesi (i’Kur’ân) okanye intwana (esaseleyo) yolwazi, ukuba nithetha inyaniso.”
Ayah 4وَمَنۡ أَضَلُّ مِمَّن يَدۡعُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَن لَّا يَسۡتَجِيبُ لَهُۥٓ إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلۡقِيَٰمَةِ وَهُمۡ عَن دُعَآئِهِمۡ غَٰفِلُونَ
Ngubani olahleke ngaphezulu kunalowo unqula abo bangekhe bamphendule ngaphandle koAllâh de kube yiMini yoVuko1 babe bona ngonqulo olo lwabo bengenalwazi
Ayah 5وَإِذَا حُشِرَ ٱلنَّاسُ كَانُواْ لَهُمۡ أَعۡدَآءࣰ وَكَانُواْ بِعِبَادَتِهِمۡ كَٰفِرِينَ
Xa abantu behlanganiswe ndawonye (ngaloo Mini), abo (babenqulwa) baya kuba ziintshaba kubo, yaye baya kuba ngabaphiki bokunqulwa kwabo
Ayah 6وَإِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُنَا بَيِّنَٰتࣲ قَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلۡحَقِّ لَمَّا جَآءَهُمۡ هَٰذَا سِحۡرࣱ مُّبِينٌ
Naxa iiVesi zeThu zicengcelezwa kubo njengobungqina obucacileyo, abo bangakholwayo bathi inyaniso isakuba ifikile kubo: “Lo ngumlingo ocacileyo.”
Ayah 7أَمۡ يَقُولُونَ ٱفۡتَرَىٰهُۖ قُلۡ إِنِ ٱفۡتَرَيۡتُهُۥ فَلَا تَمۡلِكُونَ لِي مِنَ ٱللَّهِ شَيۡـًٔاۖ هُوَ أَعۡلَمُ بِمَا تُفِيضُونَ فِيهِۚ كَفَىٰ بِهِۦ شَهِيدَۢا بَيۡنِي وَبَيۡنَكُمۡۖ وَهُوَ ٱلۡغَفُورُ ٱلرَّحِيمُ
Makube mhlawumbi bathi: “Uyiqambe ngokwakhe?” Yithi: “Ukuba ndiyiqambe ngokwam nina aniyi kuba nawo (amandla okundikhusela) ngokuchasene noAllâh. Yena nguYena ukwazi kakuhle enikwenzayo. Wanele Yena ukuba Abe liNgqina phakathi kwam nani, yaye nguMxoleli uSozinceba.”
Ayah 8قُلۡ مَا كُنتُ بِدۡعࣰ ا مِّنَ ٱلرُّسُلِ وَمَآ أَدۡرِي مَا يُفۡعَلُ بِي وَلَا بِكُمۡۖ إِنۡ أَتَّبِعُ إِلَّا مَا يُوحَىٰٓ إِلَيَّ وَمَآ أَنَا۠ إِلَّا نَذِيرࣱ مُّبِينࣱ
Yithi: “Andifani na nabemveli phakathi kwabaThunywa? Kanti ke mna andikwazi okuza kwenzeka kum okanye kuni. Mna ndilandela okutyhilwe kum kuphela, yaye mna andinto yimbi ngaphandle kokuba nguMlumkisi.”
Ayah 9قُلۡ أَرَءَيۡتُمۡ إِن كَانَ مِنۡ عِندِ ٱللَّهِ وَكَفَرۡتُم بِهِۦ وَشَهِدَ شَاهِدࣱ مِّنۢ بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ عَلَىٰ مِثۡلِهِۦ فَـَٔامَنَ وَٱسۡتَكۡبَرۡتُمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ
Yithi: “Niyaqonda na okokuba ukuba yona (i’Kur’ân) ibivela kuAllâh naze nina anakholwa kuyo lo gama ingqina phakathi kwaBatwana bakwaSirayeli langqinayo kwinto efana nayo (i’Kur’ân) laza lakholwa lona lo gama nina nikhukhumele?” Inene uAllâh Akabakhokeli abenzi bobubi
Ayah 10وَقَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَوۡ كَانَ خَيۡرࣰ ا مَّا سَبَقُونَآ إِلَيۡهِۚ وَإِذۡ لَمۡ يَهۡتَدُواْ بِهِۦ فَسَيَقُولُونَ هَٰذَآ إِفۡكࣱ قَدِيمࣱ
Kananjalo abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo “Ukuba ngaba (i’Kur’ân) ibilungile, ngebengasandulelanga2 kuyo” ke kaloku xa bengakhokelekekanga yiyo bathi: “Obu bubuxoki bakudala.”
Ayah 11وَمِن قَبۡلِهِۦ كِتَٰبُ مُوسَىٰٓ إِمَامࣰ ا وَرَحۡمَةࣰۚ وَهَٰذَا كِتَٰبࣱ مُّصَدِّقࣱ لِّسَانًا عَرَبِيࣰّ ا لِّيُنذِرَ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ وَبُشۡرَىٰ لِلۡمُحۡسِنِينَ
Ke kaloku ngaphambili kunayo yayisisiTyhilelo sikaMûsâ esasisisiKhokelo nenceba. Le ke yiNcwadi engqinayo ngolwimi lwesiArabhu ukulumkisa abo benze ubugwenxa ibe ziindaba ezivuyisayo kubenzi bokulungileyo
Ayah 12إِنَّ ٱلَّذِينَ قَالُواْ رَبُّنَا ٱللَّهُ ثُمَّ ٱسۡتَقَٰمُواْ فَلَا خَوۡفٌ عَلَيۡهِمۡ وَلَا هُمۡ يَحۡزَنُونَ
Inene abo bathi: “INkosi yethu nguAllâh, baza bahlala beseNdleleni elungileyo, akuyi kubakho koyika ngokuphathelene nabo, bengayi kuxhalaba
Ayah 13أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَنَّةِ خَٰلِدِينَ فِيهَا جَزَآءَۢ بِمَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ
AbongamadlelaneePaladesi:bayakuhlalaaphongonaphakade njengomvuzo (wabo) ngenxa yoko bakwenzayo
Ayah 14وَوَصَّيۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ بِوَٰلِدَيۡهِ إِحۡسَٰنًاۖ حَمَلَتۡهُ أُمُّهُۥ كُرۡهࣰ ا وَوَضَعَتۡهُ كُرۡهࣰ اۖ وَحَمۡلُهُۥ وَفِصَٰلُهُۥ ثَلَٰثُونَ شَهۡرًاۚ حَتَّىٰٓ إِذَا بَلَغَ أَشُدَّهُۥ وَبَلَغَ أَرۡبَعِينَ سَنَةࣰ قَالَ رَبِّ أَوۡزِعۡنِيٓ أَنۡ أَشۡكُرَ نِعۡمَتَكَ ٱلَّتِيٓ أَنۡعَمۡتَ عَلَيَّ وَعَلَىٰ وَٰلِدَيَّ وَأَنۡ أَعۡمَلَ صَٰلِحࣰ ا تَرۡضَىٰهُ وَأَصۡلِحۡ لِي فِي ذُرِّيَّتِيٓۖ إِنِّي تُبۡتُ إِلَيۡكَ وَإِنِّي مِنَ ٱلۡمُسۡلِمِينَ
Kananjalo emntwini Siyalele impatho elungileyo kubazali. Unina wamthwala kanzima wamzala kanzima emva kokummitha nokumlumla iinyanga ezingamashumi amathathu3 (uye akhule) ade afikelele kwixabiso lokubhadla ade afikelele nakwixabiso lokuba neminyaka engamashumi amane, athi: “Nkosi yam ndenze ndibe nombulelo ngoBabalo lwaKho Owandenzela lona nabazali bam, (undenze) ndisebenze ubulungisa Oya kubamkela Wena, Undenzele nenzala engamalungisa. Inene mna ndiguqukele kuWe yaye mna ndingomnye wamaMuslim.”
Ayah 15أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ نَتَقَبَّلُ عَنۡهُمۡ أَحۡسَنَ مَا عَمِلُواْ وَنَتَجَاوَزُ عَن سَيِّـَٔاتِهِمۡ فِيٓ أَصۡحَٰبِ ٱلۡجَنَّةِۖ وَعۡدَ ٱلصِّدۡقِ ٱلَّذِي كَانُواْ يُوعَدُونَ
Bona bangabo kubo Siya kwamkela ezona zilungileyo kwizenzo zabo, Singazihoyi izenzo zabo ezigwenxa. (baya kuba) phakathi kwabemi basePaladesi isithembiso senyaniso, abathenjiswe ngaso
Ayah 16وَٱلَّذِي قَالَ لِوَٰلِدَيۡهِ أُفࣲّ لَّكُمَآ أَتَعِدَانِنِيٓ أَنۡ أُخۡرَجَ وَقَدۡ خَلَتِ ٱلۡقُرُونُ مِن قَبۡلِي وَهُمَا يَسۡتَغِيثَانِ ٱللَّهَ وَيۡلَكَ ءَامِنۡ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقࣱّ فَيَقُولُ مَا هَٰذَآ إِلَّآ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ
Kodwa lowo uthi kubazali bakhe: “Uff4 kuni, nindithembisa ukuba ndiza kuphinda ndivuswe (ekufeni) lo gama izizukulwana ezingaphambili kunam sele zadlulayo?” Babe bona (abazali bakhe) bethandazela ukufumana uncedo kuAllâh (besithi kunyana lowo wabo): “Yeha kuwe! Kholwa! Inene isithembiso sika-Allâh siyinyaniso.” Kodwa athi yena, “Akunto yimbi oku ngaphandle kokuba ziintsomi zabantu bakudala
Ayah 17أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ حَقَّ عَلَيۡهِمُ ٱلۡقَوۡلُ فِيٓ أُمَمࣲ قَدۡ خَلَتۡ مِن قَبۡلِهِم مِّنَ ٱلۡجِنِّ وَٱلۡإِنسِۖ إِنَّهُمۡ كَانُواْ خَٰسِرِينَ
Abo (banjalo) ngabo ilizwi (lommiselo) liye lehla (phezu kwabo) abaya kuba phakathi kwezizwe ezagqithayo ngaphambili kunabo zeejinni nabantu. Inene bonke baba ngabalahlekelwa
Ayah 18وَلِكُلࣲّ دَرَجَٰتࣱ مِّمَّا عَمِلُواْۖ وَلِيُوَفِّيَهُمۡ أَعۡمَٰلَهُمۡ وَهُمۡ لَا يُظۡلَمُونَ
Kubo bonke kukho amanqanaba (omvuzo nawesohlwayo) ngoko bakwenzayo, yaye kunjalo khona ukuze Ababuyekeze ngokugcweleyo ngezenzo zabo kwaye abayi kwenziwa bugwenxa
Ayah 19وَيَوۡمَ يُعۡرَضُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ عَلَى ٱلنَّارِ أَذۡهَبۡتُمۡ طَيِّبَٰتِكُمۡ فِي حَيَاتِكُمُ ٱلدُّنۡيَا وَٱسۡتَمۡتَعۡتُم بِهَا فَٱلۡيَوۡمَ تُجۡزَوۡنَ عَذَابَ ٱلۡهُونِ بِمَا كُنتُمۡ تَسۡتَكۡبِرُونَ فِي ٱلۡأَرۡضِ بِغَيۡرِ ٱلۡحَقِّ وَبِمَا كُنتُمۡ تَفۡسُقُونَ
NgeMini abo bangazanga bakholwe beya kusondezwa eMlilweni (kuya kuthiwa kubo): “Nabufinca bonke ubumnandi benu ngethuba nanisemhlabeni, nabonwabela, Ke naMhla niya kubuyekezwa ngesohlwayo sehlazo ngokuba nanikhukhumele emhlabeni ngokungekho lungelweni ngenxa yokuba naninendelelo, ningenantobeko.”
Ayah 20۞وَٱذۡكُرۡ أَخَا عَادٍ إِذۡ أَنذَرَ قَوۡمَهُۥ بِٱلۡأَحۡقَافِ وَقَدۡ خَلَتِ ٱلنُّذُرُ مِنۢ بَيۡنِ يَدَيۡهِ وَمِنۡ خَلۡفِهِۦٓ أَلَّا تَعۡبُدُوٓاْ إِلَّا ٱللَّهَ إِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُمۡ عَذَابَ يَوۡمٍ عَظِيمࣲ
Yabona, (uHûd) umzalwana wama’Ad xa walumkisa abantu bakubo kwinginqi yase Al-Ah‘kâf, ukanti abalumkisi (abaninzi) babesele bagqitha ngaphambili kunaye nasemva kwakhe (besithi): “Musani ukunqula nto ngaphandle koAllâh. Inene mna ndiyanoyikisela kwisohlwayo seMini embi kunene.”
Ayah 21قَالُوٓاْ أَجِئۡتَنَا لِتَأۡفِكَنَا عَنۡ ءَالِهَتِنَا فَأۡتِنَا بِمَا تَعِدُنَآ إِن كُنتَ مِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ
Bathi bona: “Ingaba uze kusiwexula na koothixo bethu? Khawuze ke noko usithembisa ngako ukuba uthetha inyaniso.”
Ayah 22قَالَ إِنَّمَا ٱلۡعِلۡمُ عِندَ ٱللَّهِ وَأُبَلِّغُكُم مَّآ أُرۡسِلۡتُ بِهِۦ وَلَٰكِنِّيٓ أَرَىٰكُمۡ قَوۡمࣰ ا تَجۡهَلُونَ
Wathi yena: “Ulwazi lokwenzeka kwako (oko ndinithembisa ngako) lukuAllâh kuphela, mna ndinichazela endikuthunyiweyo; kodwa ndinibona ningabantu abaziphatha ngobudenge.”
Ayah 23فَلَمَّا رَأَوۡهُ عَارِضࣰ ا مُّسۡتَقۡبِلَ أَوۡدِيَتِهِمۡ قَالُواْ هَٰذَا عَارِضࣱ مُّمۡطِرُنَاۚ بَلۡ هُوَ مَا ٱسۡتَعۡجَلۡتُم بِهِۦۖ رِيحࣱ فِيهَا عَذَابٌ أَلِيمࣱ
Ke kaloku ukukubona kwabo (oko babethenjiswe ngako5) kunjengelifu elisondela kwiintili zabo, bathi: “Eli lilifu elisizela nemvula!” (UHûd wathi): “Nakanye (oku) koko beningasenamonde ngako, ngumoya ekukho isohlwayo esibuhlungu kuwo.”
Ayah 24تُدَمِّرُ كُلَّ شَيۡءِۭ بِأَمۡرِ رَبِّهَا فَأَصۡبَحُواْ لَا يُرَىٰٓ إِلَّا مَسَٰكِنُهُمۡۚ كَذَٰلِكَ نَجۡزِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡمُجۡرِمِينَ
Esitshabalalisa into yonke ngomyalelo weNkosi yaso, baba njalo ke kwaza akwabikho nto yaphinda yabonwa ngaphandle kwamabhodlo abo, Sibabuyekeza kanjalo ke abantu abangabaphuli-mthetho
Ayah 25وَلَقَدۡ مَكَّنَّٰهُمۡ فِيمَآ إِن مَّكَّنَّٰكُمۡ فِيهِ وَجَعَلۡنَا لَهُمۡ سَمۡعࣰ ا وَأَبۡصَٰرࣰ ا وَأَفۡـِٔدَةࣰ فَمَآ أَغۡنَىٰ عَنۡهُمۡ سَمۡعُهُمۡ وَلَآ أَبۡصَٰرُهُمۡ وَلَآ أَفۡـِٔدَتُهُم مِّن شَيۡءٍ إِذۡ كَانُواْ يَجۡحَدُونَ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَحَاقَ بِهِم مَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ
Ke kaloku Sabamisela (emhlabeni) ngendlela eSinganimiselanga ngayo nina, yaye Sabenzela ukuva nokubona neentliziyo (ingqiqo). Kodwa ukuva nokubona kwabo neentliziyo zabo azizanga zibancede nto xa babesala iiVesi zika-Allâh; yaye baye bagutyungelwa koko babekugculela
Ayah 26وَلَقَدۡ أَهۡلَكۡنَا مَا حَوۡلَكُم مِّنَ ٱلۡقُرَىٰ وَصَرَّفۡنَا ٱلۡأٓيَٰتِ لَعَلَّهُمۡ يَرۡجِعُونَ
Kananjalo Sele Sakutshabalalisa okuningqongileyo (kwezo) zixeko yaye Siyenze ayafana imiqondiso khona ukuze abantu babe nokubuyela (elukholweni)
Ayah 27فَلَوۡلَا نَصَرَهُمُ ٱلَّذِينَ ٱتَّخَذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ قُرۡبَانًا ءَالِهَةَۢۖ بَلۡ ضَلُّواْ عَنۡهُمۡۚ وَذَٰلِكَ إِفۡكُهُمۡ وَمَا كَانُواْ يَفۡتَرُونَ
Kwakutheni ke abo babebathatha njengoothixo bokubasondeza (kuAllâh) bangabancedi kaloku? Nakanye, babashiya enyanyeni (ngokuba) kakade yayibubuxoki obo nomqambo (njee ongenasihlahla)
Ayah 28وَإِذۡ صَرَفۡنَآ إِلَيۡكَ نَفَرࣰ ا مِّنَ ٱلۡجِنِّ يَسۡتَمِعُونَ ٱلۡقُرۡءَانَ فَلَمَّا حَضَرُوهُ قَالُوٓاْ أَنصِتُواْۖ فَلَمَّا قُضِيَ وَلَّوۡاْ إِلَىٰ قَوۡمِهِم مُّنذِرِينَ
Yabona (Muhammad), Sathumela ngakuwe iijinni ezimbalwa, (ukuba zize) kuphulaphula i’Kur’ân. Ekuyiphulaphuleni kwazo zathi (zithetha zodwa): “Phulaphulani nithi cwaka.” Yakugqitywa (ukucengcelezwa i’Kur’ân) zabuyela kwabakuzo njengabalumkisi
Ayah 29قَالُواْ يَٰقَوۡمَنَآ إِنَّا سَمِعۡنَا كِتَٰبًا أُنزِلَ مِنۢ بَعۡدِ مُوسَىٰ مُصَدِّقࣰ ا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيۡهِ يَهۡدِيٓ إِلَى ٱلۡحَقِّ وَإِلَىٰ طَرِيقࣲ مُّسۡتَقِيمࣲ
Zathi: “Mawethu, inene thina sive (ucengcelezo) lweNcwadi etyhilwe emva kwekaMûsâ ingqina okwaba ngaphambili kunayo okukhokelela enyanisweni nakwiNdlela ethe Tye.”
Ayah 30يَٰقَوۡمَنَآ أَجِيبُواْ دَاعِيَ ٱللَّهِ وَءَامِنُواْ بِهِۦ يَغۡفِرۡ لَكُم مِّن ذُنُوبِكُمۡ وَيُجِرۡكُم مِّنۡ عَذَابٍ أَلِيمࣲ
Mawethu, mhoyeni ummemezi (uMthunywa) ka-Allâh nikholwe futhi kuYe (uAllâh), Uya kunixolela izono zenu, Anikhusele kwisohlwayo esibuhlungu
Ayah 31وَمَن لَّا يُجِبۡ دَاعِيَ ٱللَّهِ فَلَيۡسَ بِمُعۡجِزࣲ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَيۡسَ لَهُۥ مِن دُونِهِۦٓ أَوۡلِيَآءُۚ أُوْلَٰٓئِكَ فِي ضَلَٰلࣲ مُّبِينٍ
Lowo ungasabeliyo kummemezi ka-Allâh akayi kumenza Asilele (uAllâh nangantoni na) emhlabeni yaye (loo mntu) akayi kuba namkhuseli ngaphandle kwaKhe. Abo (banjalo) basekulahlekeni okucacileyo.”
Ayah 32أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّ ٱللَّهَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَلَمۡ يَعۡيَ بِخَلۡقِهِنَّ بِقَٰدِرٍ عَلَىٰٓ أَن يُحۡـِۧيَ ٱلۡمَوۡتَىٰۚ بَلَىٰٓۚ إِنَّهُۥ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ قَدِيرࣱ
Ababoni na ukuba uAllâh Owadala amazulu nomhlaba Akasileli ekuwadaleni, Uyakwazi ukunika ubomi kwabafileyo? Ewe nje! Yena Unamandla ngaphezulu kweento zonke
Ayah 33وَيَوۡمَ يُعۡرَضُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ عَلَى ٱلنَّارِ أَلَيۡسَ هَٰذَا بِٱلۡحَقِّۖ قَالُواْ بَلَىٰ وَرَبِّنَاۚ قَالَ فَذُوقُواْ ٱلۡعَذَابَ بِمَا كُنتُمۡ تَكۡفُرُونَ
Ke kaloku ngeMini abo bangakholwayo besondezwa eMlilweni (kuya kuthiwa kubo): “Asiyonyani na le?” baya kuthi bona: “Ewe, (yiyo sifunga) ngeNkosi yethu.” Uya kuthi Yena (uAllâh): “Ngcamlani isohlwayo ke kuba nina naye anakholwa.”
Ayah 34فَٱصۡبِرۡ كَمَا صَبَرَ أُوْلُواْ ٱلۡعَزۡمِ مِنَ ٱلرُّسُلِ وَلَا تَسۡتَعۡجِل لَّهُمۡۚ كَأَنَّهُمۡ يَوۡمَ يَرَوۡنَ مَا يُوعَدُونَ لَمۡ يَلۡبَثُوٓاْ إِلَّا سَاعَةࣰ مِّن نَّهَارِۭۚ بَلَٰغࣱۚ فَهَلۡ يُهۡلَكُ إِلَّا ٱلۡقَوۡمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ
Ngokokeyibanomonde,njengabobabezimiselekubaThunywa ungaphelelwa ngumonde kananjalo ngokuphathelene nabo (bangakholwayo). Iya kuba ngathi (ngaloo) Mini bathenjiswe ngayo azanga baba semhlabeni ngaphandle kweYure yemini. Sisaziso (ke esi). Kodwa ingaba ukhona oza kutshatyalaliswa ngaphandle komntu odelelayo nongenantobeko
Ayah 35