Surah Hud

Surah Hud is chapter 11 of the Quran, with 123 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.

الٓرۚ كِتَٰبٌ أُحۡكِمَتۡ ءَايَٰتُهُۥ ثُمَّ فُصِّلَتۡ مِن لَّدُنۡ حَكِيمٍ خَبِيرٍ

Alif-Lâm-Râ. INcwadi, eVesi zayo zifezekisiweyo, zaza zacaciswa ngokwengcombolo zivela kuYe uSobulumko, Onolwazwi

Ayah 1

أَلَّا تَعۡبُدُوٓاْ إِلَّا ٱللَّهَۚ إِنَّنِي لَكُم مِّنۡهُ نَذِيرࣱ وَبَشِيرࣱ‏

(Othi): “Ninganquli bani ngaphandle koAllâh”. Inene mna (ndinguMuhammad) kuni, ndivela kuYe, ndinguMlumkisi nomzisi weendaba ezivuyisayo (kuni)

Ayah 2

وَأَنِ ٱسۡتَغۡفِرُواْ رَبَّكُمۡ ثُمَّ تُوبُوٓاْ إِلَيۡهِ يُمَتِّعۡكُم مَّتَٰعًا حَسَنًا إِلَىٰٓ أَجَلࣲ مُّسَمࣰّ ى وَيُؤۡتِ كُلَّ ذِي فَضۡلࣲ فَضۡلَهُۥۖ وَإِن تَوَلَّوۡاْ فَإِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُمۡ عَذَابَ يَوۡمࣲ كَبِيرٍ

Ke nina celani itarhu eNkosini yenu, nibuyele kuYo ngenguquko, ukuze Ininike ulonwabo olulungileyo, kude kube lixesha elimisiweyo, Inibonelele kananjalo ngobuBele baYo obuphuphumela nakubani na onobubele. Kodwa ukuba niye nakreqa, ndiyanoyikisela kwisohlwayo seMinikazi eNkulu

Ayah 3

إِلَى ٱللَّهِ مَرۡجِعُكُمۡۖ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ قَدِيرٌ

KukuAllâh apho niza kubuyela khona, yaye Yena Uyakwazi ukwenza izinto zonke

Ayah 4

أَلَآ إِنَّهُمۡ يَثۡنُونَ صُدُورَهُمۡ لِيَسۡتَخۡفُواْ مِنۡهُۚ أَلَا حِينَ يَسۡتَغۡشُونَ ثِيَابَهُمۡ يَعۡلَمُ مَا يُسِرُّونَ وَمَا يُعۡلِنُونَۚ إِنَّهُۥ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ

Yeha! Bafinga izifuba zabo, besenzela ukuzizimelisa kuYe. Enyanisweni, nokuba bangazigquma ngeengubo zabo, Yena Uyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo. Inene Yena nguMazi wokusezifubeni

Ayah 5

۞وَمَا مِن دَآبَّةࣲ فِي ٱلۡأَرۡضِ إِلَّا عَلَى ٱللَّهِ رِزۡقُهَا وَيَعۡلَمُ مُسۡتَقَرَّهَا وَمُسۡتَوۡدَعَهَاۚ كُلࣱّ فِي كِتَٰبࣲ مُّبِينࣲ‏

Akukho sidalwa sinyakazayo emhlabeni esinomfunzelo waso ongaveli kuAllâh. Kwaye Wazi indawo yaso yokuhlala nalapho siye sibekwe khona (esibelekweni okanye engcwabeni). Konke kubhaliwe eNcwadini ecacileyo

Ayah 6

وَهُوَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ فِي سِتَّةِ أَيَّامࣲ وَكَانَ عَرۡشُهُۥ عَلَى ٱلۡمَآءِ لِيَبۡلُوَكُمۡ أَيُّكُمۡ أَحۡسَنُ عَمَلࣰ اۗ وَلَئِن قُلۡتَ إِنَّكُم مَّبۡعُوثُونَ مِنۢ بَعۡدِ ٱلۡمَوۡتِ لَيَقُولَنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِنۡ هَٰذَآ إِلَّا سِحۡرࣱ مُّبِينࣱ‏

Kananjalo nguYe Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, yaye iTrone yaKhe yayiphezu kwamanzi, khon’ukuze Anivavanye, (kucace) okokuba nguwuphi na kuni oyena unezenzo ezilungileyo. Kodwa ukuba ungathi kubo: “Niza kuvuswa emva kokufa,” abangakholwayo (kubo) abasokuze bangathi: “Oku akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumlingo ocacileyo.”

Ayah 7

وَلَئِنۡ أَخَّرۡنَا عَنۡهُمُ ٱلۡعَذَابَ إِلَىٰٓ أُمَّةࣲ مَّعۡدُودَةࣲ لَّيَقُولُنَّ مَا يَحۡبِسُهُۥٓۗ أَلَا يَوۡمَ يَأۡتِيهِمۡ لَيۡسَ مَصۡرُوفًا عَنۡهُمۡ وَحَاقَ بِهِم مَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ

Ke kaloku ukuba Siyasilibazisa isohlwayo kude kufike ixesha elimisiweyo, ngokuqinisekileyo baza kuthi: “Yintoni esibambileyo?” Inene ngeMini esiya kubafumana, akukho nto iya kusibuyisela umva kubo, yaye baza kugutyungelwa koko babedla ngokukugculela

Ayah 8

وَلَئِنۡ أَذَقۡنَا ٱلۡإِنسَٰنَ مِنَّا رَحۡمَةࣰ ثُمَّ نَزَعۡنَٰهَا مِنۡهُ إِنَّهُۥ لَيَـُٔوسࣱ كَفُورࣱ‏

Kananjalo Sithi Sisakunika umntu incasa yeNceba yeThu, Size Siphinde Siyithabathe kuye, asuke aphelelwe lithemba, angabi nambulelo

Ayah 9

وَلَئِنۡ أَذَقۡنَٰهُ نَعۡمَآءَ بَعۡدَ ضَرَّآءَ مَسَّتۡهُ لَيَقُولَنَّ ذَهَبَ ٱلسَّيِّـَٔاتُ عَنِّيٓۚ إِنَّهُۥ لَفَرِحࣱ فَخُورٌ

Sithi kananjalo Sisakumvisa ubumnandi emva kokuba ebekhe wachikwa bububi, akasokuze angathi: “Ububi bumkile kum.” Inene, usuka akhukhumale, aqhayise

Ayah 10

إِلَّا ٱلَّذِينَ صَبَرُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ أُوْلَٰٓئِكَ لَهُم مَّغۡفِرَةࣱ وَأَجۡرࣱ كَبِيرࣱ‏

Ngaphandle kwabo baye babonakalise ukuba nomonde, benze izenzo zobulungisa; abo okwabo iya kuba kukuxolelwa kwezono nomvuzo omkhulu

Ayah 11

فَلَعَلَّكَ تَارِكُۢ بَعۡضَ مَا يُوحَىٰٓ إِلَيۡكَ وَضَآئِقُۢ بِهِۦ صَدۡرُكَ أَن يَقُولُواْ لَوۡلَآ أُنزِلَ عَلَيۡهِ كَنزٌ أَوۡ جَآءَ مَعَهُۥ مَلَكٌۚ إِنَّمَآ أَنتَ نَذِيرࣱۚ وَٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ وَكِيلٌ

Kungenzeka wena (Muhammad) uncame inxalenye yoko kutyhilwe kuwe, nentliziyo yakho ive ubunzima ngenxa yako oko ngokuba bathi: “Kutheni kaloku engathunyelelwa uvimba wobutyebi nje, okanye kuze ingelosi kuthi ihamba naye?” Kodwa wena (Muhammad) unguMlumkisi kuphela, Yena uAllâh nguMlondolozi wezinto zonke

Ayah 12

أَمۡ يَقُولُونَ ٱفۡتَرَىٰهُۖ قُلۡ فَأۡتُواْ بِعَشۡرِ سُوَرࣲ مِّثۡلِهِۦ مُفۡتَرَيَٰتࣲ وَٱدۡعُواْ مَنِ ٱسۡتَطَعۡتُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ

Okanye bathi (UMuhammad) uyiqambe ngokwakhe (i’Kur`ân)? Yithi: “Yizani nezahluko ezilishumi eziqanjwe njengayo, nize nibize nokuba kukubani na eninokubiza kuye ngaphandle koAllâh, ukuba ninenyaniso!”

Ayah 13

فَإِلَّمۡ يَسۡتَجِيبُواْ لَكُمۡ فَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّمَآ أُنزِلَ بِعِلۡمِ ٱللَّهِ وَأَن لَّآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۖ فَهَلۡ أَنتُم مُّسۡلِمُونَ

Ukuba abakuphendulanga ke uya kwazi ngoko ukuba (Le ‘Kur`ân) ithunyelwe (emhlabeni) ngolwazi luka-Allâh nokuba akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Niya kuba ngawo amaMuslim ke ngoku

Ayah 14

مَن كَانَ يُرِيدُ ٱلۡحَيَوٰةَ ٱلدُّنۡيَا وَزِينَتَهَا نُوَفِّ إِلَيۡهِمۡ أَعۡمَٰلَهُمۡ فِيهَا وَهُمۡ فِيهَا لَا يُبۡخَسُونَ

Nabaninalowounqwenelaubomibelihlabathinobunewunewu balo, kwabo (banjalo), Siya kubahlawula umvuzo wezenzo zabo ngokupheleleyo kwalapho, (ehlabathini) yaye abayi kuba nasinciphiso apho kulo

Ayah 15

أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ لَيۡسَ لَهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ إِلَّا ٱلنَّارُۖ وَحَبِطَ مَا صَنَعُواْ فِيهَا وَبَٰطِلࣱ مَّا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ

Bona bangabo bangenanto kuBomi oBuzayo ngaphandle koMlilo, balahlekelwe kwabakwenzayo yaye ngamampunge imisebenzi abayenzayo apho (emhlabeni)

Ayah 16

أَفَمَن كَانَ عَلَىٰ بَيِّنَةࣲ مِّن رَّبِّهِۦ وَيَتۡلُوهُ شَاهِدࣱ مِّنۡهُ وَمِن قَبۡلِهِۦ كِتَٰبُ مُوسَىٰٓ إِمَامࣰ ا وَرَحۡمَةًۚ أُوْلَٰٓئِكَ يُؤۡمِنُونَ بِهِۦۚ وَمَن يَكۡفُرۡ بِهِۦ مِنَ ٱلۡأَحۡزَابِ فَٱلنَّارُ مَوۡعِدُهُۥۚ فَلَا تَكُ فِي مِرۡيَةࣲ مِّنۡهُۚ إِنَّهُ ٱلۡحَقُّ مِن رَّبِّكَ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يُؤۡمِنُونَ

Ingaba wona amaMuslim axhomekeke kubungqina obucacileyo (i’Kur`ân) obuvela eNkosini yawo, (bungqina) obo ingqina (uJibrîl) elabucengceleza buvela kuYe (uAllâh), kanti nangaphambili kunabo, kwakufike iNcwadi kaMûsâ, isisiKhokelo nenceba, ayakholwa kuyo (amaMuslim)? Kodwa abo beemvaba ngeemvaba, bangayamkeliyo (i’Kur’ân), uMlilo uya kuba yindawo yabo yokuhlangana yedinga, musa ukuthandabuza ke wena ngayo. Inene yona yinyaniso evela eNkosini yakho, kodwa uninzi lwabantu alukholwa

Ayah 17

وَمَنۡ أَظۡلَمُ مِمَّنِ ٱفۡتَرَىٰ عَلَى ٱللَّهِ كَذِبًاۚ أُوْلَٰٓئِكَ يُعۡرَضُونَ عَلَىٰ رَبِّهِمۡ وَيَقُولُ ٱلۡأَشۡهَٰدُ هَٰٓؤُلَآءِ ٱلَّذِينَ كَذَبُواْ عَلَىٰ رَبِّهِمۡۚ أَلَا لَعۡنَةُ ٱللَّهِ عَلَى ٱلظَّٰلِمِينَ

Ngubani na ogwenxa ukugqitha lowo uqamba ubuxoki ngoAllâh. Abanjalo baza kuziswa phambi kweNkosi yabo, yaye ingqina liza kuthi, “Aba ngabo baxokayo ngeNkosi yabo!” Ngokungathandabuzekiyo! Isiqalekiso sika-Allâh siphezu kwabagabadeli

Ayah 18

ٱلَّذِينَ يَصُدُّونَ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِ وَيَبۡغُونَهَا عِوَجࣰ ا وَهُم بِٱلۡأٓخِرَةِ هُمۡ كَٰفِرُونَ

Abo baba sisithintelo eNdleleni ka-Allâh, bakhangele ubugosogoso kuyo lo gama bangakholwayo kuBomi oBuzayo

Ayah 19

أُوْلَٰٓئِكَ لَمۡ يَكُونُواْ مُعۡجِزِينَ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَمَا كَانَ لَهُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ مِنۡ أَوۡلِيَآءَۘ يُضَٰعَفُ لَهُمُ ٱلۡعَذَابُۚ مَا كَانُواْ يَسۡتَطِيعُونَ ٱلسَّمۡعَ وَمَا كَانُواْ يُبۡصِرُونَ

Nakanye ukuba bangaphuncuka (kwisohlwayo sika-Allâh) emhlabeni bengenabo nokuba nabo abakhuseli ngaphandle koAllâh! Isohlwayo sabo siya kuphindwa kabini, Azanga babe nako ukunyamezela (intshumayelo) yaye babengaboni nokubona

Ayah 20

أُوْلَٰٓئِكَ ٱلَّذِينَ خَسِرُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ وَضَلَّ عَنۡهُم مَّا كَانُواْ يَفۡتَرُونَ

Bona bangabo balahlekelwa yimiphefumlo yabo, kananjalo (oothixo babo bobuxoki) ababaqambayo, baya kunyamalala babashiye

Ayah 21

لَا جَرَمَ أَنَّهُمۡ فِي ٱلۡأٓخِرَةِ هُمُ ٱلۡأَخۡسَرُونَ

Inene bona bangabona baya kuba ngabalahlekelwa kuBomi oBuzayo

Ayah 22

إِنَّ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ وَأَخۡبَتُوٓاْ إِلَىٰ رَبِّهِمۡ أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَنَّةِۖ هُمۡ فِيهَا خَٰلِدُونَ

Ke bona abo bakholwayo benze izenzo zobulungisa, bazithobe phambi kweNkosi yabo, baya kuba ngabahlali basePaladesi, bahlale apho ngonaphakade

Ayah 23

۞مَثَلُ ٱلۡفَرِيقَيۡنِ كَٱلۡأَعۡمَىٰ وَٱلۡأَصَمِّ وَٱلۡبَصِيرِ وَٱلسَّمِيعِۚ هَلۡ يَسۡتَوِيَانِ مَثَلًاۚ أَفَلَا تَذَكَّرُونَ

Umzekeliso wala maqela mabini unje ngemfama nesithulu nobonayo novayo. Ingaba bayafana na xa bethelekiswa? Ngoku ke anizi kuthabatha ngqalelo nina

Ayah 24

وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا نُوحًا إِلَىٰ قَوۡمِهِۦٓ إِنِّي لَكُمۡ نَذِيرࣱ مُّبِينٌ

Kananjalo inene Sathumela uNûh kubantu bakubo (wathi kubo): “Mna ndize kuni njengoMlumkisi ocacileyo

Ayah 25

أَن لَّا تَعۡبُدُوٓاْ إِلَّا ٱللَّهَۖ إِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُمۡ عَذَابَ يَوۡمٍ أَلِيمࣲ‏

Nina musani ukunqula bani ngaphandle koAllâh; Inene Mna ndiyanoyikisela kwisohlwayo seMini ebuHlungu.”

Ayah 26

فَقَالَ ٱلۡمَلَأُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِن قَوۡمِهِۦ مَا نَرَىٰكَ إِلَّا بَشَرࣰ ا مِّثۡلَنَا وَمَا نَرَىٰكَ ٱتَّبَعَكَ إِلَّا ٱلَّذِينَ هُمۡ أَرَاذِلُنَا بَادِيَ ٱلرَّأۡيِ وَمَا نَرَىٰ لَكُمۡ عَلَيۡنَا مِن فَضۡلِۭ بَلۡ نَظُنُّكُمۡ كَٰذِبِينَ

Iinkosi zabo bangakholwayo phakathi kwabantu bakubo zathi: “Thina sikubona ngathi ungumntu ngokufana nathi, yaye asiboni bani okulandelayo ngaphandle kwabona kungekho nto yabo phakathi kwethu yaye nabo abo bakulandela ngaphandle kokuqiqa. Kananjalo thina asiboni nto ilungileyo nigqithise ngayo kunathi, enyanisweni thina sicinga ukuba ningamaxoki (qha).”

Ayah 27

قَالَ يَٰقَوۡمِ أَرَءَيۡتُمۡ إِن كُنتُ عَلَىٰ بَيِّنَةࣲ مِّن رَّبِّي وَءَاتَىٰنِي رَحۡمَةࣰ مِّنۡ عِندِهِۦ فَعُمِّيَتۡ عَلَيۡكُمۡ أَنُلۡزِمُكُمُوهَا وَأَنتُمۡ لَهَا كَٰرِهُونَ

Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Khanindixeleleni, ukuba ndinobungqina obucacileyo obuvela eNkosini yam, neNceba sele ifikile kum, kodwa (iNceba) leyo isithelisiwe emehlweni enu. Siza kuninyanzela na ukuba namkele (i-Islam) lo gama niyichase kangaka

Ayah 28

وَيَٰقَوۡمِ لَآ أَسۡـَٔلُكُمۡ عَلَيۡهِ مَالًاۖ إِنۡ أَجۡرِيَ إِلَّا عَلَى ٱللَّهِۚ وَمَآ أَنَا۠ بِطَارِدِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْۚ إِنَّهُم مُّلَٰقُواْ رَبِّهِمۡ وَلَٰكِنِّيٓ أَرَىٰكُمۡ قَوۡمࣰ ا تَجۡهَلُونَ

Hini na bantu bakuthi!Andiniceli butyebi ngayo, umvuzo wam awuphumi kubani ongomnye ngaphandle koAllâh. Andiyi kubagxotha abo bakholiweyo. Inene baza kudibana neNkosi yabo, kodwa ndibona ngathi ningabantu abanobudenge

Ayah 29

وَيَٰقَوۡمِ مَن يَنصُرُنِي مِنَ ٱللَّهِ إِن طَرَدتُّهُمۡۚ أَفَلَا تَذَكَّرُونَ

Hini na bantu bakuthi! Ngubani na oya kundincedisa ngokuchasene noAllâh, ukuba ndinokubagxotha, anicingisisi na

Ayah 30

وَلَآ أَقُولُ لَكُمۡ عِندِي خَزَآئِنُ ٱللَّهِ وَلَآ أَعۡلَمُ ٱلۡغَيۡبَ وَلَآ أَقُولُ إِنِّي مَلَكࣱ وَلَآ أَقُولُ لِلَّذِينَ تَزۡدَرِيٓ أَعۡيُنُكُمۡ لَن يُؤۡتِيَهُمُ ٱللَّهُ خَيۡرًاۖ ٱللَّهُ أَعۡلَمُ بِمَا فِيٓ أَنفُسِهِمۡ إِنِّيٓ إِذࣰ ا لَّمِنَ ٱلظَّٰلِمِينَ

Kananjalo andithi kuni, mna ndinoovimba baka-Allâh, yaye futhi mna andinalwazi ngokungabonwayo, ndingakhanga nditsho nokutsho ukuba mna ndiyingelosi, kananjalo andithi abo amehlo enu abajongela phantsi uAllâh Akazi kubapha nantoni na elungileyo. UAllâh Uyakwazi okungaphakathi kubo. Ukuba bendinokwenza njalo bendiya kuba ngomnye wabagabadeli

Ayah 31

قَالُواْ يَٰنُوحُ قَدۡ جَٰدَلۡتَنَا فَأَكۡثَرۡتَ جِدَٰلَنَا فَأۡتِنَا بِمَا تَعِدُنَآ إِن كُنتَ مِنَ ٱلصَّٰدِقِينَ

Bathi bona: “Hini na Nûh, uphikisene nathi kakhulu, yaye uyenze nde kakhulu impikiswano phakathi kwethu nawe. Ngoko ke khawude uhlise oko usigrogrisa ngako, ukuba uthetha inyaniso.”

Ayah 32

قَالَ إِنَّمَا يَأۡتِيكُم بِهِ ٱللَّهُ إِن شَآءَ وَمَآ أَنتُم بِمُعۡجِزِينَ

Wathi yena: “NguAllâh kuphela Oza kuza noko kuphezu kwenu ukuba Uthandile, yaye aniyi kuphuncula tu

Ayah 33

وَلَا يَنفَعُكُمۡ نُصۡحِيٓ إِنۡ أَرَدتُّ أَنۡ أَنصَحَ لَكُمۡ إِن كَانَ ٱللَّهُ يُرِيدُ أَن يُغۡوِيَكُمۡۚ هُوَ رَبُّكُمۡ وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ

Yaye necebiso lam aliyi kuninceda nto nokuba ndingada ndininike iingcebiso ezilungileyo, ukuba iNtando ka-Allâh kukuba Anigcine ekulahlekeni. Yena yiNkosi yenu! Yaye kukuYe apho niza kubuyela khona

Ayah 34

أَمۡ يَقُولُونَ ٱفۡتَرَىٰهُۖ قُلۡ إِنِ ٱفۡتَرَيۡتُهُۥ فَعَلَيَّ إِجۡرَامِي وَأَنَا۠ بَرِيٓءࣱ مِّمَّا تُجۡرِمُونَ

Okanye bathi: “(UMuhammad) uyiqambe ngokwakhe (i’Kur`ân).” Yithi (Muhammad): “Ukuba ndiyiqambe ngokwam, amatyala am makabe phezu kwam, kodwa ndimsulwa mna kumatyala eniwenzayo.”

Ayah 35

وَأُوحِيَ إِلَىٰ نُوحٍ أَنَّهُۥ لَن يُؤۡمِنَ مِن قَوۡمِكَ إِلَّا مَن قَدۡ ءَامَنَ فَلَا تَبۡتَئِسۡ بِمَا كَانُواْ يَفۡعَلُونَ

Kananjalo kwatyhilwa kuNûh (kwathiwa): “Akukho namnye kubantu bakuni oza kukholwa ngaphandle kwabo sele bekholiwe kakade. Ke uze ungabi buhlungu ngenxa yoko bakwenzayo

Ayah 36

وَٱصۡنَعِ ٱلۡفُلۡكَ بِأَعۡيُنِنَا وَوَحۡيِنَا وَلَا تُخَٰطِبۡنِي فِي ٱلَّذِينَ ظَلَمُوٓاْ إِنَّهُم مُّغۡرَقُونَ

Wena ke yakha inqanawa phantsi kwamehlo eThu ngesiTyhilelo seThu, uze ungathethi kuM (ungaNdicengi) ngabo benza ubugwenxa. Bona inene baza kurhaxiswa (ngamanzi).”

Ayah 37

وَيَصۡنَعُ ٱلۡفُلۡكَ وَكُلَّمَا مَرَّ عَلَيۡهِ مَلَأࣱ مِّن قَوۡمِهِۦ سَخِرُواْ مِنۡهُۚ قَالَ إِن تَسۡخَرُواْ مِنَّا فَإِنَّا نَسۡخَرُ مِنكُمۡ كَمَا تَسۡخَرُونَ

Ke kaloku esayakha njalo inqanawa leyo, maxa onke iinkosi zabantu bakubo zidlula ngakuye zazimgculela, wathi yena: “Ukuba nigculela thina, nathi ngokukwanjalo siyanigculela ngokugculela kwenu

Ayah 38

فَسَوۡفَ تَعۡلَمُونَ مَن يَأۡتِيهِ عَذَابࣱ يُخۡزِيهِ وَيَحِلُّ عَلَيۡهِ عَذَابࣱ مُّقِيمٌ

Kwaye niza kwazi okokuba ngubani na esiza kuhla phezu kwakhe isohlwayo esiza kumgqumelela ngehlazo, lowo uza kuhlelwa sisohlwayo sanaphakade.”

Ayah 39

حَتَّىٰٓ إِذَا جَآءَ أَمۡرُنَا وَفَارَ ٱلتَّنُّورُ قُلۡنَا ٱحۡمِلۡ فِيهَا مِن كُلࣲّ زَوۡجَيۡنِ ٱثۡنَيۡنِ وَأَهۡلَكَ إِلَّا مَن سَبَقَ عَلَيۡهِ ٱلۡقَوۡلُ وَمَنۡ ءَامَنَۚ وَمَآ ءَامَنَ مَعَهُۥٓ إِلَّا قَلِيلࣱ‏

(Kwaba njalo ke) de kwaba lilixa lokufika komyalelo weThu, i-oven yathulula amanzi, Sathi: “Ngenisa (enqanaweni) uhlobo ngalunye lwezidalwa, ngambini (inkunzi nemazi), nosapho lwakho ngaphandle kwalowo iliZwi sele liphumile ngokuchasene naye (ungenise) nabo bakholwayo. Akukho mntu wakholwayo kuye (uNûh) ngaphandle kwabambalwa

Ayah 40

۞وَقَالَ ٱرۡكَبُواْ فِيهَا بِسۡمِ ٱللَّهِ مَجۡرٜىٰهَا وَمُرۡسَىٰهَآۚ إِنَّ رَبِّي لَغَفُورࣱ رَّحِيمࣱ‏

Waza yena (uNûh) wathi: “Khwelani (enqanaweni): eGameni lika-Allâh iya kuba yindlela eya kuhamba ngayo nendawo eya kuphumla kuyo. Inene, iNkosi yam nguMxoleli, uSozinceba

Ayah 41

وَهِيَ تَجۡرِي بِهِمۡ فِي مَوۡجࣲ كَٱلۡجِبَالِ وَنَادَىٰ نُوحٌ ٱبۡنَهُۥ وَكَانَ فِي مَعۡزِلࣲ يَٰبُنَيَّ ٱرۡكَب مَّعَنَا وَلَا تَكُن مَّعَ ٱلۡكَٰفِرِينَ

Yahamba nabo ke phakathi kwamaza ayengathi ziintaba, uNûh wakhwaza unyana wakhe ngaphandle, owayezikhethile yena: “Hini na nyana wam! Khwela nathi ungabi kunye nabangakholwayo.”

Ayah 42

قَالَ سَـَٔاوِيٓ إِلَىٰ جَبَلࣲ يَعۡصِمُنِي مِنَ ٱلۡمَآءِۚ قَالَ لَا عَاصِمَ ٱلۡيَوۡمَ مِنۡ أَمۡرِ ٱللَّهِ إِلَّا مَن رَّحِمَۚ وَحَالَ بَيۡنَهُمَا ٱلۡمَوۡجُ فَكَانَ مِنَ ٱلۡمُغۡرَقِينَ

Wathi yena: “Mna ndiya kubalekela kwenye yeentaba; yona iya kundisindisa emanzini.” Wathi uNûh: “Namhlanje akuyi kubakho msindisi kummiselo ka-Allâh ngaphandle kwalowo Aye Waba nenceba kuye.” Ke kaloku amaza afika phakathi kwabo Waza (unyana lowo) waba phakathi kwabarhaxwayo

Ayah 43

وَقِيلَ يَٰٓأَرۡضُ ٱبۡلَعِي مَآءَكِ وَيَٰسَمَآءُ أَقۡلِعِي وَغِيضَ ٱلۡمَآءُ وَقُضِيَ ٱلۡأَمۡرُ وَٱسۡتَوَتۡ عَلَى ٱلۡجُودِيِّۖ وَقِيلَ بُعۡدࣰ ا لِّلۡقَوۡمِ ٱلظَّٰلِمِينَ

Kwaza kwathiwa: “Hina na mhlaba! Ginya amanzi wakho. Hini na sibhakabhaka! Bamba (imvula yakho).” Athonyalaliswa ke amanzi wazaliseka ummiselo (ka-Allâh), ke yona (inqanawa) yaphumla kwintaba iJûdi, kwathiwa: “Kude lee ngabantu abangabagabadeli!”

Ayah 44

وَنَادَىٰ نُوحࣱ رَّبَّهُۥ فَقَالَ رَبِّ إِنَّ ٱبۡنِي مِنۡ أَهۡلِي وَإِنَّ وَعۡدَكَ ٱلۡحَقُّ وَأَنتَ أَحۡكَمُ ٱلۡحَٰكِمِينَ

Ke kaloku uNûh wabiza eNkosini yakhe wathi: “O Nkosi yam! Inene unyana wam ngowosapho lwam! Kananjalo isithembiso saKho siyinyaniso, yaye Wena UngoYena Mgwebi Ulungileyo kubagwebi.”

Ayah 45

قَالَ يَٰنُوحُ إِنَّهُۥ لَيۡسَ مِنۡ أَهۡلِكَۖ إِنَّهُۥ عَمَلٌ غَيۡرُ صَٰلِحࣲۖ فَلَا تَسۡـَٔلۡنِ مَا لَيۡسَ لَكَ بِهِۦ عِلۡمٌۖ إِنِّيٓ أَعِظُكَ أَن تَكُونَ مِنَ ٱلۡجَٰهِلِينَ

Wathi Yena (uAllâh): “Hina na Nûh! Inene yena akanguye omnye wosapho lwakho; (kuba) inene izenzo zakhe azibobulungisa, ke musa ukuNdicela into ongenalwazi ngayo! Ndiya kuyala ngokuba hleze ube ngomnye wabasweli kuqonda”

Ayah 46

قَالَ رَبِّ إِنِّيٓ أَعُوذُ بِكَ أَنۡ أَسۡـَٔلَكَ مَا لَيۡسَ لِي بِهِۦ عِلۡمࣱۖ وَإِلَّا تَغۡفِرۡ لِي وَتَرۡحَمۡنِيٓ أَكُن مِّنَ ٱلۡخَٰسِرِينَ

UNûh wathi: “O Nkosi yam! Ndicela ukhuseleko ngaWe ekukuceleni oko mna ndingenalwazi ngako, yaye ukuba Akunakundixolela Wena, ube neNceba kum, inene mna ndiya kuba ngomnye wabalahlekelwa

Ayah 47

قِيلَ يَٰنُوحُ ٱهۡبِطۡ بِسَلَٰمࣲ مِّنَّا وَبَرَكَٰتٍ عَلَيۡكَ وَعَلَىٰٓ أُمَمࣲ مِّمَّن مَّعَكَۚ وَأُمَمࣱ سَنُمَتِّعُهُمۡ ثُمَّ يَمَسُّهُم مِّنَّا عَذَابٌ أَلِيمࣱ‏

Kwathiwa: “Hini na Nûh! Phuma (enqanaweni) ngoxolo oluvela kuThi, iintsikelelo mazibe phezu kwakho, naphezu kwabantu abakunye nawe, kodwa (kuza kuhamba- kuhambe kubekho) abantu eSiya kubanika oovimba babo (okwethutyana), kodwa ekugqibeleni, isohlwayo esibuhlungu siya kubafumana, sivela kuThi.”

Ayah 48

تِلۡكَ مِنۡ أَنۢبَآءِ ٱلۡغَيۡبِ نُوحِيهَآ إِلَيۡكَۖ مَا كُنتَ تَعۡلَمُهَآ أَنتَ وَلَا قَوۡمُكَ مِن قَبۡلِ هَٰذَاۖ فَٱصۡبِرۡۖ إِنَّ ٱلۡعَٰقِبَةَ لِلۡمُتَّقِينَ

Oku kokweendaba zokungabonwayo eSizityhila kuwe (Muhammad) Inguwe nabantu bakuni naningazazi ngaphambili kunoku. Yiba nomonde ke wena. Inene, isiphelo esihle sesabaMoyikayo uAllâh

Ayah 49

وَإِلَىٰ عَادٍ أَخَاهُمۡ هُودࣰ اۚ قَالَ يَٰقَوۡمِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ مَا لَكُم مِّنۡ إِلَٰهٍ غَيۡرُهُۥٓۖ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا مُفۡتَرُونَ

Ke kaloku kubantu bakwa’Ad, (Sathumela) umntakwabo uHûd. Wathi kubo, “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh! Aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Inene nina akukho nto niyenzayo ngaphandle kokuqamba ubuxoki

Ayah 50

يَٰقَوۡمِ لَآ أَسۡـَٔلُكُمۡ عَلَيۡهِ أَجۡرًاۖ إِنۡ أَجۡرِيَ إِلَّا عَلَى ٱلَّذِي فَطَرَنِيٓۚ أَفَلَا تَعۡقِلُونَ

“Hini na bantu bakuthi andiceli mvuzo kuni ngawo (lo myalezo). Umvuzo wam ukuloWo Wandidalayo, aniyi kuqonda na?”

Ayah 51

وَيَٰقَوۡمِ ٱسۡتَغۡفِرُواْ رَبَّكُمۡ ثُمَّ تُوبُوٓاْ إِلَيۡهِ يُرۡسِلِ ٱلسَّمَآءَ عَلَيۡكُم مِّدۡرَارࣰ ا وَيَزِدۡكُمۡ قُوَّةً إِلَىٰ قُوَّتِكُمۡ وَلَا تَتَوَلَّوۡاْ مُجۡرِمِينَ

“Hini na bantu bakuthi! Celani itarhu eNkosini yenu nize niguqukele kuYo, Yona Iya kunithumelela imvula eninzi, Inongezelele amandla phezu kwamandla enu, ke kaloku musani ukujibilika nibe ngabenzi bobubi.”

Ayah 52

قَالُواْ يَٰهُودُ مَا جِئۡتَنَا بِبَيِّنَةࣲ وَمَا نَحۡنُ بِتَارِكِيٓ ءَالِهَتِنَا عَن قَوۡلِكَ وَمَا نَحۡنُ لَكَ بِمُؤۡمِنِينَ

Bathi bona: “Hina na Hûd! Akukho bungqina usizele nabo yaye asiyi kubashiya oothixo bethu ngenxa yoko ukuthethayo kananjalo asingabo abakholwayo kuwe thina.”

Ayah 53

إِن نَّقُولُ إِلَّا ٱعۡتَرَىٰكَ بَعۡضُ ءَالِهَتِنَا بِسُوٓءࣲۗ قَالَ إِنِّيٓ أُشۡهِدُ ٱللَّهَ وَٱشۡهَدُوٓاْ أَنِّي بَرِيٓءࣱ مِّمَّا تُشۡرِكُونَ

“Esikuthethayo thina kukuba abanye oothixo bethu bakuhlasele wena ngokungendawo (ngempambano).” Wathi yena: “Ndicela uAllâh ukuba Abe liNgqina, nani ngokwenu ngqinani okokuba mna ndimsulwa koko nikwayamanisa njengamahlulelane (ka-Allâh) elunqulweni lwenu

Ayah 54

مِن دُونِهِۦۖ فَكِيدُونِي جَمِيعࣰ ا ثُمَّ لَا تُنظِرُونِ

Ngaphandle kwaKhe (uAllâh). Qulunqani ke ngokuchasene nam, nonke, ningandimeli nokundimela

Ayah 55

إِنِّي تَوَكَّلۡتُ عَلَى ٱللَّهِ رَبِّي وَرَبِّكُمۚ مَّا مِن دَآبَّةٍ إِلَّا هُوَ ءَاخِذُۢ بِنَاصِيَتِهَآۚ إِنَّ رَبِّي عَلَىٰ صِرَٰطࣲ مُّسۡتَقِيمࣲ‏

“Mna ndibeka ithemba lam kuAllâh, iNkosi yam, EkwayiNkosi yenu! Akukho sidalwa sinyakazayo Angekhe Angasibambi ngesihlwitha esiphezu kwebunzi laso. Inene iNkosi yam iseNdleleni ethe Tye

Ayah 56

فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَقَدۡ أَبۡلَغۡتُكُم مَّآ أُرۡسِلۡتُ بِهِۦٓ إِلَيۡكُمۡۚ وَيَسۡتَخۡلِفُ رَبِّي قَوۡمًا غَيۡرَكُمۡ وَلَا تَضُرُّونَهُۥ شَيۡـًٔاۚ إِنَّ رَبِّي عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ حَفِيظࣱ‏

Ukuba niyatshikila nimke, ke mna ndiwuvakalisile uMyalezo ebendithunywe wona kuni. INkosi yam Iza kwenza abanye abantu abaza kuphila emva kwenu, kwaye anisokuze nenze bubi kuYo nakancinane, inene iNkosi yam nguMlondolozi wezinto zonke.”

Ayah 57

وَلَمَّا جَآءَ أَمۡرُنَا نَجَّيۡنَا هُودࣰ ا وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مَعَهُۥ بِرَحۡمَةࣲ مِّنَّا وَنَجَّيۡنَٰهُم مِّنۡ عَذَابٍ غَلِيظࣲ‏

Wakufika uMyalelo weThu Samsindisa uHûd ndawonye nabo babekholwa kunye naye ngeNceba evela kuThi, Sabasindisa kwisohlwayo esibuhlungu

Ayah 58

وَتِلۡكَ عَادࣱۖ جَحَدُواْ بِـَٔايَٰتِ رَبِّهِمۡ وَعَصَوۡاْ رُسُلَهُۥ وَٱتَّبَعُوٓاْ أَمۡرَ كُلِّ جَبَّارٍ عَنِيدࣲ‏

Abo ke yayingama’Ad, bazala iiVesi zeNkosi yabo, ababathobela abaThunywa baYo, balandela imiyalelo yabo bonke abanekratshi, abaqaqadekileyo

Ayah 59

وَأُتۡبِعُواْ فِي هَٰذِهِ ٱلدُّنۡيَا لَعۡنَةࣰ وَيَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۗ أَلَآ إِنَّ عَادࣰ ا كَفَرُواْ رَبَّهُمۡۗ أَلَا بُعۡدࣰ ا لِّعَادࣲ قَوۡمِ هُودࣲ‏

Ke kaloku bona balandeliswa ngesiqalekiso kulo mhlaba nangeMini yoVuko. Ngokungathandabuzekiyo! Inene, ama’Ad, ala ukukholwa eNkosini yawo, ngoko ke kude lee ngama’Ad nangabantu bakuloHûd

Ayah 60

۞وَإِلَىٰ ثَمُودَ أَخَاهُمۡ صَٰلِحࣰ اۚ قَالَ يَٰقَوۡمِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ مَا لَكُم مِّنۡ إِلَٰهٍ غَيۡرُهُۥۖ هُوَ أَنشَأَكُم مِّنَ ٱلۡأَرۡضِ وَٱسۡتَعۡمَرَكُمۡ فِيهَا فَٱسۡتَغۡفِرُوهُ ثُمَّ تُوبُوٓاْ إِلَيۡهِۚ إِنَّ رَبِّي قَرِيبࣱ مُّجِيبࣱ‏

Kanti nakubantu bakwaThamûd Sathumela umzalwana wabo, uSâlih1. Wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh, aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Yena Wanikhupha emhlabeni Wanizinzisa kwakuwo, ke ngoko celani itarhu kuYe nibuyele kuYe ngenguquko. Inene iNkosi yam Ikufutshane, yaye Iyaphendula.”

Ayah 61

قَالُواْ يَٰصَٰلِحُ قَدۡ كُنتَ فِينَا مَرۡجُوࣰّ ا قَبۡلَ هَٰذَآۖ أَتَنۡهَىٰنَآ أَن نَّعۡبُدَ مَا يَعۡبُدُ ءَابَآؤُنَا وَإِنَّنَا لَفِي شَكࣲّ مِّمَّا تَدۡعُونَآ إِلَيۡهِ مُرِيبࣲ‏

Bathi bona: “Hini na Sâlih! Ubuhleli (uphila) phakathi kwethu njengomntu ekunokuthenjelwa ngaye kwada kwayile nto (uyithethayo)! (Ngoku) wena uyasivala ekunquleni oko kwakunqulwa ngoobawo bethu? Ke thina sinentandabuzo kakhulu ngoko usimemela kuko (i-Islam).”

Ayah 62

قَالَ يَٰقَوۡمِ أَرَءَيۡتُمۡ إِن كُنتُ عَلَىٰ بَيِّنَةࣲ مِّن رَّبِّي وَءَاتَىٰنِي مِنۡهُ رَحۡمَةࣰ فَمَن يَنصُرُنِي مِنَ ٱللَّهِ إِنۡ عَصَيۡتُهُۥۖ فَمَا تَزِيدُونَنِي غَيۡرَ تَخۡسِيرࣲ‏

Wathiyena:“Hininabantubakuthi! Ndixelelenike, ukubamna ndinobungqina obucacileyo obuvela eNkosini yam, kananjalo neNceba ifikile kum ivela kuYo, ngubani ongandinceda ngokuchasene noAllâh, xa ndinokungaMthobeli? (Enyanisweni) nina akukho nto nindongezelela yona ngaphandle kwelahleko

Ayah 63

وَيَٰقَوۡمِ هَٰذِهِۦ نَاقَةُ ٱللَّهِ لَكُمۡ ءَايَةࣰۖ فَذَرُوهَا تَأۡكُلۡ فِيٓ أَرۡضِ ٱللَّهِۖ وَلَا تَمَسُّوهَا بِسُوٓءࣲ فَيَأۡخُذَكُمۡ عَذَابࣱ قَرِيبࣱ‏

Hini na bantu bakuthi! Le mazi yenkamela ka-Allâh ingumqondiso kuni, yiyekeni ke izidlele (ingca) emhlabeni ka-Allâh ningayichukumisi ngobubi, kuba hleze isohlwayo esele sikufuphi sinihlasele.”

Ayah 64

فَعَقَرُوهَا فَقَالَ تَمَتَّعُواْ فِي دَارِكُمۡ ثَلَٰثَةَ أَيَّامࣲۖ ذَٰلِكَ وَعۡدٌ غَيۡرُ مَكۡذُوبࣲ‏

Kodwa bayibulala. Wathi ke yena: “Yonwabani emizini yenu iintsuku ezintathu. Esi sisithembiso esingayi kuphikwa.”

Ayah 65

فَلَمَّا جَآءَ أَمۡرُنَا نَجَّيۡنَا صَٰلِحࣰ ا وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مَعَهُۥ بِرَحۡمَةࣲ مِّنَّا وَمِنۡ خِزۡيِ يَوۡمِئِذٍۚ إِنَّ رَبَّكَ هُوَ ٱلۡقَوِيُّ ٱلۡعَزِيزُ

Wathi wakufika uMyalelo weThu, Samsindisa uSâlih ndawonye nabo babekholwa kunye naye ngeNceba evela kuThi, (Sabasindisa) nakwihlazo laloo Mini. Inene iNkosi yakho Inamandla, nguSobunganga

Ayah 66

وَأَخَذَ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ ٱلصَّيۡحَةُ فَأَصۡبَحُواْ فِي دِيَٰرِهِمۡ جَٰثِمِينَ

Wabafumana ke uSâlih abenzi bobubi, balala waca (befile) emizini yabo

Ayah 67

كَأَن لَّمۡ يَغۡنَوۡاْ فِيهَآۗ أَلَآ إِنَّ ثَمُودَاْ كَفَرُواْ رَبَّهُمۡۗ أَلَا بُعۡدࣰ ا لِّثَمُودَ

Babangathi azanga baba ngabemi balapho. Ngokungathandabuzekiyo! Inene amaThamûd ala ukukholwa eNkosini yawo. Kude lee ke ngoko ngamaThamûd

Ayah 68

وَلَقَدۡ جَآءَتۡ رُسُلُنَآ إِبۡرَٰهِيمَ بِٱلۡبُشۡرَىٰ قَالُواْ سَلَٰمࣰ اۖ قَالَ سَلَٰمࣱۖ فَمَا لَبِثَ أَن جَآءَ بِعِجۡلٍ حَنِيذࣲ‏

Ke kaloku kwafika iziThunywa zeThu kuIbrâhîm neendaba ezivuyisayo. Zathi: “Salâm” (uxolo).” Waphendula yena: “Salâm.” Wakhawuleza ukuya kuzonwabisa ngokuzojela ithole

Ayah 69

فَلَمَّا رَءَآ أَيۡدِيَهُمۡ لَا تَصِلُ إِلَيۡهِ نَكِرَهُمۡ وَأَوۡجَسَ مِنۡهُمۡ خِيفَةࣰۚ قَالُواْ لَا تَخَفۡ إِنَّآ أُرۡسِلۡنَآ إِلَىٰ قَوۡمِ لُوطࣲ‏

Kodwa wathi akubona zingazoluleli izandla zazo (ngasesidlweni) akazithemba, wasuka wazoyika. Zathi zona: “Musa ukoyika, thina sithunyelwe kubantu bakwaLût

Ayah 70

وَٱمۡرَأَتُهُۥ قَآئِمَةࣱ فَضَحِكَتۡ فَبَشَّرۡنَٰهَا بِإِسۡحَٰقَ وَمِن وَرَآءِ إِسۡحَٰقَ يَعۡقُوبَ

Umfazi wakhe wayemi apho, ehleka2. Kodwa Samnika iindaba ezivuyisayo ezingoIs-hâ’k nezika Ya’kûb

Ayah 71

قَالَتۡ يَٰوَيۡلَتَىٰٓ ءَأَلِدُ وَأَنَا۠ عَجُوزࣱ وَهَٰذَا بَعۡلِي شَيۡخًاۖ إِنَّ هَٰذَا لَشَيۡءٌ عَجِيبࣱ‏

(Wothuka) wathi: “Yeha kum! Ndiza kuba nomntwana ekubeni ndingumfazi owalupheleyo nendoda yam iyile yalupheleyo oku kwayo? Inene! Ngummangaliso lo.”

Ayah 72

قَالُوٓاْ أَتَعۡجَبِينَ مِنۡ أَمۡرِ ٱللَّهِۖ رَحۡمَتُ ٱللَّهِ وَبَرَكَٰتُهُۥ عَلَيۡكُمۡ أَهۡلَ ٱلۡبَيۡتِۚ إِنَّهُۥ حَمِيدࣱ مَّجِيدࣱ‏

Zathi zona: “Umangazwa ngummiselo ka-Allâh kusini na? INceba ka-Allâh neentsikelelo zaKhe mazibe phezu kwakho, hini na lusapho lukaIbrâhîm, inene Yena (uAllâh) ngowokudunyiswa, nokuzukiswa.”

Ayah 73

فَلَمَّا ذَهَبَ عَنۡ إِبۡرَٰهِيمَ ٱلرَّوۡعُ وَجَآءَتۡهُ ٱلۡبُشۡرَىٰ يُجَٰدِلُنَا فِي قَوۡمِ لُوطٍ

Lwathi lusakudamba uvalo (entliziyweni) kaIbrâhîm neendaba ezivuyisayo zifikile kuye, waqalisa ukuSicenga ngabantu bakwaLût

Ayah 74

إِنَّ إِبۡرَٰهِيمَ لَحَلِيمٌ أَوَّٰهࣱ مُّنِيبࣱ‏

Inene ngokungathandabuzekiyo uIbrâhîm, wayenokunyamezela, ebiza rhoqo kuAllâh ngokuzithobileyo, kananjalo wayenenguquko yena

Ayah 75

يَٰٓإِبۡرَٰهِيمُ أَعۡرِضۡ عَنۡ هَٰذَآۖ إِنَّهُۥ قَدۡ جَآءَ أَمۡرُ رَبِّكَۖ وَإِنَّهُمۡ ءَاتِيهِمۡ عَذَابٌ غَيۡرُ مَرۡدُودࣲ‏

“Hini na Ibrâhîm! Kuyeke oku3, inene, uMyalelo weNkosi yakho sele uphumile, inene baza kufikelwa sisohlwayo esingekhe sibuyiselwe umva

Ayah 76

وَلَمَّا جَآءَتۡ رُسُلُنَا لُوطࣰ ا سِيٓءَ بِهِمۡ وَضَاقَ بِهِمۡ ذَرۡعࣰ ا وَقَالَ هَٰذَا يَوۡمٌ عَصِيبࣱ‏

Zathi zisakufika iziThunywa zeThu kuLût waba buhlungu ngenxa yabo (abantu bakubo4), waziva onakele emphefumlweni wakhe. Wathi: “Le yimini ebuhlungu.”

Ayah 77

وَجَآءَهُۥ قَوۡمُهُۥ يُهۡرَعُونَ إِلَيۡهِ وَمِن قَبۡلُ كَانُواْ يَعۡمَلُونَ ٱلسَّيِّـَٔاتِۚ قَالَ يَٰقَوۡمِ هَٰٓؤُلَآءِ بَنَاتِي هُنَّ أَطۡهَرُ لَكُمۡۖ فَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَلَا تُخۡزُونِ فِي ضَيۡفِيٓۖ أَلَيۡسَ مِنكُمۡ رَجُلࣱ رَّشِيدࣱ‏

Ke kaloku abantu bakubo beza begxalathelana kuye, njengoko kwangaphambili babedla ngokwenza izenzo zokungcola, wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Nazi iintombi zam zona zihlambulukile kuni (ukuba niyazitshata). Ke ngoko yoyikani uAllâh ningandihlazi ngokuphathelene neendwendwe zam! Ingaba akusekho namnye na apha kuni onengqondo?”

Ayah 78

قَالُواْ لَقَدۡ عَلِمۡتَ مَا لَنَا فِي بَنَاتِكَ مِنۡ حَقࣲّ وَإِنَّكَ لَتَعۡلَمُ مَا نُرِيدُ

Bathi bona: “Ngokuqinisekileyo wazi kakuhle wena okokuba thina asinamdla, singenawo nomnqweno weentombi zakho, eneneni ukwazi kakuhle esikufunayo thina wena.”

Ayah 79

قَالَ لَوۡ أَنَّ لِي بِكُمۡ قُوَّةً أَوۡ ءَاوِيٓ إِلَىٰ رُكۡنࣲ شَدِيدࣲ‏

Wathi yena: “Akwaba bendinamandla okunoyisa okanye ndibalekele kumxhasi onamandla.”

Ayah 80

قَالُواْ يَٰلُوطُ إِنَّا رُسُلُ رَبِّكَ لَن يَصِلُوٓاْ إِلَيۡكَۖ فَأَسۡرِ بِأَهۡلِكَ بِقِطۡعࣲ مِّنَ ٱلَّيۡلِ وَلَا يَلۡتَفِتۡ مِنكُمۡ أَحَدٌ إِلَّا ٱمۡرَأَتَكَۖ إِنَّهُۥ مُصِيبُهَا مَآ أَصَابَهُمۡۚ إِنَّ مَوۡعِدَهُمُ ٱلصُّبۡحُۚ أَلَيۡسَ ٱلصُّبۡحُ بِقَرِيبࣲ‏

Zathi (iziThunywa) zona: “Hini na (Lût)! Inene, thina siziziThunywa ezivela eNkosini yakho! Abayi kufikelela kuwe! Ke kaloku wena hamba nosapho lwakho kwisahlulo sobusuku, kungabikho namnye kuni unyeka ngasemva; ngaphandle komfazi wakho, inene, isohlwayo esiza kuthwaxa bona siza kuthwaxa yena, inene, ekuseni iya kuba lixesha labo elimisiweyo. Ayikho kufuphi na intsasa?”

Ayah 81

فَلَمَّا جَآءَ أَمۡرُنَا جَعَلۡنَا عَٰلِيَهَا سَافِلَهَا وَأَمۡطَرۡنَا عَلَيۡهَا حِجَارَةࣰ مِّن سِجِّيلࣲ مَّنضُودࣲ‏

Ke kaloku wakufika uMyalelo weThu, Sayibhedulula (iSodom ne Gomora), Sanisa imvula yamatye odongwe olutshisiweyo, ngendlela ecwangciswe kakuhle, (ilitye) ngalinye (lisiwa) emva kwelinye

Ayah 82

مُّسَوَّمَةً عِندَ رَبِّكَۖ وَمَا هِيَ مِنَ ٱلظَّٰلِمِينَ بِبَعِيدࣲ‏

Bona baphawulwe ngophawu oluvela eNkosini yakho yaye bona baya kuhlala bengekho kude kubenzi bobubi

Ayah 83

۞وَإِلَىٰ مَدۡيَنَ أَخَاهُمۡ شُعَيۡبࣰ اۚ قَالَ يَٰقَوۡمِ ٱعۡبُدُواْ ٱللَّهَ مَا لَكُم مِّنۡ إِلَٰهٍ غَيۡرُهُۥۖ وَلَا تَنقُصُواْ ٱلۡمِكۡيَالَ وَٱلۡمِيزَانَۖ إِنِّيٓ أَرَىٰكُم بِخَيۡرࣲ وَإِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُمۡ عَذَابَ يَوۡمࣲ مُّحِيطࣲ‏

Ke kaloku kubantu bakwa Midiyane Sathumela umzalwana wabo uShu’aybh. Wathi kubo: “Hini na bantu bakuthi! Nqulani uAllâh, aninathixo wumbi ngaphandle kwaKhe kananjalo musani ukunika (abantu) umlinganiselo onganeno kunoyimfanelo, Ndinibona nisendyebeni yaye ndiyanoyikisela kwiMini egubungelayo

Ayah 84

وَيَٰقَوۡمِ أَوۡفُواْ ٱلۡمِكۡيَالَ وَٱلۡمِيزَانَ بِٱلۡقِسۡطِۖ وَلَا تَبۡخَسُواْ ٱلنَّاسَ أَشۡيَآءَهُمۡ وَلَا تَعۡثَوۡاْ فِي ٱلۡأَرۡضِ مُفۡسِدِينَ

“Hini na bantu bakuthi! Nikani umlinganiselo onguwo nimete ngobulungisa ningazinciphisi izinto ekufuneka nizinike abantu, ningenzi ubutshinga emhlabeni, nidale ububi.”

Ayah 85

بَقِيَّتُ ٱللَّهِ خَيۡرࣱ لَّكُمۡ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَۚ وَمَآ أَنَا۠ عَلَيۡكُم بِحَفِيظࣲ‏

Oko nikushiyelwe nguAllâh (emva kokuba ninike abantu amalungelo abo) kulungile kuni, ukuba niyakholwa. Ke mna andingomlondolozi wenu.”

Ayah 86

قَالُواْ يَٰشُعَيۡبُ أَصَلَوٰتُكَ تَأۡمُرُكَ أَن نَّتۡرُكَ مَا يَعۡبُدُ ءَابَآؤُنَآ أَوۡ أَن نَّفۡعَلَ فِيٓ أَمۡوَٰلِنَا مَا نَشَٰٓؤُاْۖ إِنَّكَ لَأَنتَ ٱلۡحَلِيمُ ٱلرَّشِيدُ

Bathi bona: “Hini na Shu’aybh! Ingaba iSalâh yakho ikuyalela ukuba silahle oko kwakunqulwa ngoobawo bethu, nokuba siyeke ukwenza esikuthandayo ngezinto zethu? Inene wena ungumnyamezeli, uyingqondi (batsho bephoxisa)!”

Ayah 87

قَالَ يَٰقَوۡمِ أَرَءَيۡتُمۡ إِن كُنتُ عَلَىٰ بَيِّنَةࣲ مِّن رَّبِّي وَرَزَقَنِي مِنۡهُ رِزۡقًا حَسَنࣰ اۚ وَمَآ أُرِيدُ أَنۡ أُخَالِفَكُمۡ إِلَىٰ مَآ أَنۡهَىٰكُمۡ عَنۡهُۚ إِنۡ أُرِيدُ إِلَّا ٱلۡإِصۡلَٰحَ مَا ٱسۡتَطَعۡتُۚ وَمَا تَوۡفِيقِيٓ إِلَّا بِٱللَّهِۚ عَلَيۡهِ تَوَكَّلۡتُ وَإِلَيۡهِ أُنِيبُ

Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Ndixeleleni, ukuba ngaba ndinobungqina obucacileyo obuvela eNkosini yam, yaye Indinike isixhaso esilungileyo esivela kuYo (eso sixhaso ndiya kusingcolisa na ngokusixuba nezinto endizifumene ngokungemthetho?) Andinqweni njalo, nto leyo ingangqinelaniyo (noko nikwenzayo) nina, andinako ukwenza oko ndiniyalela ukuba ningakwenzi nina. Kuphela mna ndinqwenela ukuphucula (isimilo sabantu) kangangoko ndinako. Kananjalo isiKhokelo sam asingekhe sifike ngaphandle kokuba sivela kuAllâh. Mna ndibeka ithemba lam kuYe, yaye ndiguqukela kuYe

Ayah 88

وَيَٰقَوۡمِ لَا يَجۡرِمَنَّكُمۡ شِقَاقِيٓ أَن يُصِيبَكُم مِّثۡلُ مَآ أَصَابَ قَوۡمَ نُوحٍ أَوۡ قَوۡمَ هُودٍ أَوۡ قَوۡمَ صَٰلِحࣲۚ وَمَا قَوۡمُ لُوطࣲ مِّنكُم بِبَعِيدࣲ‏

Hini na bantu bakuthi! Ningenzi ukuzahlula kwam kuni kube ngunobangela wokuba nifumane okwafunyanwa ngabantu bakwaNûh okanye abakwaHûd okanye abakwaSâlih, yaye nabantu bakwaLût abakudanga (ngezenzo) kuni

Ayah 89

وَٱسۡتَغۡفِرُواْ رَبَّكُمۡ ثُمَّ تُوبُوٓاْ إِلَيۡهِۚ إِنَّ رَبِّي رَحِيمࣱ وَدُودࣱ‏

Ke kaloku celani itarhu kwiNkosi yenu, nibuyele kuYo ngenguquko. Inene iNkosi yam IneNceba, InoThando.”

Ayah 90

قَالُواْ يَٰشُعَيۡبُ مَا نَفۡقَهُ كَثِيرࣰ ا مِّمَّا تَقُولُ وَإِنَّا لَنَرَىٰكَ فِينَا ضَعِيفࣰ اۖ وَلَوۡلَا رَهۡطُكَ لَرَجَمۡنَٰكَۖ وَمَآ أَنتَ عَلَيۡنَا بِعَزِيزࣲ‏

Bathi bona: “Hini na Shu’aybh! Asikuva kakuhle konke oko 00ukuthethayo, ukanti sikubona ngathi wena ubuthathaka phakathi kwethu, (kangangokuba) ukuba bekungekho ngenxa yosapho lwakho ngesele sikuxulube ngamatye, yaye awunamandla ngokuchasene nathi.”

Ayah 91

قَالَ يَٰقَوۡمِ أَرَهۡطِيٓ أَعَزُّ عَلَيۡكُم مِّنَ ٱللَّهِ وَٱتَّخَذۡتُمُوهُ وَرَآءَكُمۡ ظِهۡرِيًّاۖ إِنَّ رَبِّي بِمَا تَعۡمَلُونَ مُحِيطࣱ‏

Wathi yena: “Hini na bantu bakuthi! Ingaba usapho lwam lubaluleke ngaphezulu kunoAllâh kusini na? Izibe sele naMjula ngemva (kwelokulibala). Inene iNkosi yam Ikugubungele konke oko nikwenzayo

Ayah 92

وَيَٰقَوۡمِ ٱعۡمَلُواْ عَلَىٰ مَكَانَتِكُمۡ إِنِّي عَٰمِلࣱۖ سَوۡفَ تَعۡلَمُونَ مَن يَأۡتِيهِ عَذَابࣱ يُخۡزِيهِ وَمَنۡ هُوَ كَٰذِبࣱۖ وَٱرۡتَقِبُوٓاْ إِنِّي مَعَكُمۡ رَقِيبࣱ‏

Kananjalo hini na bantu bakuthi! Yenzani (izinto) ngokohlobo namandla enu, nam ngokwam ndenza (njalo) niza kwazi okokuba kuphezu kukabani na apho kuza kuhla isohlwayo esiza kumgquma ngehlazo, (kuza kucaca) kananjalo okokuba ngubani na olixoki! Niqwalasele ke nam ndiqwalasele kunye nani.”

Ayah 93

وَلَمَّا جَآءَ أَمۡرُنَا نَجَّيۡنَا شُعَيۡبࣰ ا وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مَعَهُۥ بِرَحۡمَةࣲ مِّنَّا وَأَخَذَتِ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ ٱلصَّيۡحَةُ فَأَصۡبَحُواْ فِي دِيَٰرِهِمۡ جَٰثِمِينَ

Ke kaloku wakufika uMyalelo wethu, Samsindisa uShu’aybh ndawonye nabo babekholwa kunye naye, ngeNceba evela kuThi. Saza isohlwayo esibuhlungu sababamba abenzi bobubi, balala waca (bafa) bedunduluzile emizini yabo

Ayah 94

كَأَن لَّمۡ يَغۡنَوۡاْ فِيهَآۗ أَلَا بُعۡدࣰ ا لِّمَدۡيَنَ كَمَا بَعِدَتۡ ثَمُودُ

Babangathi azanga babe ngabemi balapho! Kude lee ke ngoko ngabantu bakwaMidiyane njengabakwaThamûd

Ayah 95

وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا مُوسَىٰ بِـَٔايَٰتِنَا وَسُلۡطَٰنࣲ مُّبِينٍ

Kananjalo inene, Sathuma uMûsâ nemiqondiso yeThu namagunya acacileyo

Ayah 96

إِلَىٰ فِرۡعَوۡنَ وَمَلَإِيْهِۦ فَٱتَّبَعُوٓاْ أَمۡرَ فِرۡعَوۡنَۖ وَمَآ أَمۡرُ فِرۡعَوۡنَ بِرَشِيدࣲ‏

KuFir’awn namaphakathi akhe, kodwa wona alandela umyalelo kaFir’awn, kodwa umyalelo kaFir’awn wawungesosikhokelo silungileyo

Ayah 97

يَقۡدُمُ قَوۡمَهُۥ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ فَأَوۡرَدَهُمُ ٱلنَّارَۖ وَبِئۡسَ ٱلۡوِرۡدُ ٱلۡمَوۡرُودُ

Yena (uFir’awn) uya kuhamba ngaphambili kubantu bakowabo ngoMhla wovuko, abakhokelele eMlilweni, hayi ukubambi kwendawo abaza kukhokelelwa kuyo

Ayah 98

وَأُتۡبِعُواْ فِي هَٰذِهِۦ لَعۡنَةࣰ وَيَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۚ بِئۡسَ ٱلرِّفۡدُ ٱلۡمَرۡفُودُ

Balandeliswa ngesiqalekiso kobu (bomi) kanti nangeMini yoVuko. Hayi ukuba sibi kwesipho (abaya) kusiphiwa

Ayah 99

ذَٰلِكَ مِنۡ أَنۢبَآءِ ٱلۡقُرَىٰ نَقُصُّهُۥ عَلَيۡكَۖ مِنۡهَا قَآئِمࣱ وَحَصِيدࣱ‏

Ezo zezinye zeendaba (zabemi) bezixeko eSikubalisela ngazo (Muhammad), ezinye zazo zisemi nangoku, ezinye sele zawa (kudala)

Ayah 100

وَمَا ظَلَمۡنَٰهُمۡ وَلَٰكِن ظَلَمُوٓاْ أَنفُسَهُمۡۖ فَمَآ أَغۡنَتۡ عَنۡهُمۡ ءَالِهَتُهُمُ ٱلَّتِي يَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ مِن شَيۡءࣲ لَّمَّا جَآءَ أَمۡرُ رَبِّكَۖ وَمَا زَادُوهُمۡ غَيۡرَ تَتۡبِيبࣲ‏

Asizanga Sibenze bubi Thina koko ngabo ngokwabo abazenza ububi. Oothixo babo abangaphandle koAllâh ababebiza kubo, abazanga babancede nto ukufika koMyalelo weNkosi yakho, kungekho nto babongezelela ngayo ngaphandle kwentshabalalo

Ayah 101

وَكَذَٰلِكَ أَخۡذُ رَبِّكَ إِذَآ أَخَذَ ٱلۡقُرَىٰ وَهِيَ ظَٰلِمَةٌۚ إِنَّ أَخۡذَهُۥٓ أَلِيمࣱ شَدِيدٌ

Olo ke luhlaselo lweNkosi yakho, Yona ihlasela izixeko ezenza ubugwenxa. Inene uhlaselo lwaYo lubuhlungu kanobom

Ayah 102

إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَةࣰ لِّمَنۡ خَافَ عَذَابَ ٱلۡأٓخِرَةِۚ ذَٰلِكَ يَوۡمࣱ مَّجۡمُوعࣱ لَّهُ ٱلنَّاسُ وَذَٰلِكَ يَوۡمࣱ مَّشۡهُودࣱ‏

Inene kuko oko kukho isifundo kwabo basoyikayo isohlwayo soBomi oBuzayo, Leyo iya kuba yiMini apho abantu baya kuqokelelwa ndawonye, yaye yiMini leyo kuza kubakho zonke (izinto)

Ayah 103

وَمَا نُؤَخِّرُهُۥٓ إِلَّا لِأَجَلࣲ مَّعۡدُودࣲ‏

Ke kaloku Siyibambezelele ixesha (layo) elimisiweyo

Ayah 104

يَوۡمَ يَأۡتِ لَا تَكَلَّمُ نَفۡسٌ إِلَّا بِإِذۡنِهِۦۚ فَمِنۡهُمۡ شَقِيࣱّ وَسَعِيدࣱ‏

NgeMini eya kufika ngayo akukho mntu uya kuthetha ngaphandle kwemvume yaKhe (uAllâh). Abanye kubo ngaloo Mini baya kuba lusizana abanye basikeleleke

Ayah 105

فَأَمَّا ٱلَّذِينَ شَقُواْ فَفِي ٱلنَّارِ لَهُمۡ فِيهَا زَفِيرࣱ وَشَهِيقٌ

Abo balusizana baya kuba seMlilweni batsho ngesingqala ngelizwi eliphezulu nelisezantsi

Ayah 106

خَٰلِدِينَ فِيهَا مَا دَامَتِ ٱلسَّمَٰوَٰتُ وَٱلۡأَرۡضُ إِلَّا مَا شَآءَ رَبُّكَۚ إِنَّ رَبَّكَ فَعَّالࣱ لِّمَا يُرِيدُ

Baya kuhlala apho ixesha lonke eliya kunyanyezelwa ngamazulu nomhlaba, ngaphandle kokuba iNkosi yakho Ithandile. Inene, iNkosi yakho nguMenzi wentando yaYo

Ayah 107

۞وَأَمَّا ٱلَّذِينَ سُعِدُواْ فَفِي ٱلۡجَنَّةِ خَٰلِدِينَ فِيهَا مَا دَامَتِ ٱلسَّمَٰوَٰتُ وَٱلۡأَرۡضُ إِلَّا مَا شَآءَ رَبُّكَۖ عَطَآءً غَيۡرَ مَجۡذُوذࣲ‏

Ke bona abo basikelelekileyo baya kuba sePaladesi bahlale apho ixesha lonke eliya kunyanyezelwa ngamazulu nomhlaba, ngaphandle kokuba iNkosi yakho Ithandile, (eso iya kuba) sisipho esingenasiphelo

Ayah 108

فَلَا تَكُ فِي مِرۡيَةࣲ مِّمَّا يَعۡبُدُ هَٰٓؤُلَآءِۚ مَا يَعۡبُدُونَ إِلَّا كَمَا يَعۡبُدُ ءَابَآؤُهُم مِّن قَبۡلُۚ وَإِنَّا لَمُوَفُّوهُمۡ نَصِيبَهُمۡ غَيۡرَ مَنقُوصࣲ‏

Wena ke (Muhammad) ungabi nantandabuzo ngezinto ezinqulwa ngaba bantu. Akukho nto bayikhonzayo ngaphandle koko kwakukhonzwa ngooyise mandulo. Yaye inene, siza kubahlawula ngokupheleleyo umvuzo wabo ngaphandle kwesinciphiso

Ayah 109

وَلَقَدۡ ءَاتَيۡنَا مُوسَى ٱلۡكِتَٰبَ فَٱخۡتُلِفَ فِيهِۚ وَلَوۡلَا كَلِمَةࣱ سَبَقَتۡ مِن رَّبِّكَ لَقُضِيَ بَيۡنَهُمۡۚ وَإِنَّهُمۡ لَفِي شَكࣲّ مِّنۡهُ مُرِيبࣲ‏

Inene Sanika uMûsâ iNcwadi kodwa kwavela iyantlukwano apho kuyo, ukuba kwakungekho ngenxa yelizwi elalisele liphumile livela eNkosini yakho, umcimbi ngowusele wagwetywa phakathi kwabo, kananjalo inene bona baneentandabuzo kanobom ngayo (le ‘Kurân)

Ayah 110

وَإِنَّ كُلࣰّ ا لَّمَّا لَيُوَفِّيَنَّهُمۡ رَبُّكَ أَعۡمَٰلَهُمۡۚ إِنَّهُۥ بِمَا يَعۡمَلُونَ خَبِيرࣱ‏

Kananjalo umntu ngamye kubo iNkosi yakho Iza kumhlawula imisebenzi yakhe ngokuzeleyo. Inene Yona Ikwazi konke oko bakwenzayo

Ayah 111

فَٱسۡتَقِمۡ كَمَآ أُمِرۡتَ وَمَن تَابَ مَعَكَ وَلَا تَطۡغَوۡاْۚ إِنَّهُۥ بِمَا تَعۡمَلُونَ بَصِيرࣱ‏

Ke wena yima nkqo uqine njengoko uyalelwe ndawonye nabo (bangabafundi bakho) baguqukayo (babuyele kuAllâh), bangagabadeliyo batsibe imida, (ka-Allâh). Inene Yena Uyakubona oko nikwenzayo

Ayah 112

وَلَا تَرۡكَنُوٓاْ إِلَى ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ فَتَمَسَّكُمُ ٱلنَّارُ وَمَا لَكُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ مِنۡ أَوۡلِيَآءَ ثُمَّ لَا تُنصَرُونَ

Ke wena ungatyekeli ngakwabo benza ubugwenxa, hleze uMlilo ukurhece, yaye akunabakhuseli ngaphandle koAllâh, ungayi kuncedwa nakuncedwa

Ayah 113

وَأَقِمِ ٱلصَّلَوٰةَ طَرَفَيِ ٱلنَّهَارِ وَزُلَفࣰ ا مِّنَ ٱلَّيۡلِۚ إِنَّ ٱلۡحَسَنَٰتِ يُذۡهِبۡنَ ٱلسَّيِّـَٔاتِۚ ذَٰلِكَ ذِكۡرَىٰ لِلذَّٰكِرِينَ

Kananjalo wena yenza iSalâh ngazo zozibini iziphelo zemini nangeeyure ezithile zobusuku. Inene izenzo ezilungileyo ziyazisusa izenzo ezingcolileyo kwabo banenkathalo

Ayah 114

وَٱصۡبِرۡ فَإِنَّ ٱللَّهَ لَا يُضِيعُ أَجۡرَ ٱلۡمُحۡسِنِينَ

Uze ube nomonde, inene, uAllâh akawulahli umvuzo wabenzi bokulungileyo

Ayah 115

فَلَوۡلَا كَانَ مِنَ ٱلۡقُرُونِ مِن قَبۡلِكُمۡ أُوْلُواْ بَقِيَّةࣲ يَنۡهَوۡنَ عَنِ ٱلۡفَسَادِ فِي ٱلۡأَرۡضِ إِلَّا قَلِيلࣰ ا مِّمَّنۡ أَنجَيۡنَا مِنۡهُمۡۗ وَٱتَّبَعَ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ مَآ أُتۡرِفُواْ فِيهِ وَكَانُواْ مُجۡرِمِينَ

Akwaba phambi kwenu kwakukho abantu ababenobulumko, bethintela abanye ukuba bangenzi ukungcola emhlabeni (Kodwa akuzanga kubekho namnye) ngaphandle kwabambalwa babo eSabasindisayo phakathi kwabo! Abo babengabenzi bobubi babeleqeka emva kolonwabo lwezinto eziyolisayo zobomi beli hlabathi baza baba zizingcoli

Ayah 116

وَمَا كَانَ رَبُّكَ لِيُهۡلِكَ ٱلۡقُرَىٰ بِظُلۡمࣲ وَأَهۡلُهَا مُصۡلِحُونَ

Ke kaloku iNkosi yakho yayingekhe Isuke Itshabalalise izixeko ngobugwenxa, abantu bazo bengamalungisa

Ayah 117

وَلَوۡ شَآءَ رَبُّكَ لَجَعَلَ ٱلنَّاسَ أُمَّةࣰ وَٰحِدَةࣰۖ وَلَا يَزَالُونَ مُخۡتَلِفِينَ

Ukanti ukuba iNkosi yakho Yayithandile ngeYayisuke Yabenza abantubabasisizweesinye. Kodwababengazukuyeka ukuphikisana

Ayah 118

إِلَّا مَن رَّحِمَ رَبُّكَۚ وَلِذَٰلِكَ خَلَقَهُمۡۗ وَتَمَّتۡ كَلِمَةُ رَبِّكَ لَأَمۡلَأَنَّ جَهَنَّمَ مِنَ ٱلۡجِنَّةِ وَٱلنَّاسِ أَجۡمَعِينَ

Ngaphandle kwalowo iNkosi yakho Imenzele iNceba yayo, kananjalo Yabadalela loo nto ke. Kananjalo iLizwi leNkosi yakho sele lizalisekisiwe, elithi: “Inene Mna Ndiya kuzalisa isiHogo ngeejinni nabantu ndaweninye”

Ayah 119

وَكُلࣰّ ا نَّقُصُّ عَلَيۡكَ مِنۡ أَنۢبَآءِ ٱلرُّسُلِ مَا نُثَبِّتُ بِهِۦ فُؤَادَكَۚ وَجَآءَكَ فِي هَٰذِهِ ٱلۡحَقُّ وَمَوۡعِظَةࣱ وَذِكۡرَىٰ لِلۡمُؤۡمِنِينَ

Ke kaloku konke oko Sikubalisela kona wena (Muhammad) kweendaba ezilungileyo zabaThunywa kungenxa yokuba Senzela ukuba intliziyo yakho yomelezeke iqine ngazo. Kananjalo ngaso esi (sahluko) kufike inyaniso kuwe, ndawonye nesilumkiso nenkumbuzo kwabakholwayo

Ayah 120

وَقُل لِّلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ ٱعۡمَلُواْ عَلَىٰ مَكَانَتِكُمۡ إِنَّا عَٰمِلُونَ

Yithi ke kwabo bangakholwayo: “Yenzani ngokwamandla enu, nathi ngokwethu siya kwenza (ngeyethu indlela)

Ayah 121

وَٱنتَظِرُوٓاْ إِنَّا مُنتَظِرُونَ

Kananjalo lindani! Nathi oku kwethu silindile.”

Ayah 122

وَلِلَّهِ غَيۡبُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَإِلَيۡهِ يُرۡجَعُ ٱلۡأَمۡرُ كُلُّهُۥ فَٱعۡبُدۡهُ وَتَوَكَّلۡ عَلَيۡهِۚ وَمَا رَبُّكَ بِغَٰفِلٍ عَمَّا تَعۡمَلُونَ

Yaye kokuka-Allâh okungabonwayo emazulwini nasemhlabeni, kananjalo kukuYe apho yonke imicimbi ibuyela khona. Khonza Yena ke wena, ubeke ithemba lakho kuYe. iNkosi yakho Ayingaba Ayikwazi oko nikwenzayo

Ayah 123