Surah At-Talaaq — Divorce
Surah At-Talaaq (Divorce) is chapter 65 of the Quran, with 12 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.
يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّبِيُّ إِذَا طَلَّقۡتُمُ ٱلنِّسَآءَ فَطَلِّقُوهُنَّ لِعِدَّتِهِنَّ وَأَحۡصُواْ ٱلۡعِدَّةَۖ وَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ رَبَّكُمۡۖ لَا تُخۡرِجُوهُنَّ مِنۢ بُيُوتِهِنَّ وَلَا يَخۡرُجۡنَ إِلَّآ أَن يَأۡتِينَ بِفَٰحِشَةࣲ مُّبَيِّنَةࣲۚ وَتِلۡكَ حُدُودُ ٱللَّهِۚ وَمَن يَتَعَدَّ حُدُودَ ٱللَّهِ فَقَدۡ ظَلَمَ نَفۡسَهُۥۚ لَا تَدۡرِي لَعَلَّ ٱللَّهَ يُحۡدِثُ بَعۡدَ ذَٰلِكَ أَمۡرࣰ ا
Hini na Mprofeti, xa nina (maMuslim) niqhawula umtshato nabafazi, wuqhawuleni (isiqalo) sexesha labo lokulinda nilibale kananjalo ixesha (labo) lokulinda, noyike uAllâh iNkosi yenu. Musani ukubagxotha kwimizi (yabayeni) babo nabo oku kwabo abafanelanga kuzimkela (phakathi exesheni apho) ngaphandle kokuba benze uburheletya ngokucacileyo. Leyo ke yimiqathango ka-Allâh. Nabani na ke ogabadela imiqathango ka-Allâh; uzonile (lowo) ngokwakhe buqu. Nina anazi nto; mhlawumbi uAllâh Angavelisa into engumahluko emva koko
Ayah 1فَإِذَا بَلَغۡنَ أَجَلَهُنَّ فَأَمۡسِكُوهُنَّ بِمَعۡرُوفٍ أَوۡ فَارِقُوهُنَّ بِمَعۡرُوفࣲ وَأَشۡهِدُواْ ذَوَيۡ عَدۡلࣲ مِّنكُمۡ وَأَقِيمُواْ ٱلشَّهَٰدَةَ لِلَّهِۚ ذَٰلِكُمۡ يُوعَظُ بِهِۦ مَن كَانَ يُؤۡمِنُ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِۚ وَمَن يَتَّقِ ٱللَّهَ يَجۡعَل لَّهُۥ مَخۡرَجࣰ ا
Xa ke sele (bephantsele) ukuzalisekisa ixesha elo nisengabagcina ngemvisiswano entle kungenjalo nahlukane nabo ngesihle. Nize namangqina amabini angamadoda angamalungisa phakathi kwenu, nimisele ubungqina obamkelekileyo kuAllâh. Oko kuyalelwa lowo ukholwayo kuAllâh nakwiMini yokuGqibela. Ke kaloku lowo umoyikayo uAllâh, Uya kumenzela indlela
Ayah 2وَيَرۡزُقۡهُ مِنۡ حَيۡثُ لَا يَحۡتَسِبُۚ وَمَن يَتَوَكَّلۡ عَلَى ٱللَّهِ فَهُوَ حَسۡبُهُۥٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ بَٰلِغُ أَمۡرِهِۦۚ قَدۡ جَعَلَ ٱللَّهُ لِكُلِّ شَيۡءࣲ قَدۡرࣰ ا
Kananjalo Uya kumbonelela apho ebengalindelanga khona. Nabani na oxhomekeke kuAllâh Yena Wanele kuye. Inene uAllâh Uza kuyifezekisa eyaKhe injongo. UAllâh sele kakade Emmisele (lowo) ngeento zonke
Ayah 3وَٱلَّٰٓـِٔي يَئِسۡنَ مِنَ ٱلۡمَحِيضِ مِن نِّسَآئِكُمۡ إِنِ ٱرۡتَبۡتُمۡ فَعِدَّتُهُنَّ ثَلَٰثَةُ أَشۡهُرࣲ وَٱلَّٰٓـِٔي لَمۡ يَحِضۡنَۚ وَأُوْلَٰتُ ٱلۡأَحۡمَالِ أَجَلُهُنَّ أَن يَضَعۡنَ حَمۡلَهُنَّۚ وَمَن يَتَّقِ ٱللَّهَ يَجۡعَل لَّهُۥ مِنۡ أَمۡرِهِۦ يُسۡرࣰ ا
Ke kaloku kwabo bangasalindelekanga ukuya exesheni phakathi kwabafazi benu ukuba niyathandabuza, elabo ixesha ziinyanga ezintathu, kanti nakwabo bangekayi exesheni. Bona abo bamithiyo ixesha labo (lokulinda emva koqhawulo mtshato) kukuba bade bazale nabani na ke omoyikayo uAllâh, Uya kumenzela lula umcimbi wakhe
Ayah 4ذَٰلِكَ أَمۡرُ ٱللَّهِ أَنزَلَهُۥٓ إِلَيۡكُمۡۚ وَمَن يَتَّقِ ٱللَّهَ يُكَفِّرۡ عَنۡهُ سَيِّـَٔاتِهِۦ وَيُعۡظِمۡ لَهُۥٓ أَجۡرًا
Lowo ngumyalelo ka-Allâh, Awuthumele phantsi kuni; nabani na lowo woyika uAllâh Uya kumsusela izenzo zakhe ezigwenxa kuye Amenzele mkhulu umvuzo wakhe
Ayah 5أَسۡكِنُوهُنَّ مِنۡ حَيۡثُ سَكَنتُم مِّن وُجۡدِكُمۡ وَلَا تُضَآرُّوهُنَّ لِتُضَيِّقُواْ عَلَيۡهِنَّۚ وَإِن كُنَّ أُوْلَٰتِ حَمۡلࣲ فَأَنفِقُواْ عَلَيۡهِنَّ حَتَّىٰ يَضَعۡنَ حَمۡلَهُنَّۚ فَإِنۡ أَرۡضَعۡنَ لَكُمۡ فَـَٔاتُوهُنَّ أُجُورَهُنَّ وَأۡتَمِرُواْ بَيۡنَكُم بِمَعۡرُوفࣲۖ وَإِن تَعَاسَرۡتُمۡ فَسَتُرۡضِعُ لَهُۥٓ أُخۡرَىٰ
Bahlaliseni apho nihlala khona ngendlela eninako (ukwenza ngayo) ningabenzibubingendlelayokubacinezela(nibaphathe kakubi). Ukuba ngaba bamithi ke, bahoyeni bade bazale. Ukuba banincancisela (iintsana zenu) banikeni intlawulo yabo ebafaneleyo kananjalo ngamnye kuni makalamkele icebiso lomnye ngendlela enesihle. Ke kaloku ukuba nenzelana ubunzima, abanye abafazi basenokumncancisela usana (uyise wosana)
Ayah 6لِيُنفِقۡ ذُو سَعَةࣲ مِّن سَعَتِهِۦۖ وَمَن قُدِرَ عَلَيۡهِ رِزۡقُهُۥ فَلۡيُنفِقۡ مِمَّآ ءَاتَىٰهُ ٱللَّهُۚ لَا يُكَلِّفُ ٱللَّهُ نَفۡسًا إِلَّا مَآ ءَاتَىٰهَاۚ سَيَجۡعَلُ ٱللَّهُ بَعۡدَ عُسۡرࣲ يُسۡرࣰ ا
Ke kaloku indoda esisityebi mayithabathe kubutyebi bayo, leyo ingqwebo yayo incitshiweyo mayithabathe koko uAllâh Ayinike kona (yondle umfazi). UAllâh Akawuthwalisi umphefumlo umthwalo ngaphandle kwalowo Awunike wona, uAllâh Uya kuzisa emveni kobunzima, ubulula (ukuphumla)
Ayah 7وَكَأَيِّن مِّن قَرۡيَةٍ عَتَتۡ عَنۡ أَمۡرِ رَبِّهَا وَرُسُلِهِۦ فَحَاسَبۡنَٰهَا حِسَابࣰ ا شَدِيدࣰ ا وَعَذَّبۡنَٰهَا عَذَابࣰ ا نُّكۡرࣰ ا
Zingaphi izixeko ezaba nendelelo mayela nomyalelo weNkosi yazo nabaThunywa baYo. Sazithabatha ke ukuba zihlawule ityala Sazohlwaya ngesohlwayo esibi
Ayah 8فَذَاقَتۡ وَبَالَ أَمۡرِهَا وَكَانَ عَٰقِبَةُ أَمۡرِهَا خُسۡرًا
(Ngasinye kuzo ezo zixeko) sangcamla iziphumo ezibi zemeko yaso. Kwaye isiphumo semeko yaso saba yilahleko
Ayah 9أَعَدَّ ٱللَّهُ لَهُمۡ عَذَابࣰ ا شَدِيدࣰ اۖ فَٱتَّقُواْ ٱللَّهَ يَٰٓأُوْلِي ٱلۡأَلۡبَٰبِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْۚ قَدۡ أَنزَلَ ٱللَّهُ إِلَيۡكُمۡ ذِكۡرࣰ ا
UAllâh Ubalungiselele isohlwayo esibuhlungu; yoyikani uAllâhkengoko, hininaninabantubanengqondobakholwayo, uAllâh Uthumele umyalezo kuni (i’Kur’ân)
Ayah 10رَّسُولࣰ ا يَتۡلُواْ عَلَيۡكُمۡ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ مُبَيِّنَٰتࣲ لِّيُخۡرِجَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ مِنَ ٱلظُّلُمَٰتِ إِلَى ٱلنُّورِۚ وَمَن يُؤۡمِنۢ بِٱللَّهِ وَيَعۡمَلۡ صَٰلِحࣰ ا يُدۡخِلۡهُ جَنَّٰتࣲ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَآ أَبَدࣰ اۖ قَدۡ أَحۡسَنَ ٱللَّهُ لَهُۥ رِزۡقًا
(Uthumele) uMthunywa (uMuhammad), enicengcelezela iiVesi ezicacileyo zika-Allâh hon’ukuze ngazo Akhuphe ebumnyameni abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo Yena Uya kubangenisa eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade. UAllâh Uya kumlungiselela (uMuhammad nabakholwayo) imbonelelo (entle)
Ayah 11ٱللَّهُ ٱلَّذِي خَلَقَ سَبۡعَ سَمَٰوَٰتࣲ وَمِنَ ٱلۡأَرۡضِ مِثۡلَهُنَّۖ يَتَنَزَّلُ ٱلۡأَمۡرُ بَيۡنَهُنَّ لِتَعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ قَدِيرࣱ وَأَنَّ ٱللَّهَ قَدۡ أَحَاطَ بِكُلِّ شَيۡءٍ عِلۡمَۢا
NguAllâh Odale amazulu asixhenxe nomhlaba ngokukwanjalo. Umyalelo (waKhe) uhla phakathi kwawo khon’ukuze nazi okokuba Unamandla ngaphezulu kunezinto zonke kwanokuba uAllâh Ugubungele zonke izinto ngolwazi
Ayah 12