Surah Al-Bayyina — The Evidence
Surah Al-Bayyina (The Evidence) is chapter 98 of the Quran, with 8 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.
لَمۡ يَكُنِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ وَٱلۡمُشۡرِكِينَ مُنفَكِّينَ حَتَّىٰ تَأۡتِيَهُمُ ٱلۡبَيِّنَةُ
Abo bangakholwayo phakathi kwaBantu beNcwadi nabanquli-zithixo babengekhe bayeke (ukuba ngabahedeni) de kwafika ubungqina obucacileyo kubo
Ayah 1رَسُولࣱ مِّنَ ٱللَّهِ يَتۡلُواْ صُحُفࣰ ا مُّطَهَّرَةࣰ
UMthunywa ovela kuAllâh ecengceleza iziBhalo eziNgcwele
Ayah 2فِيهَا كُتُبࣱ قَيِّمَةࣱ
Apho kuzo kukho iiNcwadi ezilungileyo nezithe Tye
Ayah 3وَمَا تَفَرَّقَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ إِلَّا مِنۢ بَعۡدِ مَا جَآءَتۡهُمُ ٱلۡبَيِّنَةُ
Kananjalo aBantu beNcwadi babengezontlaba zahlukane de kwafika ubungqina obucacileyo
Ayah 4وَمَآ أُمِرُوٓاْ إِلَّا لِيَعۡبُدُواْ ٱللَّهَ مُخۡلِصِينَ لَهُ ٱلدِّينَ حُنَفَآءَ وَيُقِيمُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَيُؤۡتُواْ ٱلزَّكَوٰةَۚ وَذَٰلِكَ دِينُ ٱلۡقَيِّمَةِ
Ukanti babengayalelwanga nto yimbi ngaphandle kokukuba, banqule uAllâh, banyaniseke enkolweni yaKhe, banquleYena Yedwa, benze iSalâh (umthandazo), banikele ngeZakâh, oko ke yayiyeyona Nkolo ithe Tye
Ayah 5إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِنۡ أَهۡلِ ٱلۡكِتَٰبِ وَٱلۡمُشۡرِكِينَ فِي نَارِ جَهَنَّمَ خَٰلِدِينَ فِيهَآۚ أُوْلَٰٓئِكَ هُمۡ شَرُّ ٱلۡبَرِيَّةِ
Inene abo bangakholwayo phakathi kwaBantu beNcwadi nabanquli-zithixo baya kuba seMlilweni wesiHogo, ngonaphakade, bazezona zidalwa zibi
Ayah 6إِنَّ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ أُوْلَٰٓئِكَ هُمۡ خَيۡرُ ٱلۡبَرِيَّةِ
Inene, ke bona abo bakholwayo, benza imisebenzi yobulungisa, bazezona zidalwa zilungileyo
Ayah 7جَزَآؤُهُمۡ عِندَ رَبِّهِمۡ جَنَّٰتُ عَدۡنࣲ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَآ أَبَدࣰ اۖ رَّضِيَ ٱللَّهُ عَنۡهُمۡ وَرَضُواْ عَنۡهُۚ ذَٰلِكَ لِمَنۡ خَشِيَ رَبَّهُۥ
Umvuzo wabo oseNkosini yabo yiEdeni (uMyezo iPaladesi), ekumpompoza amanzi phantsi kwayo. Baya kuhlala apho kuyo ngonaphakade, uAllâh Uya kukholiseka ngabo nabo bakholiseke nguYe. Oko kokwabo bayoyikayo iNkosi yabo
Ayah 8