Surah Al-Hajj — The Pilgrimage
Surah Al-Hajj (The Pilgrimage) is chapter 22 of the Quran, with 78 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.
يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ ٱتَّقُواْ رَبَّكُمۡۚ إِنَّ زَلۡزَلَةَ ٱلسَّاعَةِ شَيۡءٌ عَظِيمࣱ
Hini na nina bantu! Yoyikani iNkosi yenu. Inene ukunyikima kweYure yeyona nto imbi
Ayah 1يَوۡمَ تَرَوۡنَهَا تَذۡهَلُ كُلُّ مُرۡضِعَةٍ عَمَّآ أَرۡضَعَتۡ وَتَضَعُ كُلُّ ذَاتِ حَمۡلٍ حَمۡلَهَا وَتَرَى ٱلنَّاسَ سُكَٰرَىٰ وَمَا هُم بِسُكَٰرَىٰ وَلَٰكِنَّ عَذَابَ ٱللَّهِ شَدِيدࣱ
NgeMini eniya kuyibona ngayo, wonke umama oncancisayo uya kulibala ngokuncancisa kwakhe, yaye wonke omithiyo (ngaloo Mini) uya kuwisa phantsi (loo) mthwalo wakhe, uze ubone abantu bekwimo yokunxila, benganxilanga, kodwa siya kuba buhlungu isohlwayo sika-Allâh
Ayah 2وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يُجَٰدِلُ فِي ٱللَّهِ بِغَيۡرِ عِلۡمࣲ وَيَتَّبِعُ كُلَّ شَيۡطَٰنࣲ مَّرِيدࣲ
Ke kaloku phakathi kwabantu kukho lowo unamaphike ngokuphathelele kuAllâh, engenalwazi, elandela wonke uShaytân onobuvukeli
Ayah 3كُتِبَ عَلَيۡهِ أَنَّهُۥ مَن تَوَلَّاهُ فَأَنَّهُۥ يُضِلُّهُۥ وَيَهۡدِيهِ إِلَىٰ عَذَابِ ٱلسَّعِيرِ
Sele kumiselwe ngaye okokuba nabani na lowo ulandela yena uya kumlahlekisa yena yaye uya kumkhokelela kwisohlwayo seDangatya (loMlilo)
Ayah 4يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ إِن كُنتُمۡ فِي رَيۡبࣲ مِّنَ ٱلۡبَعۡثِ فَإِنَّا خَلَقۡنَٰكُم مِّن تُرَابࣲ ثُمَّ مِن نُّطۡفَةࣲ ثُمَّ مِنۡ عَلَقَةࣲ ثُمَّ مِن مُّضۡغَةࣲ مُّخَلَّقَةࣲ وَغَيۡرِ مُخَلَّقَةࣲ لِّنُبَيِّنَ لَكُمۡۚ وَنُقِرُّ فِي ٱلۡأَرۡحَامِ مَا نَشَآءُ إِلَىٰٓ أَجَلࣲ مُّسَمࣰّ ى ثُمَّ نُخۡرِجُكُمۡ طِفۡلࣰ ا ثُمَّ لِتَبۡلُغُوٓاْ أَشُدَّكُمۡۖ وَمِنكُم مَّن يُتَوَفَّىٰ وَمِنكُم مَّن يُرَدُّ إِلَىٰٓ أَرۡذَلِ ٱلۡعُمُرِ لِكَيۡلَا يَعۡلَمَ مِنۢ بَعۡدِ عِلۡمࣲ شَيۡـࣰٔ اۚ وَتَرَى ٱلۡأَرۡضَ هَامِدَةࣰ فَإِذَآ أَنزَلۡنَا عَلَيۡهَا ٱلۡمَآءَ ٱهۡتَزَّتۡ وَرَبَتۡ وَأَنۢبَتَتۡ مِن كُلِّ زَوۡجِۭ بَهِيجࣲ
Hini na bantu! Ukuba ningaba neentandabuzo mayela noVuko, yazini okokuba Sanidala ngothuli, emva koko ngeqabaza lembewu yomntu, emva koko ngehlwili, nangesihlunu senyama, esinxalenye yaso ibumbekileyo, enye yaso ingabumbekanga khon’ukuze Sinibonise. Kananjalo Sihlalisa esibelekweni lowo Sithandileyo ixesha elithile, Size Sinikhuphe ngaphandle niziintsana, Siphinde sinikhulise khon’ukuze nifikelele exesheni lenu lokuvuthwa. Kananjalo phakathi kwenu kukho lowo uye athatyathwe kukufa (eselula) ukanti phakathi kwenu kukho lowo uye abuyiselwe ekwaluphaleni okuyimbandezelo, khon’ukuze angazi nento le. Ke kaloku niyawubona umhlaba uludlolo, kodwa uthi SiSakuthulula imvula phezu kwawo uvuseleleke udumbe uhlume zonke (izinto) ezintle (zohlaza)
Ayah 5ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡحَقُّ وَأَنَّهُۥ يُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَأَنَّهُۥ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ قَدِيرࣱ
Oko kungenxa yokuba uAllâh: UyiNyaniso, yaye nguYe Onika ubomi kwabafileyo, ikwanguYe Onamandla ngaphezulu kwezinto zonke
Ayah 6وَأَنَّ ٱلسَّاعَةَ ءَاتِيَةࣱ لَّا رَيۡبَ فِيهَا وَأَنَّ ٱللَّهَ يَبۡعَثُ مَن فِي ٱلۡقُبُورِ
Inene yona iYure iyeza, akukho kuthandabuza ngayo; yaye inene, uAllâh Uza kubavusa abo basemangcwabeni
Ayah 7وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يُجَٰدِلُ فِي ٱللَّهِ بِغَيۡرِ عِلۡمࣲ وَلَا هُدࣰ ى وَلَا كِتَٰبࣲ مُّنِيرࣲ
Ke kaloku phakathi kwabantu kukho lowo uxoxayo ngoAllâh engenalo nolwazi okanye isiKhokelo, okanye iNcwadi emnika ukukhanya (evela kuAllâh)
Ayah 8ثَانِيَ عِطۡفِهِۦ لِيُضِلَّ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِۖ لَهُۥ فِي ٱلدُّنۡيَا خِزۡيࣱۖ وَنُذِيقُهُۥ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ عَذَابَ ٱلۡحَرِيقِ
Ejika intamo yakhe (ngekratshi) elahlekisa (abantu) eNdleleni ka-Allâh. Okwakhe kweli hlabathi lihlazo, yaye Siya kumenza angcamle isohlwayo soMlilo otshisayo ngoMhla woVuko
Ayah 9ذَٰلِكَ بِمَا قَدَّمَتۡ يَدَاكَ وَأَنَّ ٱللَّهَ لَيۡسَ بِظَلَّٰمࣲ لِّلۡعَبِيدِ
(Kuya kuthiwa kuye): “Oku koko kwenziwa zizandla zakho ngokuba uAllâh Akazanga Wangabi nabulungisa kwizicaka (zaKhe).”
Ayah 10وَمِنَ ٱلنَّاسِ مَن يَعۡبُدُ ٱللَّهَ عَلَىٰ حَرۡفࣲۖ فَإِنۡ أَصَابَهُۥ خَيۡرٌ ٱطۡمَأَنَّ بِهِۦۖ وَإِنۡ أَصَابَتۡهُ فِتۡنَةٌ ٱنقَلَبَ عَلَىٰ وَجۡهِهِۦ خَسِرَ ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةَۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡخُسۡرَانُ ٱلۡمُبِينُ
Kananjalo phakathi kwabantu kukho lowo unqula uAllâh emngciphekweni. Ukuba uthe wachukunyiswa kokulungileyo, uyaqiniseka (ukuMthemba uAllâh) kodwa athi esakufunyanwa yintshutshiso, bujike ubuso bakhe (ayilahle i-Islam). Yena ulahlekelwe kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Oko ke yiyona lahleko icacileyo
Ayah 11يَدۡعُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَا لَا يَضُرُّهُۥ وَمَا لَا يَنفَعُهُۥۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلضَّلَٰلُ ٱلۡبَعِيدُ
Yena ubiza koko kungekhe kumzuzise nto kungekhe kumonzakalise ngaphandle koAllâh, oko kukulahleka okugqithisileyo
Ayah 12يَدۡعُواْ لَمَن ضَرُّهُۥٓ أَقۡرَبُ مِن نَّفۡعِهِۦۚ لَبِئۡسَ ٱلۡمَوۡلَىٰ وَلَبِئۡسَ ٱلۡعَشِيرُ
Yena ubiza kulowo ukonzakala kwakhe kusondeleyo kunenzuzo yakhe: hayi ukungcola komkhuseli (wakhe), hayi ukungcola kukagxa wakhe
Ayah 13إِنَّ ٱللَّهَ يُدۡخِلُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ جَنَّٰتࣲ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُۚ إِنَّ ٱللَّهَ يَفۡعَلُ مَا يُرِيدُ
Inene uAllâh Uza kubangenisa abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Inene, uAllâh Wenza oko Akuthandileyo
Ayah 14مَن كَانَ يَظُنُّ أَن لَّن يَنصُرَهُ ٱللَّهُ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِ فَلۡيَمۡدُدۡ بِسَبَبٍ إِلَى ٱلسَّمَآءِ ثُمَّ لۡيَقۡطَعۡ فَلۡيَنظُرۡ هَلۡ يُذۡهِبَنَّ كَيۡدُهُۥ مَا يَغِيظُ
Nabani na lowo ucinga ukuba uAllâh Akanakumxhasa (uMuhammad) kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo makolule intambo ibe nde iye kutsho emqadini, anqamle (umphefumlo wakhe), makajonge ke ukuba: ingaba loo nzame yakhe iza kukususa na oko kugqwagqwazela kwakhe (ngumsindo)
Ayah 15وَكَذَٰلِكَ أَنزَلۡنَٰهُ ءَايَٰتِۭ بَيِّنَٰتࣲ وَأَنَّ ٱللَّهَ يَهۡدِي مَن يُرِيدُ
Ngoko ke Siyithumele kanjalo (le ‘Kur’ân) ukuba ibe ngumqondiso ocacileyo, Inene uAllâh Ukhokela lowo Athandileyo (ukumkhokela)
Ayah 16إِنَّ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَٱلَّذِينَ هَادُواْ وَٱلصَّٰبِـِٔينَ وَٱلنَّصَٰرَىٰ وَٱلۡمَجُوسَ وَٱلَّذِينَ أَشۡرَكُوٓاْ إِنَّ ٱللَّهَ يَفۡصِلُ بَيۡنَهُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ شَهِيدٌ
Inene, abo bakholwayo nabo babengamaYuda namaSabhiya namaKhristu neZazi (ZaseMpumalanga) nabo bayamanisa amahlulelane kuAllâh, uAllâh Uza kugweba phakathi kwabo ngoMhla woVuko. Inene uAllâh UliNgqina ngaphezulu kwezinto zonke
Ayah 17أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ يَسۡجُدُۤ لَهُۥۤ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَن فِي ٱلۡأَرۡضِ وَٱلشَّمۡسُ وَٱلۡقَمَرُ وَٱلنُّجُومُ وَٱلۡجِبَالُ وَٱلشَّجَرُ وَٱلدَّوَآبُّ وَكَثِيرࣱ مِّنَ ٱلنَّاسِۖ وَكَثِيرٌ حَقَّ عَلَيۡهِ ٱلۡعَذَابُۗ وَمَن يُهِنِ ٱللَّهُ فَمَا لَهُۥ مِن مُّكۡرِمٍۚ إِنَّ ٱللَّهَ يَفۡعَلُ مَا يَشَآءُ۩
Akuboni na okokuba kuAllâh kuqubuda wonke ubani osemazulwini nasemhlabeni, ilanga, inyanga, iinkwenkwezi, iintaba, imithi, izidalwa ezinyakazayo nabantu abaninzi? Kodwa ke kwabaninzi isohlwayo siya kufaneleka. Kananjalo lowo uya kuhlaziswa nguAllâh akuyi kubakho bani uya kumnika intlonipheko. Inene uAllâh Wenza Akuthandileyo
Ayah 18۞هَٰذَانِ خَصۡمَانِ ٱخۡتَصَمُواْ فِي رَبِّهِمۡۖ فَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ قُطِّعَتۡ لَهُمۡ ثِيَابࣱ مِّن نَّارࣲ يُصَبُّ مِن فَوۡقِ رُءُوسِهِمُ ٱلۡحَمِيمُ
Aba ke ngabachasi ababini abaphikisanayo ngeNkosi yabo. Kodwa abo bangakholwayo baya kuba sele bezisikele izambatho zoMlilo. Okuya kugalelwa ezintlokweni zabo iya kuba ngamanzi abuxulayo
Ayah 19يُصۡهَرُ بِهِۦ مَا فِي بُطُونِهِمۡ وَٱلۡجُلُودُ
Ekuya kunyityilikiswa ngawo oko kuseziswini zabo ndawonye nezikhumba zabo
Ayah 20وَلَهُم مَّقَٰمِعُ مِنۡ حَدِيدࣲ
Kananjalo baya kuba nezinti zeentsimbi abaza kubethwa ngazo
Ayah 21كُلَّمَآ أَرَادُوٓاْ أَن يَخۡرُجُواْ مِنۡهَا مِنۡ غَمٍّ أُعِيدُواْ فِيهَا وَذُوقُواْ عَذَابَ ٱلۡحَرِيقِ
Maxa onke bezama ukuphuncula apho entuthumbeni, baya kubuyiselwa kwakuyo, yaye (kuya kuthiwa): “Ngcamlani ke isohlwayo soMlilo oTshisayo!”
Ayah 22إِنَّ ٱللَّهَ يُدۡخِلُ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ جَنَّٰتࣲ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ يُحَلَّوۡنَ فِيهَا مِنۡ أَسَاوِرَ مِن ذَهَبࣲ وَلُؤۡلُؤࣰ اۖ وَلِبَاسُهُمۡ فِيهَا حَرِيرࣱ
Inene uAllâh Uya kubangenisa abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo, eMiyezweni ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo. Baya kuhonjiswa apho ngezacholo zegolide nezeperile, kananjalo izambatho zabo apho ziya kuba yisilika
Ayah 23وَهُدُوٓاْ إِلَى ٱلطَّيِّبِ مِنَ ٱلۡقَوۡلِ وَهُدُوٓاْ إِلَىٰ صِرَٰطِ ٱلۡحَمِيدِ
Kaloku bona (ehlabathini) babekhokelwa ziintetho ezilungileyo yaye bona babekhokelwa kwindlela (ka-Allâh) Wokudunyiswa
Ayah 24إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَيَصُدُّونَ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِ وَٱلۡمَسۡجِدِ ٱلۡحَرَامِ ٱلَّذِي جَعَلۡنَٰهُ لِلنَّاسِ سَوَآءً ٱلۡعَٰكِفُ فِيهِ وَٱلۡبَادِۚ وَمَن يُرِدۡ فِيهِ بِإِلۡحَادِۭ بِظُلۡمࣲ نُّذِقۡهُ مِنۡ عَذَابٍ أَلِيمࣲ
Inene abo bangakholwayo baze bathintele abantu (bangangeni) eNdleleni ka-Allâh naseMasjid al-Harâm, (iKa’bha) eSayenzela abantu (bonke) ngokulinganayo, abahlala kuyo nongowangaphandle. Ke kaloku lowo uthe wazimisela ukuphambuka (enkolweni yeIslam) ngaphakathi apho okanye enze ubugwenxa Thina Siya kumenza angcamle isohlwayo esibuhlungu
Ayah 25وَإِذۡ بَوَّأۡنَا لِإِبۡرَٰهِيمَ مَكَانَ ٱلۡبَيۡتِ أَن لَّا تُشۡرِكۡ بِي شَيۡـࣰٔ ا وَطَهِّرۡ بَيۡتِيَ لِلطَّآئِفِينَ وَٱلۡقَآئِمِينَ وَٱلرُّكَّعِ ٱلسُّجُودِ
Khumbula ukuba Sabonisa uIbrâhîm isiza seNdlu eNgcwele (iKa’bha) (SiSithi kuye): “Ungayamanisi nantoni na kuM (uyinqule naM), kananjalo hlambulula iNdlu yaM (uyihlambululele) abo benza iTawâf1 ndawonye nabo bema ngeenyawo (bathandaze) nabo bagobayo baqubude kuyo
Ayah 26وَأَذِّن فِي ٱلنَّاسِ بِٱلۡحَجِّ يَأۡتُوكَ رِجَالࣰ ا وَعَلَىٰ كُلِّ ضَامِرࣲ يَأۡتِينَ مِن كُلِّ فَجٍّ عَمِيقࣲ
Vakalisa ebantwini iHajji (uHambo oluNgcwele; baya kuza kuwe ngeenyawo bekhwele zonke iinkamela ezinqinileyo yaye baya kuza bevela kuzo zonke iinyoba)
Ayah 27لِّيَشۡهَدُواْ مَنَٰفِعَ لَهُمۡ وَيَذۡكُرُواْ ٱسۡمَ ٱللَّهِ فِيٓ أَيَّامࣲ مَّعۡلُومَٰتٍ عَلَىٰ مَا رَزَقَهُم مِّنۢ بَهِيمَةِ ٱلۡأَنۡعَٰمِۖ فَكُلُواْ مِنۡهَا وَأَطۡعِمُواْ ٱلۡبَآئِسَ ٱلۡفَقِيرَ
Khona ukuze bangqine ngeenzuzo ezizezabo ukhankanye kananjalo igama lika-Allâh ngeentsuku ezaziwayo ngoko Ababonelele ngako kuzizilwanyana (zeminikelo) Yidlani ke kuzo nondle nabaxhwalekileyo nabangamahlwempu
Ayah 28ثُمَّ لۡيَقۡضُواْ تَفَثَهُمۡ وَلۡيُوفُواْ نُذُورَهُمۡ وَلۡيَطَّوَّفُواْ بِٱلۡبَيۡتِ ٱلۡعَتِيقِ
Ke kaloku mabafezekise amaxanduva abo (eHajji) benze izifungo zabo, bajikeleze umzi wakudala iKa’bha
Ayah 29ذَٰلِكَۖ وَمَن يُعَظِّمۡ حُرُمَٰتِ ٱللَّهِ فَهُوَ خَيۡرࣱ لَّهُۥ عِندَ رَبِّهِۦۗ وَأُحِلَّتۡ لَكُمُ ٱلۡأَنۡعَٰمُ إِلَّا مَا يُتۡلَىٰ عَلَيۡكُمۡۖ فَٱجۡتَنِبُواْ ٱلرِّجۡسَ مِنَ ٱلۡأَوۡثَٰنِ وَٱجۡتَنِبُواْ قَوۡلَ ٱلزُّورِ
Loo (maxanduva eHajji kunyanzelekile enzelwe ukukholisa uAllâh), kanti nabani na oxabisa izenzo (zonqulo) ezingcwele zika-Allâh kulunge kakhulu oko kuye emehlweni eNkosi yakhe. Kananjalo okuvumelekileyo kuni zizilwanyana ezitya ingca, ngaphandle kwezo zicengceleziweyo kuni2. Ngoko ke kuphepheni ukungcola kwezithixo niyiphephe nentetho ebubuxoki
Ayah 30حُنَفَآءَ لِلَّهِ غَيۡرَ مُشۡرِكِينَ بِهِۦۚ وَمَن يُشۡرِكۡ بِٱللَّهِ فَكَأَنَّمَا خَرَّ مِنَ ٱلسَّمَآءِ فَتَخۡطَفُهُ ٱلطَّيۡرُ أَوۡ تَهۡوِي بِهِ ٱلرِّيحُ فِي مَكَانࣲ سَحِيقࣲ
Tyekelani ngakuAllâh ningayamanisi nto kuYe. Lowo wayamanisa (izithixo) kuAllâh ufana nokuba uwe esibhakabhakeni waza waxhwilwa ziintaka okanye ngumoya wamthwala waya kumbeka ezantsi kwindawo ekude
Ayah 31ذَٰلِكَۖ وَمَن يُعَظِّمۡ شَعَٰٓئِرَ ٱللَّهِ فَإِنَّهَا مِن تَقۡوَى ٱلۡقُلُوبِ
Ngoko ke lowo uxabisa imifuziselo (izenzo zonqulo) ka- Allâh inene, oko kusuka ebunyulwini beentliziyo
Ayah 32لَكُمۡ فِيهَا مَنَٰفِعُ إِلَىٰٓ أَجَلࣲ مُّسَمࣰّ ى ثُمَّ مَحِلُّهَآ إِلَى ٱلۡبَيۡتِ ٱلۡعَتِيقِ
Kuzo(izilwanyanazeminikelo)kukhoiinzuzozenuokwexesha elimisiweyo, emva koko ziye ziziselwe ukunikelwa eNdlwini yakudala (iHarâm, ummandla oNgcwele eMakkah)
Ayah 33وَلِكُلِّ أُمَّةࣲ جَعَلۡنَا مَنسَكࣰ ا لِّيَذۡكُرُواْ ٱسۡمَ ٱللَّهِ عَلَىٰ مَا رَزَقَهُم مِّنۢ بَهِيمَةِ ٱلۡأَنۡعَٰمِۗ فَإِلَٰهُكُمۡ إِلَٰهࣱ وَٰحِدࣱ فَلَهُۥٓ أَسۡلِمُواْۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُخۡبِتِينَ
Ke kaloku kwisizwe ngasinye Simisele amasiko enkolo, khon’ukuze apho kuwo bakhankanye igama lika-Allâh phezu kwesilwanyana (Yena uAllâh) Abanikele ukuba sibe kukudla kubo. Kananjalo uThixo wenu nguThixo oMnye, ngoko ke zinikeleni kuYe, kananjalo wena (Muhammad) nika iindaba ezivuyisayo kwabathobekileyo
Ayah 34ٱلَّذِينَ إِذَا ذُكِرَ ٱللَّهُ وَجِلَتۡ قُلُوبُهُمۡ وَٱلصَّٰبِرِينَ عَلَىٰ مَآ أَصَابَهُمۡ وَٱلۡمُقِيمِي ٱلصَّلَوٰةِ وَمِمَّا رَزَقۡنَٰهُمۡ يُنفِقُونَ
Abantliziyo zabo zizala luloyiko xa kukhankanywa uAllâh, bazebabenomondengokokubathwaxayo, babebengabamiseli beSalâh, nabo bachitha (kumalizo) oko Sibaphe kona
Ayah 35وَٱلۡبُدۡنَ جَعَلۡنَٰهَا لَكُم مِّن شَعَٰٓئِرِ ٱللَّهِ لَكُمۡ فِيهَا خَيۡرࣱۖ فَٱذۡكُرُواْ ٱسۡمَ ٱللَّهِ عَلَيۡهَا صَوَآفَّۖ فَإِذَا وَجَبَتۡ جُنُوبُهَا فَكُلُواْ مِنۡهَا وَأَطۡعِمُواْ ٱلۡقَانِعَ وَٱلۡمُعۡتَرَّۚ كَذَٰلِكَ سَخَّرۡنَٰهَا لَكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ
Ke kaloku iinkamela neenkomo Sizonyulele nina njengeminye yemiqondiso ka-Allâh; kuzo apho kukho okulungileyo. Ngoko ke khankanyani igama lika-Allâh phezu kwazo xa zidweliselwe (ukunikezelwa); naxa sele zifile zilele ngamacala azo, yidlani ke kuzo, nondle nabasweleyo nongqibayo. Ngolo hlobo ke Sizenze zaba phantsi kwenu khona ukuze nibe nombulelo
Ayah 36لَن يَنَالَ ٱللَّهَ لُحُومُهَا وَلَا دِمَآؤُهَا وَلَٰكِن يَنَالُهُ ٱلتَّقۡوَىٰ مِنكُمۡۚ كَذَٰلِكَ سَخَّرَهَا لَكُمۡ لِتُكَبِّرُواْ ٱللَّهَ عَلَىٰ مَا هَدَىٰكُمۡۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُحۡسِنِينَ
Asiyonyama yazo, ingelogazi lazo elifikelela kuAllâh, koko bubunyulu obuvela kuni obufikelelayo kuYe. Ngolo hlobo ke Sizenze zaphantsi kwenu ukuze niMenze Mkhulu uAllâh ngokunikhokela kwaKhe. Nika iindaba ezivuyisayo ke (Muhammad) kubenzi bokulungileyo
Ayah 37۞إِنَّ ٱللَّهَ يُدَٰفِعُ عَنِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْۗ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُحِبُّ كُلَّ خَوَّانࣲ كَفُورٍ
Inene, uAllâh Uyabakhusela abo bakholwayo. Inene, uAllâh Akathandi namnye kwabanobungcatshi abangenambulelo kuAllâh
Ayah 38أُذِنَ لِلَّذِينَ يُقَٰتَلُونَ بِأَنَّهُمۡ ظُلِمُواْۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ عَلَىٰ نَصۡرِهِمۡ لَقَدِيرٌ
Ilungelo lokulwa (ngokuchasene nabangakholwayo) Linikiwe kwabo balwa ngenxa yokuba benziwe ubugwenxa; yaye inene, uAllâh Uyakwazi ukubanika uloyiso
Ayah 39ٱلَّذِينَ أُخۡرِجُواْ مِن دِيَٰرِهِم بِغَيۡرِ حَقٍّ إِلَّآ أَن يَقُولُواْ رَبُّنَا ٱللَّهُۗ وَلَوۡلَا دَفۡعُ ٱللَّهِ ٱلنَّاسَ بَعۡضَهُم بِبَعۡضࣲ لَّهُدِّمَتۡ صَوَٰمِعُ وَبِيَعࣱ وَصَلَوَٰتࣱ وَمَسَٰجِدُ يُذۡكَرُ فِيهَا ٱسۡمُ ٱللَّهِ كَثِيرࣰ اۗ وَلَيَنصُرَنَّ ٱللَّهُ مَن يَنصُرُهُۥٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَقَوِيٌّ عَزِيزٌ
(Bona)ngabobayabakhutshwakumawabokungengabulungisa kodwa ngenxa yokuba besithi: “INkosi yethu nguAllâh.” Kananjalo ukuba ngaba uAllâh Ebengaphenyi abantu ngabanye, bekuya kudilika imizi yokuhlala oonongendi, iicawa, iitempile zamaYuda, neemasjid apho igama lika-Allâh likhankanywa khona kakhulu (lidunyiswe). Kwaye uAllâh Uza kubaxhasa ngenene abo baMxhasayo. Inene uAllâh Unamandla yaye Mkhulu, Unobunganga
Ayah 40ٱلَّذِينَ إِن مَّكَّنَّٰهُمۡ فِي ٱلۡأَرۡضِ أَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتَوُاْ ٱلزَّكَوٰةَ وَأَمَرُواْ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَنَهَوۡاْ عَنِ ٱلۡمُنكَرِۗ وَلِلَّهِ عَٰقِبَةُ ٱلۡأُمُورِ
Abo bathi xa Sibanike igunya emhlabeni, bamisele iSalâh, banikele ngeZakâh bayalele ukwenziwa kokulungileyo, balele okungalunganga. Kananjalo isiphumo sezinto (zonke) sesika-Allâh
Ayah 41وَإِن يُكَذِّبُوكَ فَقَدۡ كَذَّبَتۡ قَبۡلَهُمۡ قَوۡمُ نُوحࣲ وَعَادࣱ وَثَمُودُ
Kanti ke ukuba bayakuphikisa wena (Muhammad) benza njalo nabantu bakwaNûh, abakwa’Ad nabakwaThamûd ababengaphambili kunabo
Ayah 42وَقَوۡمُ إِبۡرَٰهِيمَ وَقَوۡمُ لُوطࣲ
Nabantu bakwaIbrâhîm nabantu bakwaLût
Ayah 43وَأَصۡحَٰبُ مَدۡيَنَۖ وَكُذِّبَ مُوسَىٰۖ فَأَمۡلَيۡتُ لِلۡكَٰفِرِينَ ثُمَّ أَخَذۡتُهُمۡۖ فَكَيۡفَ كَانَ نَكِيرِ
Nabemi bakwaMidiyani. Kananjalo uMûsâ waye waphikwa, Ndaza ke Mna Ndalolula ulonwabo lwabangakholwayo; Ndabuya Ndabahlasela. Kwaba njani ukuba kubi ke ukubohlwaya kwaM
Ayah 44فَكَأَيِّن مِّن قَرۡيَةٍ أَهۡلَكۡنَٰهَا وَهِيَ ظَالِمَةࣱ فَهِيَ خَاوِيَةٌ عَلَىٰ عُرُوشِهَا وَبِئۡرࣲ مُّعَطَّلَةࣲ وَقَصۡرࣲ مَّشِيدٍ
Zingaphi izixeko eSazitshabalalisayo lo gama zazisenza ububi ke kaloku (kungoku nje) zawa zatshabalala. Kanti mangaphi) amaqula ashiywayo? (emangaphi) wona amabhotwe aphakamileyo awayo
Ayah 45أَفَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَتَكُونَ لَهُمۡ قُلُوبࣱ يَعۡقِلُونَ بِهَآ أَوۡ ءَاذَانࣱ يَسۡمَعُونَ بِهَاۖ فَإِنَّهَا لَا تَعۡمَى ٱلۡأَبۡصَٰرُ وَلَٰكِن تَعۡمَى ٱلۡقُلُوبُ ٱلَّتِي فِي ٱلصُّدُورِ
Abahamba-hambi na ehlabathini (babone), ingaba banazo iintliziyo zokuqiqa neendlebe zokuva? Inene ayingomehlo aye abe nobumfama, koko ziintliziyo ezisezifubeni eziye zibe nobumfama
Ayah 46وَيَسۡتَعۡجِلُونَكَ بِٱلۡعَذَابِ وَلَن يُخۡلِفَ ٱللَّهُ وَعۡدَهُۥۚ وَإِنَّ يَوۡمًا عِندَ رَبِّكَ كَأَلۡفِ سَنَةࣲ مِّمَّا تَعُدُّونَ
Kananjalo bakucela ukuba ukhawulezise ngesohlwayo! Ke Yena uAllâh Akasileli kwesaKhe isithembiso. Kananjalo inene imini (enye) eNkosini yakho injengeminyaka eliwaka yaleyo niyibalayo
Ayah 47وَكَأَيِّن مِّن قَرۡيَةٍ أَمۡلَيۡتُ لَهَا وَهِيَ ظَالِمَةࣱ ثُمَّ أَخَذۡتُهَا وَإِلَيَّ ٱلۡمَصِيرُ
Ke kaloku zininzi izixeko eNdazimelayo (aNdazitshabalalisa) lo gama zazizinikele ebugwenxeni. Kodwa ekugqibeleni Ndazihlasela, Ukanti kukuM apho kuza kubuyelwa khona
Ayah 48قُلۡ يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ إِنَّمَآ أَنَا۠ لَكُمۡ نَذِيرࣱ مُّبِينࣱ
Yithi: “Hini na bantu, Mna ndinguMlumkisi ocacileyo kuphela kuni.”
Ayah 49فَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ لَهُم مَّغۡفِرَةࣱ وَرِزۡقࣱ كَرِيمࣱ
Abo bakholiweyo benza izenzo zobulungisa okwabo luxolelo nembonelelo exabisekileyo
Ayah 50وَٱلَّذِينَ سَعَوۡاْ فِيٓ ءَايَٰتِنَا مُعَٰجِزِينَ أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَحِيمِ
Kodwa bona abo baya bazabalaza ngokuchasene neeVesi zeThu, (befuna) ukuzenza zingaphumeleli abo ngamadlelane oMlilo wesiHogo
Ayah 51وَمَآ أَرۡسَلۡنَا مِن قَبۡلِكَ مِن رَّسُولࣲ وَلَا نَبِيٍّ إِلَّآ إِذَا تَمَنَّىٰٓ أَلۡقَى ٱلشَّيۡطَٰنُ فِيٓ أُمۡنِيَّتِهِۦ فَيَنسَخُ ٱللَّهُ مَا يُلۡقِي ٱلشَّيۡطَٰنُ ثُمَّ يُحۡكِمُ ٱللَّهُ ءَايَٰتِهِۦۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمࣱ
Kananjalo aSizanga Sithumele nawuphi na uMthunywa okanye umprofeti ngaphambili kunawe Singamthumeleli ukuba athi xa ethetha (okanye ecengceleza) uShaytân ajule (ukungaqondakali kwento ayithethayo). Kodwa uAllâh Uyakutshabalalisa oko kujulwa nguShaytân. Ke kaloku uAllâh Wenza iiVesi zaKhe zithi Ngqo. Yaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
Ayah 52لِّيَجۡعَلَ مَا يُلۡقِي ٱلشَّيۡطَٰنُ فِتۡنَةࣰ لِّلَّذِينَ فِي قُلُوبِهِم مَّرَضࣱ وَٱلۡقَاسِيَةِ قُلُوبُهُمۡۗ وَإِنَّ ٱلظَّٰلِمِينَ لَفِي شِقَاقِۭ بَعِيدࣲ
Khon’ukuzeYena (uAllâh) EnzeokokujulwanguShaytânkube luvavanyo kwabo bantliziyo zabo zinesifo (sobuhanahanisi) nabantliziyo zabo ziqaqadekileyo. Kananjalo, abenzi bobubi basekuphambukeni okukude (kakhulu)
Ayah 53وَلِيَعۡلَمَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡعِلۡمَ أَنَّهُ ٱلۡحَقُّ مِن رَّبِّكَ فَيُؤۡمِنُواْ بِهِۦ فَتُخۡبِتَ لَهُۥ قُلُوبُهُمۡۗ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهَادِ ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِلَىٰ صِرَٰطࣲ مُّسۡتَقِيمࣲ
Khon’ ukuze abo banikwe ulwazi bazi okokuba (le ‘Kur’ân) iyinyaniso evela eNkosini yakho, baze bakholwe kuyo, neentliziyo zabo zizinikele kuyo ngokuzithobileyo. Kananjalo inene, uAllâh nguMkhokeli wabo bakholwayo, (yaye) Ubakhokelela eNdleleni ethe Tye
Ayah 54وَلَا يَزَالُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ فِي مِرۡيَةࣲ مِّنۡهُ حَتَّىٰ تَأۡتِيَهُمُ ٱلسَّاعَةُ بَغۡتَةً أَوۡ يَأۡتِيَهُمۡ عَذَابُ يَوۡمٍ عَقِيمٍ
Abo bangakholwayo asokuze bayeke ukuba neentandabuzo ngayo (i’Kur’ân) kude kufike iYure ngequbuliso phezu kwabo, kungenjalo bafikelwe sisohlwayo seMini ekungayi kuphinda kubekho busuku emva kwayo (uMhla woMgwebo)
Ayah 55ٱلۡمُلۡكُ يَوۡمَئِذࣲ لِّلَّهِ يَحۡكُمُ بَيۡنَهُمۡۚ فَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ فِي جَنَّٰتِ ٱلنَّعِيمِ
Ulongamelo ngayo loo Mini luya kuba loluka-Allâh. Yena ke Uya kugweba phakathi kwabo. Abo bakholwayo benza izenzo ezilungileyo baya kuba seMiyezweni yolonwabo
Ayah 56وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَكَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا فَأُوْلَٰٓئِكَ لَهُمۡ عَذَابࣱ مُّهِينࣱ
Ke bona abo bangakholwayo baphika nemiqondiso yeThu okwabo iya kuba sisohlwayo esinyelisayo
Ayah 57وَٱلَّذِينَ هَاجَرُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ ثُمَّ قُتِلُوٓاْ أَوۡ مَاتُواْ لَيَرۡزُقَنَّهُمُ ٱللَّهُ رِزۡقًا حَسَنࣰ اۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهُوَ خَيۡرُ ٱلرَّٰزِقِينَ
Abo bafudukayo ngenxa ka-Allâh baza emva koko babulawa okanye babhubha, inene, uAllâh Uza kubabonelela ngembonelelo elungileyo. Yaye nguAllâh eneneni OngoYena Ulungileyo ukunika iimbonenelelo
Ayah 58لَيُدۡخِلَنَّهُم مُّدۡخَلࣰ ا يَرۡضَوۡنَهُۥۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَعَلِيمٌ حَلِيمࣱ
Inene,Yena Uyakubangenisangesangoabayakukholisekalilo, yaye inene, uAllâh ngenene nguSolwazi, uSokunyamezela
Ayah 59۞ذَٰلِكَۖ وَمَنۡ عَاقَبَ بِمِثۡلِ مَا عُوقِبَ بِهِۦ ثُمَّ بُغِيَ عَلَيۡهِ لَيَنصُرَنَّهُ ٱللَّهُۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَعَفُوٌّ غَفُورࣱ
Oko (kunjalo). Yaye lowo uthe waphindisa ngokufana noko waviswa ubuhlungu ngako, aze aphinde kwakhona enziwe ububi, uAllâh Uya kumnceda ngenene yena. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
Ayah 60ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ يُولِجُ ٱلَّيۡلَ فِي ٱلنَّهَارِ وَيُولِجُ ٱلنَّهَارَ فِي ٱلَّيۡلِ وَأَنَّ ٱللَّهَ سَمِيعُۢ بَصِيرࣱ
Oko kungenxa yokuba uAllâh Uguqula ubusuku bube yimini, Aguqule imini ibe bubusuku. Inene, uAllâh nguSokuva, uSokubona
Ayah 61ذَٰلِكَ بِأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡحَقُّ وَأَنَّ مَا يَدۡعُونَ مِن دُونِهِۦ هُوَ ٱلۡبَٰطِلُ وَأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡعَلِيُّ ٱلۡكَبِيرُ
Oko kungenxa yokuba uAllâh Yena yiNyaniso, ukanti oko babiza kuko ngaphandle kwaKhe bubuxoki, ngenxa yokuba uAllâh Uphakamile Mkhulu
Ayah 62أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ أَنزَلَ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءࣰ فَتُصۡبِحُ ٱلۡأَرۡضُ مُخۡضَرَّةًۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَطِيفٌ خَبِيرࣱ
Akuboni na ukuba uAllâh Uthumela imvula ivela esibhakabhakeni uze umhlaba ube luhlaza? Inene uAllâh UnobuBele Unolwazi
Ayah 63لَّهُۥ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ لَهُوَ ٱلۡغَنِيُّ ٱلۡحَمِيدُ
KokwaKhe (konke) okusemazulwini nasemhlabeni, inene uAllâh sisiTyebi, (akukho nto Ayisweleyo) Ufanelwe kukudunyiswa
Ayah 64أَلَمۡ تَرَ أَنَّ ٱللَّهَ سَخَّرَ لَكُم مَّا فِي ٱلۡأَرۡضِ وَٱلۡفُلۡكَ تَجۡرِي فِي ٱلۡبَحۡرِ بِأَمۡرِهِۦ وَيُمۡسِكُ ٱلسَّمَآءَ أَن تَقَعَ عَلَى ٱلۡأَرۡضِ إِلَّا بِإِذۡنِهِۦٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ بِٱلنَّاسِ لَرَءُوفࣱ رَّحِيمࣱ
Akuboni na ukuba uAllâh Wenze yaba ngaphantsi kwenu yonke into esemhlabeni neenqanawa zibaleka zinqumle ulwandle ngomyalelo waKhe? Kwanokuba Ubamba isibhakabhaka ukuba singawi phezu komhlaba, ngaphandle kwemvume yaKhe. Inene, uAllâh kubantu, Unobubele, nguSozinceba
Ayah 65وَهُوَ ٱلَّذِيٓ أَحۡيَاكُمۡ ثُمَّ يُمِيتُكُمۡ ثُمَّ يُحۡيِيكُمۡۗ إِنَّ ٱلۡإِنسَٰنَ لَكَفُورࣱ
NguYe, Owaninika ubomi, noza kunenza nife, kwaye Usaya kuphinda Aninike ubomi kwakhona. Inene, umntu akanambulelo
Ayah 66لِّكُلِّ أُمَّةࣲ جَعَلۡنَا مَنسَكًا هُمۡ نَاسِكُوهُۖ فَلَا يُنَٰزِعُنَّكَ فِي ٱلۡأَمۡرِۚ وَٱدۡعُ إِلَىٰ رَبِّكَۖ إِنَّكَ لَعَلَىٰ هُدࣰ ى مُّسۡتَقِيمࣲ
Kwisizwe ngasinye Siyalele iinkonzo zenkolo amabazenze. Ngoko ke (wena Muhammad) bona (abangakholwayo) mabangaphikisani nawe ngombandela (lowo weenkonzo) koko bamemele eNkosini yakho. Inene wena useNdleleni ethe Tye
Ayah 67وَإِن جَٰدَلُوكَ فَقُلِ ٱللَّهُ أَعۡلَمُ بِمَا تَعۡمَلُونَ
Ukuba bayaphikisana nawe ke, yithi: “UAllâh Wazi ngcono ngoko nikwenzayo.”
Ayah 68ٱللَّهُ يَحۡكُمُ بَيۡنَكُمۡ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ فِيمَا كُنتُمۡ فِيهِ تَخۡتَلِفُونَ
UAllâh Uza kugweba phakathi kwenu ngoMhla woVuko ngoko naniphikisana ngako
Ayah 69أَلَمۡ تَعۡلَمۡ أَنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ مَا فِي ٱلسَّمَآءِ وَٱلۡأَرۡضِۚ إِنَّ ذَٰلِكَ فِي كِتَٰبٍۚ إِنَّ ذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ يَسِيرࣱ
Akwazi na ukuba uAllâh Uyakwazi konke okusemazulwini nasemhlabeni? Inene, (konke) kuseNcwadini. Inene kulula oko kuAllâh
Ayah 70وَيَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَا لَمۡ يُنَزِّلۡ بِهِۦ سُلۡطَٰنࣰ ا وَمَا لَيۡسَ لَهُم بِهِۦ عِلۡمࣱۗ وَمَا لِلظَّٰلِمِينَ مِن نَّصِيرࣲ
Banqula ngaphandle koAllâh oko Angabathobelanga gunya ngako, noko bangenalwazi ngako; yaye kubenzi bobubi akuyi kubakho mncedi
Ayah 71وَإِذَا تُتۡلَىٰ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتُنَا بَيِّنَٰتࣲ تَعۡرِفُ فِي وُجُوهِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ٱلۡمُنكَرَۖ يَكَادُونَ يَسۡطُونَ بِٱلَّذِينَ يَتۡلُونَ عَلَيۡهِمۡ ءَايَٰتِنَاۗ قُلۡ أَفَأُنَبِّئُكُم بِشَرࣲّ مِّن ذَٰلِكُمُۚ ٱلنَّارُ وَعَدَهَا ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ
Ke kaloku xa iiVesi zeThu ezicacileyo zicengcelezwa kubo, uya kuphawula ukuziphika ebusweni babo bangakholwayo! Bona kukancinane nje ukuba basuke bahlasele ngobubhovubhovu babo abo bacengceleza iiVesi zeThu kubo. Yithi ke “Ndinganixelela ngeyona nto imbi kunene kunaleyo? NguMlilo (wesiHogo) lowo uAllâh Athembise ngawo kwabo bangakholwayo, asisesibi ngako eso siphelo sohambo.”
Ayah 72يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّاسُ ضُرِبَ مَثَلࣱ فَٱسۡتَمِعُواْ لَهُۥٓۚ إِنَّ ٱلَّذِينَ تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ لَن يَخۡلُقُواْ ذُبَابࣰ ا وَلَوِ ٱجۡتَمَعُواْ لَهُۥۖ وَإِن يَسۡلُبۡهُمُ ٱلذُّبَابُ شَيۡـࣰٔ ا لَّا يَسۡتَنقِذُوهُ مِنۡهُۚ ضَعُفَ ٱلطَّالِبُ وَٱلۡمَطۡلُوبُ
Hini na nina bantu! Umzekeliso sele wenziwe, phulaphulani kuwo ke ngoko. Inene abo nibathandazayo ngaphandle koAllâh abasokuze badale (nento encinane engangayo) nempukane, enokuba bebengade bayihlanganele bonke. Kanti ukuba impukane ingeba intwanana encinane kubo, abangekhe bayifumane kuyo. Abanto yanto abo kuleqekwa emva kwabo nabo baleqa emvakwabo
Ayah 73مَا قَدَرُواْ ٱللَّهَ حَقَّ قَدۡرِهِۦٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَقَوِيٌّ عَزِيزٌ
AbaMxabisanga uAllâh ngexabiso elilungileyo. Inene uAllâh Uqinile, Unamandla
Ayah 74ٱللَّهُ يَصۡطَفِي مِنَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةِ رُسُلࣰ ا وَمِنَ ٱلنَّاسِۚ إِنَّ ٱللَّهَ سَمِيعُۢ بَصِيرࣱ
UAllâh Ukhetha izithunywa kwiingelosi. Nakubantu. Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona
Ayah 75يَعۡلَمُ مَا بَيۡنَ أَيۡدِيهِمۡ وَمَا خَلۡفَهُمۡۚ وَإِلَى ٱللَّهِ تُرۡجَعُ ٱلۡأُمُورُ
Uyakwazi okungaphambili kubo, nokungemva kubo. Kananjalo kuAllâh kubuyela zonke izinto
Ayah 76يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱرۡكَعُواْ وَٱسۡجُدُواْۤ وَٱعۡبُدُواْ رَبَّكُمۡ وَٱفۡعَلُواْ ٱلۡخَيۡرَ لَعَلَّكُمۡ تُفۡلِحُونَ۩
Hini na nina bakholwayo! Qubudani phantsi nikhonze iNkosi yenu, nenze okulungileyo khon’ukuze niphumelele
Ayah 77وَجَٰهِدُواْ فِي ٱللَّهِ حَقَّ جِهَادِهِۦۚ هُوَ ٱجۡتَبَىٰكُمۡ وَمَا جَعَلَ عَلَيۡكُمۡ فِي ٱلدِّينِ مِنۡ حَرَجࣲۚ مِّلَّةَ أَبِيكُمۡ إِبۡرَٰهِيمَۚ هُوَ سَمَّىٰكُمُ ٱلۡمُسۡلِمِينَ مِن قَبۡلُ وَفِي هَٰذَا لِيَكُونَ ٱلرَّسُولُ شَهِيدًا عَلَيۡكُمۡ وَتَكُونُواْ شُهَدَآءَ عَلَى ٱلنَّاسِۚ فَأَقِيمُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتُواْ ٱلزَّكَوٰةَ وَٱعۡتَصِمُواْ بِٱللَّهِ هُوَ مَوۡلَىٰكُمۡۖ فَنِعۡمَ ٱلۡمَوۡلَىٰ وَنِعۡمَ ٱلنَّصِيرُ
Zabalazani kananjalo eNdleleni ka-Allâh njengoko nifanele ukuzabalaza. Yena Unikhethile yaye yena Akanenzelanga bunzima enkolweni. (Ngapha koko le) yinkolo katata wenu, uIbrâhîm. Yena wanithiya ukuba ningama”Muslim” kwamandulo (kwiziBhalo zamandulo) nakwesi (siTyhilelo) khon’ukuze Mthunywa abe liNgqina phezu kwenu, nize nina nibe ngamagqina phezu kwabantu. Ngoko ke yenzani iSalâh. Ninikele ngeZakâh nibambelele nkqi kuAllâh. Yena nguMlondolozi wenu; kananjalo Yena nguMkhuseli Omkhulu noMncedi Ogqibeleleyo
Ayah 78