Surah Ar-Room — The Romans
Surah Ar-Room (The Romans) is chapter 30 of the Quran, with 60 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.
الٓمٓ
Alif-Lâm-Mîm
Ayah 1غُلِبَتِ ٱلرُّومُ
AmaRoma oyisiwe
Ayah 2فِيٓ أَدۡنَى ٱلۡأَرۡضِ وَهُم مِّنۢ بَعۡدِ غَلَبِهِمۡ سَيَغۡلِبُونَ
Kwilizwe elikufuphi (eSiriya, eIraq, eJordan nasePalestina). Kodwa nabo emva kokoyiswa kwabo baza kuba noloyiso
Ayah 3فِي بِضۡعِ سِنِينَۗ لِلَّهِ ٱلۡأَمۡرُ مِن قَبۡلُ وَمِنۢ بَعۡدُۚ وَيَوۡمَئِذࣲ يَفۡرَحُ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ
Kwisithuba esiphakathi kweminyaka emithathu ukuya kwesithoba. Ngoka-Allâh ummiselo ekuqalekeni nasekugqibeleni. Kananjalo ngayo loo mini amakholwa aya kugcoba
Ayah 4بِنَصۡرِ ٱللَّهِۚ يَنصُرُ مَن يَشَآءُۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلرَّحِيمُ
Kuloyiso luka-Allâh. Yena Unika uloyiso lowo Athande (ukumnika), Yaye Yena nguSobunganga, uSozinceba
Ayah 5وَعۡدَ ٱللَّهِۖ لَا يُخۡلِفُ ٱللَّهُ وَعۡدَهُۥ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَعۡلَمُونَ
(Esi) sisithembiso sika-Allâh. UAllâh Akasileli (ekuzalisekiseni) esaKhe isithembiso, kodwa uninzi lwabantu alwazi
Ayah 6يَعۡلَمُونَ ظَٰهِرࣰ ا مِّنَ ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا وَهُمۡ عَنِ ٱلۡأٓخِرَةِ هُمۡ غَٰفِلُونَ
Bona bayakwazi okuvelileyo ebomini kodwa mayela noBomi oBuzayo, abanalo ulwazi
Ayah 7أَوَلَمۡ يَتَفَكَّرُواْ فِيٓ أَنفُسِهِمۗ مَّا خَلَقَ ٱللَّهُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَآ إِلَّا بِٱلۡحَقِّ وَأَجَلࣲ مُّسَمࣰّ ىۗ وَإِنَّ كَثِيرࣰ ا مِّنَ ٱلنَّاسِ بِلِقَآيِٕ رَبِّهِمۡ لَكَٰفِرُونَ
Abacamngci na emiphefumlweni yabo. (babone)? UAllâh Akazanga Adale amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kuwo ngaphandle kokuwadalela enyanisweni nexesha elimisiweyo. Yaye inene, abantu abaninzi abakholwa kwindibano yabo neNkosi yabo (uAllâh)
Ayah 8أَوَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَيَنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَانُوٓاْ أَشَدَّ مِنۡهُمۡ قُوَّةࣰ وَأَثَارُواْ ٱلۡأَرۡضَ وَعَمَرُوهَآ أَكۡثَرَ مِمَّا عَمَرُوهَا وَجَآءَتۡهُمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِۖ فَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيَظۡلِمَهُمۡ وَلَٰكِن كَانُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ
Abahamba-hambanga na ehlabathini babone ukuba sabanjani na isiphelo sabo babengaphambili kunabo? Bona babebakhulu kunabo ngokwamandla, yaye babelima umhlaba, besakha ngaphezulu kunokuba bona bakhile. Ke kaloku abaThunywa2 babo beza kubo nemiqondiso ecacileyo.Yaye uAllâh Wayengekhe Abenze ubugwenxa, koko ngabo ngokwabo abazenza ubugwenxa
Ayah 9ثُمَّ كَانَ عَٰقِبَةَ ٱلَّذِينَ أَسَٰٓـُٔواْ ٱلسُّوٓأَىٰٓ أَن كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ وَكَانُواْ بِهَا يَسۡتَهۡزِءُونَ
Ke kaloku isiphelo sabo benza ukungcola saba sibi kakhulu ngokuba bayiphika imiqondiso ka-Allâh, bephoxisa ngayo
Ayah 10ٱللَّهُ يَبۡدَؤُاْ ٱلۡخَلۡقَ ثُمَّ يُعِيدُهُۥ ثُمَّ إِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ
UAllâh Uyiqala ekuqaleni indalo; Uya kuphinda ayiphinde; nize nina nibuyiselwe kuYe
Ayah 11وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ يُبۡلِسُ ٱلۡمُجۡرِمُونَ
Ke kaloku Mhla iYure yafika izaphula-mthetho ziya kuphelelwa lithemba
Ayah 12وَلَمۡ يَكُن لَّهُم مِّن شُرَكَآئِهِمۡ شُفَعَٰٓؤُاْ وَكَانُواْ بِشُرَكَآئِهِمۡ كَٰفِرِينَ
Kananjalo kubo akuyi kubakho namnye umthetheleli kumahlulelane abo, yaye baya (kuqala) bangakholwa3 kumahlulelane abo
Ayah 13وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ يَوۡمَئِذࣲ يَتَفَرَّقُونَ
Kananjalo ngeMini yokufika kweYure ngaloo Mini baya kwahlukaniswa
Ayah 14فَأَمَّا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ فَهُمۡ فِي رَوۡضَةࣲ يُحۡبَرُونَ
Abo bakholwayo, benza izenzo zobulungisa, baya kuba seMyezweni (ePaladesi) bevuya
Ayah 15وَأَمَّا ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَكَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا وَلِقَآيِٕ ٱلۡأٓخِرَةِ فَأُوْلَٰٓئِكَ فِي ٱلۡعَذَابِ مُحۡضَرُونَ
Ke bona abo baye bangakholwa baphika iiVesi zeThu nendibano yakuBomi oBuzayo, abo baya kuziswa esohlwayweni
Ayah 16فَسُبۡحَٰنَ ٱللَّهِ حِينَ تُمۡسُونَ وَحِينَ تُصۡبِحُونَ
Ngoko ke mzukiseni uAllâh xa nifikelela kungcwalazo, naxa nifikelela kwintseni
Ayah 17وَلَهُ ٱلۡحَمۡدُ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَعَشِيࣰّ ا وَحِينَ تُظۡهِرُونَ
Yaye iindumiso (zonke) zezaKhe emazulwini nasemhlabeni. Kananjalo Mzukiseni Yena emalanga nasemvakwemini
Ayah 18يُخۡرِجُ ٱلۡحَيَّ مِنَ ٱلۡمَيِّتِ وَيُخۡرِجُ ٱلۡمَيِّتَ مِنَ ٱلۡحَيِّ وَيُحۡيِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَاۚ وَكَذَٰلِكَ تُخۡرَجُونَ
Yena Ukhupha abaphilileyo kwabafileyo, Akhuphe abafileyo kwabaphilileyo, Abuyisele ubomi emhlabeni emveni kokuba ubungasenabomi. Nani niya kubuyiselwa (ebomini) ngolo hlobo
Ayah 19وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَنۡ خَلَقَكُم مِّن تُرَابࣲ ثُمَّ إِذَآ أَنتُم بَشَرࣱ تَنتَشِرُونَ
Eminye imiqondiso yaKhe kukuba Wadala nina ngothuli (lomhlaba); ngephanyazo naba ngabantu abathe saa (emhlabeni wonke)
Ayah 20وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَنۡ خَلَقَ لَكُم مِّنۡ أَنفُسِكُمۡ أَزۡوَٰجࣰ ا لِّتَسۡكُنُوٓاْ إِلَيۡهَا وَجَعَلَ بَيۡنَكُم مَّوَدَّةࣰ وَرَحۡمَةًۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتࣲ لِّقَوۡمࣲ يَتَفَكَّرُونَ
Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukuba Wanidalela abalingane benu Ebathabatha eziqwini zenu khon’ukuze nifumane kubo ukwaneliseka (komphefumlo); Waza kananjalo wafaka phakathi kwenu uthando nenceba. Inene koko kukho imiqondiso kubantu abacingisisayo
Ayah 21وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦ خَلۡقُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَٱخۡتِلَٰفُ أَلۡسِنَتِكُمۡ وَأَلۡوَٰنِكُمۡۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتࣲ لِّلۡعَٰلِمِينَ
Omnye wemiqondiso yaKhe kukudalwa kwamazulu nomhlaba nokwahlukana kweelwimi zenu nemibala yenu. Inene kuko oko kukho umqondiso kwabo bolwazi
Ayah 22وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦ مَنَامُكُم بِٱلَّيۡلِ وَٱلنَّهَارِ وَٱبۡتِغَآؤُكُم مِّن فَضۡلِهِۦٓۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتࣲ لِّقَوۡمࣲ يَسۡمَعُونَ
Omnye wemiqondiso yaKhe kukulala kwenu ebusuku nasemini nokufuna kwenu iziBele zaKhe. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abaphulaphulayo
Ayah 23وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦ يُرِيكُمُ ٱلۡبَرۡقَ خَوۡفࣰ ا وَطَمَعࣰ ا وَيُنَزِّلُ مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءࣰ فَيُحۡيِۦ بِهِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَآۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتࣲ لِّقَوۡمࣲ يَعۡقِلُونَ
Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukuba Unibonisa ukubaneka (okunibangela) uloyiko nethemba, Aze Athumele imvula isuka esibhakabhakeni Athi ngayo Avuse umhlaba emva kokuba ubungenabomi. Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abasebenzisa ingqiqo
Ayah 24وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَن تَقُومَ ٱلسَّمَآءُ وَٱلۡأَرۡضُ بِأَمۡرِهِۦۚ ثُمَّ إِذَا دَعَاكُمۡ دَعۡوَةࣰ مِّنَ ٱلۡأَرۡضِ إِذَآ أَنتُمۡ تَخۡرُجُونَ
Kananjalo omnye wemiqondiso yaKhe kukuba izulu nomhlaba (zimi) ngomyalelo waKhe. Ke kaloku xa Enibiza isihlandlo esinye emhlabeni, niya kuza ngaphambi (kwaKhe)
Ayah 25وَلَهُۥ مَن فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ كُلࣱّ لَّهُۥ قَٰنِتُونَ
Kananjalo kokwaKhe okusemazulwini nasemhlabeni. Zonke (izinto) ziMthobela ngenyameko Yena
Ayah 26وَهُوَ ٱلَّذِي يَبۡدَؤُاْ ٱلۡخَلۡقَ ثُمَّ يُعِيدُهُۥ وَهُوَ أَهۡوَنُ عَلَيۡهِۚ وَلَهُ ٱلۡمَثَلُ ٱلۡأَعۡلَىٰ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ
NguYe Oqalisa indalo; Aze ayiphinde, yaye oko kulula kuYe. OkwaKhe kukuba Achazwe ngezichazi4 ezizezona ziphakamileyo emazulwini nasemhlabeni. Yaye nguSobunganga, uSobulumko
Ayah 27ضَرَبَ لَكُم مَّثَلࣰ ا مِّنۡ أَنفُسِكُمۡۖ هَل لَّكُم مِّن مَّا مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُكُم مِّن شُرَكَآءَ فِي مَا رَزَقۡنَٰكُمۡ فَأَنتُمۡ فِيهِ سَوَآءࣱ تَخَافُونَهُمۡ كَخِيفَتِكُمۡ أَنفُسَكُمۡۚ كَذَٰلِكَ نُفَصِّلُ ٱلۡأٓيَٰتِ لِقَوۡمࣲ يَعۡقِلُونَ
Yena Uninika umzekelo weziqu zenu. Ingaba phakathi kwabo izandla zenu zokunene zibabambileyo (amakhoboka), bakhona abangamahlulelane kuni koko Siniphe kona khona ukuze balingane nani nibahloniphe ngentlonipho enihloniphana ngayo nina xa ninodwa? Sizicacisa kanjalo ke iiVesi ebantwini abanengqiqo
Ayah 28بَلِ ٱتَّبَعَ ٱلَّذِينَ ظَلَمُوٓاْ أَهۡوَآءَهُم بِغَيۡرِ عِلۡمࣲۖ فَمَن يَهۡدِي مَنۡ أَضَلَّ ٱللَّهُۖ وَمَا لَهُم مِّن نَّٰصِرِينَ
Kodwa abo bagwenxa balandela iminqweno yabo bengenalwazi. Kodwa ngubani na ongakhokela lowo uAllâh Amyekele ekulahlekeni? Yaye kubo akuyi kubakho bancedi
Ayah 29فَأَقِمۡ وَجۡهَكَ لِلدِّينِ حَنِيفࣰ اۚ فِطۡرَتَ ٱللَّهِ ٱلَّتِي فَطَرَ ٱلنَّاسَ عَلَيۡهَاۚ لَا تَبۡدِيلَ لِخَلۡقِ ٱللَّهِۚ ذَٰلِكَ ٱلدِّينُ ٱلۡقَيِّمُ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَعۡلَمُونَ
Ngokokewena(Muhammad) bhekisaubusobakhoenkolweni, uthambekele ngasenyanisweni (utshele) kwi’Fitrah’5 (ka- Allâh) Awadala ngayo abantu makungabikho kuguquka enkolweni ka-Allâh. Leyo ke yiNdlela ethe Tye kodwa abantu abaninzi abazi
Ayah 30۞مُنِيبِينَ إِلَيۡهِ وَٱتَّقُوهُ وَأَقِيمُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَلَا تَكُونُواْ مِنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ
(Hlala ubambelele kuyo), ubuyele kuYe ngenguquko, woyike Yena, umisele umthandazo, ungabi ngomnye wabo bayamanisa abanye kuAllâh
Ayah 31مِنَ ٱلَّذِينَ فَرَّقُواْ دِينَهُمۡ وَكَانُواْ شِيَعࣰ اۖ كُلُّ حِزۡبِۭ بِمَا لَدَيۡهِمۡ فَرِحُونَ
(Okanye) abo bahlulahlule inkolo yabo baba ziimvaba ngeemvaba, imvaba nganye ivuyela oko inako (kwenziwe yiyo)
Ayah 32وَإِذَا مَسَّ ٱلنَّاسَ ضُرࣱّ دَعَوۡاْ رَبَّهُم مُّنِيبِينَ إِلَيۡهِ ثُمَّ إِذَآ أَذَاقَهُم مِّنۡهُ رَحۡمَةً إِذَا فَرِيقࣱ مِّنۡهُم بِرَبِّهِمۡ يُشۡرِكُونَ
Ke kaloku xa ubunzima buchukumisa abantu, babiza eNkosini yabo, bebuyela kuYo ngenguquko. Ize Ithi Yakubangcamlisa inceba evela kuYo, ngoko nangoko iqela elithile kubo layamanise abanye eNkosini yalo
Ayah 33لِيَكۡفُرُواْ بِمَآ ءَاتَيۡنَٰهُمۡۚ فَتَمَتَّعُواْ فَسَوۡفَ تَعۡلَمُونَ
(Besenzela) ukuba baphike oko bakuphiwe siThi. Ngoko ke zonwabiseni nina [okwethutyana, (kungekudala)] niza kwazi
Ayah 34أَمۡ أَنزَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ سُلۡطَٰنࣰ ا فَهُوَ يَتَكَلَّمُ بِمَا كَانُواْ بِهِۦ يُشۡرِكُونَ
Ingaba mhlawumbi Sibathumelele igunya (incwadi enika ubungqina), ethetha ngoko bakwayamanisa naYe (uAllâh)
Ayah 35وَإِذَآ أَذَقۡنَا ٱلنَّاسَ رَحۡمَةࣰ فَرِحُواْ بِهَاۖ وَإِن تُصِبۡهُمۡ سَيِّئَةُۢ بِمَا قَدَّمَتۡ أَيۡدِيهِمۡ إِذَا هُمۡ يَقۡنَطُونَ
Ke kaloku Sisakwenza abantu bangcamle inceba bayavuya, kodwa besakuthwaxwa bububi ngenxa yoko kwenziwe zizandla zabo, ngoko nangoko bathi khulubembe
Ayah 36أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّ ٱللَّهَ يَبۡسُطُ ٱلرِّزۡقَ لِمَن يَشَآءُ وَيَقۡدِرُۚ إِنَّ فِي ذَٰلِكَ لَأٓيَٰتࣲ لِّقَوۡمࣲ يُؤۡمِنُونَ
Ababoni na ukuba uAllâh Wandisela isixhaso sakhe lowo Athande (ukumandisela) Aze Ancitshe (lowo Athande ukumncitsha)? Inene kuko oko kukho imiqondiso kubantu abakholwayo
Ayah 37فَـَٔاتِ ذَا ٱلۡقُرۡبَىٰ حَقَّهُۥ وَٱلۡمِسۡكِينَ وَٱبۡنَ ٱلسَّبِيلِۚ ذَٰلِكَ خَيۡرࣱ لِّلَّذِينَ يُرِيدُونَ وَجۡهَ ٱللَّهِۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ
Ngoko ke nika isizalwana (sakho) ilungelo laso, nabo basweleyo nomhambi. Oko kokona kulungileyo kwabo banqwenelainkxasoka-Allâh, yayengaboabayakuphumelela
Ayah 38وَمَآ ءَاتَيۡتُم مِّن رِّبࣰ ا لِّيَرۡبُوَاْ فِيٓ أَمۡوَٰلِ ٱلنَّاسِ فَلَا يَرۡبُواْ عِندَ ٱللَّهِۖ وَمَآ ءَاتَيۡتُم مِّن زَكَوٰةࣲ تُرِيدُونَ وَجۡهَ ٱللَّهِ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُضۡعِفُونَ
Ke kaloku nantoni na eniya kunikela ngayo yemali nzala6 nisenzela ukwandisa ubutyebi babantu ayiyi kwanda kuAllâh. Kodwa eniya kunikela ngako kwiZakâh, nifuna inkxaso ka- Allâh oko kuya kuba sisandiso
Ayah 39ٱللَّهُ ٱلَّذِي خَلَقَكُمۡ ثُمَّ رَزَقَكُمۡ ثُمَّ يُمِيتُكُمۡ ثُمَّ يُحۡيِيكُمۡۖ هَلۡ مِن شُرَكَآئِكُم مَّن يَفۡعَلُ مِن ذَٰلِكُم مِّن شَيۡءࣲۚ سُبۡحَٰنَهُۥ وَتَعَٰلَىٰ عَمَّا يُشۡرِكُونَ
UAllâh nguloWo Wanidalayo, Waza Wanibonelela (ngesixhaso) kwaye Usaya kunenza nife, Aze Aphinde Aninike ubomi. Ingaba likhona na kumahlulelane enu elenza into enjalo? Uzuko malube kuYe Uphakamile Yena koko bakwayamanisa kuYe
Ayah 40ظَهَرَ ٱلۡفَسَادُ فِي ٱلۡبَرِّ وَٱلۡبَحۡرِ بِمَا كَسَبَتۡ أَيۡدِي ٱلنَّاسِ لِيُذِيقَهُم بَعۡضَ ٱلَّذِي عَمِلُواْ لَعَلَّهُمۡ يَرۡجِعُونَ
Ukungcola sele kubonakele elizweni lonke naselwandle ngenxa yoko kwenziwe zizandla zabantu, ngoko ke Yena (uAllâh) Angabangcamlisa inxalenye yoko bakwenzileyo, khon’ukuze babuyele (ngenguquko kuAllâh, bacele itarhu kuYe)
Ayah 41قُلۡ سِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَٱنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلُۚ كَانَ أَكۡثَرُهُم مُّشۡرِكِينَ
Yithi (Muhammad): “Hamba-hambani elizweni nibone ukuba saba njani na isiphelo sabo bangaphambili (kunani)! Uninzi lwabo lwalungabayamanisi (bezithixo kuAllâh)
Ayah 42فَأَقِمۡ وَجۡهَكَ لِلدِّينِ ٱلۡقَيِّمِ مِن قَبۡلِ أَن يَأۡتِيَ يَوۡمࣱ لَّا مَرَدَّ لَهُۥ مِنَ ٱللَّهِۖ يَوۡمَئِذࣲ يَصَّدَّعُونَ
Ngoko ke wena bhekisa ubuso bakho, kwinkolo elungileyo ingekafiki iMini evela kuAllâh, engenakubuyiselwa mva. Ngaloo Mini, baya kwahlulahlulwa
Ayah 43مَن كَفَرَ فَعَلَيۡهِ كُفۡرُهُۥۖ وَمَنۡ عَمِلَ صَٰلِحࣰ ا فَلِأَنفُسِهِمۡ يَمۡهَدُونَ
Lowo ungakholwayo, (iziphumo) zokungakholwa kwakhe ziya kuba phezu kwentloko yakhe. Ke bona abo benza izenzo ezilungileyo, balungiselela iziqu zabo
Ayah 44لِيَجۡزِيَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ مِن فَضۡلِهِۦٓۚ إِنَّهُۥ لَا يُحِبُّ ٱلۡكَٰفِرِينَ
Khon’ukuze (uAllâh) Avuze abo baye bakholwa, benza izenzo ezilungileyo ngobubele baKhe. Inene Yena Akabathandi abangakholwayo
Ayah 45وَمِنۡ ءَايَٰتِهِۦٓ أَن يُرۡسِلَ ٱلرِّيَاحَ مُبَشِّرَٰتࣲ وَلِيُذِيقَكُم مِّن رَّحۡمَتِهِۦ وَلِتَجۡرِيَ ٱلۡفُلۡكُ بِأَمۡرِهِۦ وَلِتَبۡتَغُواْ مِن فَضۡلِهِۦ وَلَعَلَّكُمۡ تَشۡكُرُونَ
Omnye wemiqondiso yaKhe kukuba Yena Uthumela imimoya ukuba ibe zizandulela zeendaba ezivuyisayo nokunenza ningcamle inceba yaKhe. (ngokuninika imvula) zize kananjalo neenqanawa ziwize8 (elwandle) ngomyalelo waKhe ukuze nani nifune ububele baKhe, mhlawumbi niya kuba nombulelo
Ayah 46وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا مِن قَبۡلِكَ رُسُلًا إِلَىٰ قَوۡمِهِمۡ فَجَآءُوهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَٱنتَقَمۡنَا مِنَ ٱلَّذِينَ أَجۡرَمُواْۖ وَكَانَ حَقًّا عَلَيۡنَا نَصۡرُ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ
Ke kaloku sele Sithumele abaThunywa ngaphambili kunawe kubantu bakubo, yaye beza kubo nemiqondiso ecacileyo; Thina ke Sathabatha impindezelo kwabo benza ulwaphulo- mthetho, kwaza kwaba luxanduva lweThu ukuxhasa amakholwa
Ayah 47ٱللَّهُ ٱلَّذِي يُرۡسِلُ ٱلرِّيَٰحَ فَتُثِيرُ سَحَابࣰ ا فَيَبۡسُطُهُۥ فِي ٱلسَّمَآءِ كَيۡفَ يَشَآءُ وَيَجۡعَلُهُۥ كِسَفࣰ ا فَتَرَى ٱلۡوَدۡقَ يَخۡرُجُ مِنۡ خِلَٰلِهِۦۖ فَإِذَآ أَصَابَ بِهِۦ مَن يَشَآءُ مِنۡ عِبَادِهِۦٓ إِذَا هُمۡ يَسۡتَبۡشِرُونَ
UAllâh nguYe Othumela imimoya, khon’ukuze iphakamise amafu iwasasaze esibhakabhakeni ngohlobo Athande ngalo, ize iwahlulahlule abe ziingqimba, ude ubone amachaphaza emvula ephuma phakathi kuwo! Aze (amachaphaza lawo) athi esakuwela kwabo (uAllâh) Athande ukuba awele phezu kwabo kwizicaka zaKhe, bavuye
Ayah 48وَإِن كَانُواْ مِن قَبۡلِ أَن يُنَزَّلَ عَلَيۡهِم مِّن قَبۡلِهِۦ لَمُبۡلِسِينَ
Ukanti eneneni phambi kokuba loo (mvula) ithululwe phezu kwabo, bebekade bethe khulubembe
Ayah 49فَٱنظُرۡ إِلَىٰٓ ءَاثَٰرِ رَحۡمَتِ ٱللَّهِ كَيۡفَ يُحۡيِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَآۚ إِنَّ ذَٰلِكَ لَمُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰۖ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءࣲ قَدِيرࣱ
Khangela ke iziphumo zenceba ka-Allâh: Indlela Awuvuselela ngayo umhlaba emva kokufa kwawo. Inene, (uAllâh) ngu- loWo Uza kunika ubomi kwabafileyo, yaye Yena Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke
Ayah 50وَلَئِنۡ أَرۡسَلۡنَا رِيحࣰ ا فَرَأَوۡهُ مُصۡفَرࣰّ ا لَّظَلُّواْ مِنۢ بَعۡدِهِۦ يَكۡفُرُونَ
Kodwa ukuba beSinokuthumela umoya (ombi) baze babone (izityalo zabo zijike zaba lubhelu, emva koko bebeza kusala bengabangakholwayo)
Ayah 51فَإِنَّكَ لَا تُسۡمِعُ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَلَا تُسۡمِعُ ٱلصُّمَّ ٱلدُّعَآءَ إِذَا وَلَّوۡاْ مُدۡبِرِينَ
Ke wena enyanisweni awungekhe wenze abafileyo bave, ungekhe kananjalo wenze izithulu zive ukubizwa xa sele zitshikile zafulathela, zarhoxa
Ayah 52وَمَآ أَنتَ بِهَٰدِ ٱلۡعُمۡيِ عَن ضَلَٰلَتِهِمۡۖ إِن تُسۡمِعُ إِلَّا مَن يُؤۡمِنُ بِـَٔايَٰتِنَا فَهُم مُّسۡلِمُونَ
Kananjalo akungekhe ukhokelele iimfama uzikhuphe ekulahlekeni. Wena uya kwenza kuve abo bakholwayo kwiiVesi zeThu baze babe ngamaMuslim (bazithobe phantsi kwentando ka-Allâh)
Ayah 53۞ٱللَّهُ ٱلَّذِي خَلَقَكُم مِّن ضَعۡفࣲ ثُمَّ جَعَلَ مِنۢ بَعۡدِ ضَعۡفࣲ قُوَّةࣰ ثُمَّ جَعَلَ مِنۢ بَعۡدِ قُوَّةࣲ ضَعۡفࣰ ا وَشَيۡبَةࣰۚ يَخۡلُقُ مَا يَشَآءُۚ وَهُوَ ٱلۡعَلِيمُ ٱلۡقَدِيرُ
UAllâh nguloWo Wanidalayo (nikwimo) yobuthathaka, Waza wanenza naba namandla emva kokuba buthathaka (kwenu), neenwele ezingwevu. Yena Udala oko Akuthandileyo yaye Yena nguSolwazi, uSomandla
Ayah 54وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ يُقۡسِمُ ٱلۡمُجۡرِمُونَ مَا لَبِثُواْ غَيۡرَ سَاعَةࣲۚ كَذَٰلِكَ كَانُواْ يُؤۡفَكُونَ
NgeMini eya kuvela ngayo iYure izaphula-mthetho ziya kufunga okokuba ziphile iyure (enye emhlabeni). Kuya kuba ngolo hlobo ke ukuziqhatha kwabo
Ayah 55وَقَالَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡعِلۡمَ وَٱلۡإِيمَٰنَ لَقَدۡ لَبِثۡتُمۡ فِي كِتَٰبِ ٱللَّهِ إِلَىٰ يَوۡمِ ٱلۡبَعۡثِۖ فَهَٰذَا يَوۡمُ ٱلۡبَعۡثِ وَلَٰكِنَّكُمۡ كُنتُمۡ لَا تَعۡلَمُونَ
Kodwa bona abo banikwa ulwazi nokholo baya kuthi: “Nina naphila (emhlabeni) kangangexesha elingummiselo ka-Allâh kwada kwaba yiMini yoVuko, le ke yiMini yoVuko, kodwa anizanga niyazi9 nina.”
Ayah 56فَيَوۡمَئِذࣲ لَّا يَنفَعُ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ مَعۡذِرَتُهُمۡ وَلَا هُمۡ يُسۡتَعۡتَبُونَ
Ke kaloku ngaloo Mini ukuzithethelela kwabo akuyi kubanceda nto abo benza ubugwenxa, bengayi kuyalelwa nokuyalelwa ukuba bazicengezelele kuAllâh
Ayah 57وَلَقَدۡ ضَرَبۡنَا لِلنَّاسِ فِي هَٰذَا ٱلۡقُرۡءَانِ مِن كُلِّ مَثَلࣲۚ وَلَئِن جِئۡتَهُم بِـَٔايَةࣲ لَّيَقُولَنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا مُبۡطِلُونَ
Kananjalo Thina Sinike abantu (zonke iintlobo) zemizekeliso. Kodwa ukuba (wena Muhammad), ungabazisela umqondiso, inene abangakholwayo (kubo) bangathi: “Nina (makholwa) ningabaqambi bobuxoki.”
Ayah 58كَذَٰلِكَ يَطۡبَعُ ٱللَّهُ عَلَىٰ قُلُوبِ ٱلَّذِينَ لَا يَعۡلَمُونَ
Uzitywina kanjalo ke uAllâh iintliziyo zabo bangazi (nto)
Ayah 59فَٱصۡبِرۡ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقࣱّۖ وَلَا يَسۡتَخِفَّنَّكَ ٱلَّذِينَ لَا يُوقِنُونَ
Ngoko ke nyamezela (ngomonde), inene, isithembiso sika- Allâh siyinyaniso. Kananjalo ungabavumeli bakutyhafise abo bangaqinisekanga ngokholo (lwabo)
Ayah 60