Surah Al-Furqaan — The Criterion

Surah Al-Furqaan (The Criterion) is chapter 25 of the Quran, with 77 verses. This page presents the Arabic text with a Xhosa translation, verse by verse.

تَبَارَكَ ٱلَّذِي نَزَّلَ ٱلۡفُرۡقَانَ عَلَىٰ عَبۡدِهِۦ لِيَكُونَ لِلۡعَٰلَمِينَ نَذِيرًا

Usikelelekile loWo Wathumela iFur’kân1 (yokwahlula phakathi kokulungileyo nokungalunganga) kwisiCaka saKhe (uMuhammad) khon’ukuze abe nguMlumkisi kwindalo (yonke)

Ayah 1

ٱلَّذِي لَهُۥ مُلۡكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَلَمۡ يَتَّخِذۡ وَلَدࣰ ا وَلَمۡ يَكُن لَّهُۥ شَرِيكࣱ فِي ٱلۡمُلۡكِ وَخَلَقَ كُلَّ شَيۡءࣲ فَقَدَّرَهُۥ تَقۡدِيرࣰ ا

Yena loWo ubukumkani bamazulu nomhlaba ibobaKhe, Ongazelanga nyana Engazanga waba nahlakani kubumkani baKhe. Odale into nganye Wayilinganisela ngomlinganiselo oyifaneleyo

Ayah 2

وَٱتَّخَذُواْ مِن دُونِهِۦٓ ءَالِهَةࣰ لَّا يَخۡلُقُونَ شَيۡـࣰٔ ا وَهُمۡ يُخۡلَقُونَ وَلَا يَمۡلِكُونَ لِأَنفُسِهِمۡ ضَرࣰّ ا وَلَا نَفۡعࣰ ا وَلَا يَمۡلِكُونَ مَوۡتࣰ ا وَلَا حَيَوٰةࣰ وَلَا نُشُورࣰ ا

Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle kwaKhe abangadalanga nto, lo gama kwabona bedaliwe, bengenabo nobunjani ubungozi nenzuzo eziqwini zabo okanye amandla okwenza ukufa okanye ubomi novuko

Ayah 3

وَقَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ إِنۡ هَٰذَآ إِلَّآ إِفۡكٌ ٱفۡتَرَىٰهُ وَأَعَانَهُۥ عَلَيۡهِ قَوۡمٌ ءَاخَرُونَۖ فَقَدۡ جَآءُو ظُلۡمࣰ ا وَزُورࣰ ا

Kananjalo abo bangakholwayo bathi, “Le (‘Kur’ân) Ayinto yimbi ngaphandle kokuba bubuxoki yena uyiqambile, yaye abanye abantu bamncedisile kuyo.” (Batsho) besenza ubuxoki obuyintswela bulungisa

Ayah 4

وَقَالُوٓاْ أَسَٰطِيرُ ٱلۡأَوَّلِينَ ٱكۡتَتَبَهَا فَهِيَ تُمۡلَىٰ عَلَيۡهِ بُكۡرَةࣰ وَأَصِيلࣰ ا

Kananjalo bathi: “Ziintsomi zabantu bakudala azibhale phantsi, yaye (abalandeli bakhe) bazinikele kuye ekuseni nasemini.”

Ayah 5

قُلۡ أَنزَلَهُ ٱلَّذِي يَعۡلَمُ ٱلسِّرَّ فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ إِنَّهُۥ كَانَ غَفُورࣰ ا رَّحِيمࣰ ا

Yithi (Muhammad), “Ityhilwe nguYe Owazi (zonke) iimfihlelo ezisemazulwini nasemhlabeni. Inene Yena nguMxoleli, uSozinceba.”

Ayah 6

وَقَالُواْ مَالِ هَٰذَا ٱلرَّسُولِ يَأۡكُلُ ٱلطَّعَامَ وَيَمۡشِي فِي ٱلۡأَسۡوَاقِ لَوۡلَآ أُنزِلَ إِلَيۡهِ مَلَكࣱ فَيَكُونَ مَعَهُۥ نَذِيرًا

Kananjalo bathi: “NguMthunywa onjani lo utya ukutya ahamba hambe ezimarikeni? Kutheni kungathunyelwa ngelosi kuye ukuze ibe nguMlumkisi kunye naye?”

Ayah 7

أَوۡ يُلۡقَىٰٓ إِلَيۡهِ كَنزٌ أَوۡ تَكُونُ لَهُۥ جَنَّةࣱ يَأۡكُلُ مِنۡهَاۚ وَقَالَ ٱلظَّٰلِمُونَ إِن تَتَّبِعُونَ إِلَّا رَجُلࣰ ا مَّسۡحُورًا

Kungenjalo (kutheni kungekho) vimba amnikiweyo (ovela emazulwini), ingaba mhlawumbi unaso isitiya (amana) ukudla kuso?” Kananjalo abangakholwayo bathi: “Nina (maMuslim) anilandeli nto ngaphandle kokulandela indoda ethakathiweyo

Ayah 8

ٱنظُرۡ كَيۡفَ ضَرَبُواْ لَكَ ٱلۡأَمۡثَٰلَ فَضَلُّواْ فَلَا يَسۡتَطِيعُونَ سَبِيلࣰ ا

Khawubone ke (Muhammad) izinto abakufanisa nazo; kodwa bona balahlekile, yaye angekhe bayifumane iNdlela

Ayah 9

تَبَارَكَ ٱلَّذِيٓ إِن شَآءَ جَعَلَ لَكَ خَيۡرࣰ ا مِّن ذَٰلِكَ جَنَّٰتࣲ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ وَيَجۡعَل لَّكَ قُصُورَۢا

Usikelekile Yena loWo ukuba Ebethanda Ebengakwenzela okuhle ngaphezulu kunoko iMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo Ongakwenzela amabhotwe

Ayah 10

بَلۡ كَذَّبُواْ بِٱلسَّاعَةِۖ وَأَعۡتَدۡنَا لِمَن كَذَّبَ بِٱلسَّاعَةِ سَعِيرًا

Kodwa bayayiphika iYure, yaye Silungiselele abo baphika iYure idangatya (loMlilo)

Ayah 11

إِذَا رَأَتۡهُم مِّن مَّكَانِۭ بَعِيدࣲ سَمِعُواْ لَهَا تَغَيُّظࣰ ا وَزَفِيرࣰ ا

Yabona xa (uMlilo) ubabona besekwindawo ekude, baya kuwuva umsindo wawo nomgqumo wawo

Ayah 12

وَإِذَآ أُلۡقُواْ مِنۡهَا مَكَانࣰ ا ضَيِّقࣰ ا مُّقَرَّنِينَ دَعَوۡاْ هُنَالِكَ ثُبُورࣰ ا

Ke kaloku besakujulelwa kwindawo emxinwa, bebotshwe ngamatyathanga, baya kukhala isijwili apho bekhalela intshabalalo

Ayah 13

لَّا تَدۡعُواْ ٱلۡيَوۡمَ ثُبُورࣰ ا وَٰحِدࣰ ا وَٱدۡعُواْ ثُبُورࣰ ا كَثِيرࣰ ا

(Kuya kuthiwa kubo): “Musani ukukhalela intshabalalo enye namhlanje, koko khalelani intshabalalo engaphezulu (kunale).”

Ayah 14

قُلۡ أَذَٰلِكَ خَيۡرٌ أَمۡ جَنَّةُ ٱلۡخُلۡدِ ٱلَّتِي وُعِدَ ٱلۡمُتَّقُونَۚ كَانَتۡ لَهُمۡ جَزَآءࣰ وَمَصِيرࣰ ا

Yithi: “Ingaba kokona kulungileyo oko na okanye nguMyezo wanaphakade ekuthenjiswe ngawo abo bamoyikayo uAllâh?” Uya kuba ngowabo ke njengomvuzo nesiphelo sohambo lwabo

Ayah 15

لَّهُمۡ فِيهَا مَا يَشَآءُونَ خَٰلِدِينَۚ كَانَ عَلَىٰ رَبِّكَ وَعۡدࣰ ا مَّسۡـُٔولࣰ ا

Okwabo iya kuba koko bakunqwenelayo, baphile ngonaphakade. KuseNkosini yakho apho isicelo sesithembiso sinokwenziwa khona

Ayah 16

وَيَوۡمَ يَحۡشُرُهُمۡ وَمَا يَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ فَيَقُولُ ءَأَنتُمۡ أَضۡلَلۡتُمۡ عِبَادِي هَٰٓؤُلَآءِ أَمۡ هُمۡ ضَلُّواْ ٱلسَّبِيلَ

NgeMini apho Aya kubaqokelela ndawonye kunye nezo nto babezinqula ngaphandle koAllâh. Uya kuthi kuzo: “Nini na aba balahlekisa ezi zicaka zam okanye zizo ngokwazo na ezaziphambukelayo eNdleleni ethe Tye?”

Ayah 17

قَالُواْ سُبۡحَٰنَكَ مَا كَانَ يَنۢبَغِي لَنَآ أَن نَّتَّخِذَ مِن دُونِكَ مِنۡ أَوۡلِيَآءَ وَلَٰكِن مَّتَّعۡتَهُمۡ وَءَابَآءَهُمۡ حَتَّىٰ نَسُواْ ٱلذِّكۡرَ وَكَانُواْ قَوۡمَۢا بُورࣰ ا

Ziya kuthi zona: “Uzuko malube kuWe Wena! Yayingekokwethu ukuba sithabathe abakhuseli ngaphandle kwaKho, koko Wena Wanika bona nooyise babo ulonwabo bada balibala ngesilumkiso, baza baba ngabantu abatshabalalayo

Ayah 18

فَقَدۡ كَذَّبُوكُم بِمَا تَقُولُونَ فَمَا تَسۡتَطِيعُونَ صَرۡفࣰ ا وَلَا نَصۡرࣰ اۚ وَمَن يَظۡلِم مِّنكُمۡ نُذِقۡهُ عَذَابࣰ ا كَبِيرࣰ ا

Ngoko ke (abo thixo benu bobuxoki) baza kuniphika, kuloo nto niyithethayo, Yaye anisokuze nisibuyisele umva (isohlwayo) okanye (nifumane) luncedo. Ke kaloku nabani na owenza intswela bulungisa phakathi kwenu Thina Siya kumenza angcamle isohlwayo esikhulu

Ayah 19

وَمَآ أَرۡسَلۡنَا قَبۡلَكَ مِنَ ٱلۡمُرۡسَلِينَ إِلَّآ إِنَّهُمۡ لَيَأۡكُلُونَ ٱلطَّعَامَ وَيَمۡشُونَ فِي ٱلۡأَسۡوَاقِۗ وَجَعَلۡنَا بَعۡضَكُمۡ لِبَعۡضࣲ فِتۡنَةً أَتَصۡبِرُونَۗ وَكَانَ رَبُّكَ بَصِيرࣰ ا

Ke kaloku aSizanga Sithumele ngaphambili kunawe nabani na kubaThunywa owayengatyi kutya, ahamba- hambe ezimarikeni, kananjalo Senze abanye kuni ukuba babe luvavanyo kwabanye. Ingaba niya kuba nako na ukunyamezela nina? Ukanti iNkosi yenu Ihlala Ibona

Ayah 20

۞وَقَالَ ٱلَّذِينَ لَا يَرۡجُونَ لِقَآءَنَا لَوۡلَآ أُنزِلَ عَلَيۡنَا ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ أَوۡ نَرَىٰ رَبَّنَاۗ لَقَدِ ٱسۡتَكۡبَرُواْ فِيٓ أَنفُسِهِمۡ وَعَتَوۡ عُتُوࣰّ ا كَبِيرࣰ ا

Abo bangalindelanga kudibana naThi bathi: “Kwakutheni na ukuba kungathunyelwa iingelosi kuthi, okanye singayiboni iNkosi yethu?” Bona ngokwenene baye baba nenkukhumalo ngeziqu zabo baza badelela ngendelelo enkulu

Ayah 21

يَوۡمَ يَرَوۡنَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةَ لَا بُشۡرَىٰ يَوۡمَئِذࣲ لِّلۡمُجۡرِمِينَ وَيَقُولُونَ حِجۡرࣰ ا مَّحۡجُورࣰ ا

NgeMini abaya kuzibona ngayo iingelosi akuyi kubakho ndaba zivuyisayo ngaloo Mini kuzo izaphula-mthetho, yaye iingelosi ziya kuthi: “(Makubekho) isithintelo nokuvaleleka3.”

Ayah 22

وَقَدِمۡنَآ إِلَىٰ مَا عَمِلُواْ مِنۡ عَمَلࣲ فَجَعَلۡنَٰهُ هَبَآءࣰ مَّنثُورًا

Ke kaloku Siya kukuthabatha oko bakwenzayo kuzizenzo zabo Size Sikwenze kube njengothuli kuphaphatheke (kuthi shwaka)

Ayah 23

أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَنَّةِ يَوۡمَئِذٍ خَيۡرࣱ مُّسۡتَقَرࣰّ ا وَأَحۡسَنُ مَقِيلࣰ ا

Amadlelane asePaladesi wona ngaloo Mini, aya kuba sentlalweni elungileyo nendawo elungileyo yokuphumla

Ayah 24

وَيَوۡمَ تَشَقَّقُ ٱلسَّمَآءُ بِٱلۡغَمَٰمِ وَنُزِّلَ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ تَنزِيلًا

NgeMini apho izulu liya kwahlukaniswa livuleke linamafu, zize iingelosi zithunyelwe phantsi ngokulandelelana (kwazo ngokwezikhundla)

Ayah 25

ٱلۡمُلۡكُ يَوۡمَئِذٍ ٱلۡحَقُّ لِلرَّحۡمَٰنِۚ وَكَانَ يَوۡمًا عَلَى ٱلۡكَٰفِرِينَ عَسِيرࣰ ا

Ulongamelo lokwenene ngaloo Mini luya kuba lolukaSozinceba. Yaye kwabangakholwayo iya kuba yiMini yobunzima

Ayah 26

وَيَوۡمَ يَعَضُّ ٱلظَّالِمُ عَلَىٰ يَدَيۡهِ يَقُولُ يَٰلَيۡتَنِي ٱتَّخَذۡتُ مَعَ ٱلرَّسُولِ سَبِيلࣰ ا

NgeMini apho Umenzi wobubi aya kuluma izandla zakhe. Uya kuthi: “O, (Madoda) akwaba ndandizithabathele iNdlela (eNgqalileyo) noMthunywa

Ayah 27

يَٰوَيۡلَتَىٰ لَيۡتَنِي لَمۡ أَتَّخِذۡ فُلَانًا خَلِيلࣰ ا

Yeha kum! Akwaba ndandingamthathanga ubanibani ukuba abe ngumhlobo wam osenyongweni

Ayah 28

لَّقَدۡ أَضَلَّنِي عَنِ ٱلذِّكۡرِ بَعۡدَ إِذۡ جَآءَنِيۗ وَكَانَ ٱلشَّيۡطَٰنُ لِلۡإِنسَٰنِ خَذُولࣰ ا

Inene yena undilahlekisile kwinkumbulo (i’Kurân) emveni kokuba ifikile kum. Kwaye uShaytân ngumtyesheli womntu ngeyure yokuxakeka

Ayah 29

وَقَالَ ٱلرَّسُولُ يَٰرَبِّ إِنَّ قَوۡمِي ٱتَّخَذُواْ هَٰذَا ٱلۡقُرۡءَانَ مَهۡجُورࣰ ا

Ke yena uMthunywa wathi: “Nkosi yethu! Inene, abantu bam bayityeshele le ‘Kur’ân

Ayah 30

وَكَذَٰلِكَ جَعَلۡنَا لِكُلِّ نَبِيٍّ عَدُوࣰّ ا مِّنَ ٱلۡمُجۡرِمِينَۗ وَكَفَىٰ بِرَبِّكَ هَادِيࣰ ا وَنَصِيرࣰ ا

Ke kaloku Senzele umProfeti ngamnye utshaba oluphuma phakathi kwezaphula-mthetho. Kodwa Yanele iNkosi yakho iyodwa ukuba ibe nguMncedi

Ayah 31

وَقَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لَوۡلَا نُزِّلَ عَلَيۡهِ ٱلۡقُرۡءَانُ جُمۡلَةࣰ وَٰحِدَةࣰۚ كَذَٰلِكَ لِنُثَبِّتَ بِهِۦ فُؤَادَكَۖ وَرَتَّلۡنَٰهُ تَرۡتِيلࣰ ا

Abo bangakholwayo bathi: “Kutheni na i’Kur’ân ingatyhilwayo kuye yonke ngaxeshalinye?” (oko kunjalo) khon’ukuze Someleze intliziyo yakho ngayo (Muhammad) yaye Siyityhile kuwe iziziqendu ngeziqendu

Ayah 32

وَلَا يَأۡتُونَكَ بِمَثَلٍ إِلَّا جِئۡنَٰكَ بِٱلۡحَقِّ وَأَحۡسَنَ تَفۡسِيرًا

Akukho mzekelo okanye umzekeliso abeza nawo kuwe Singakuziseli nyaniso nengcaciso epheleleyo (ngawo)

Ayah 33

ٱلَّذِينَ يُحۡشَرُونَ عَلَىٰ وُجُوهِهِمۡ إِلَىٰ جَهَنَّمَ أُوْلَٰٓئِكَ شَرࣱّ مَّكَانࣰ ا وَأَضَلُّ سَبِيلࣰ ا

Abo baza kuqokelelwa ngobuso babo basiwe esiHogweni abo ngabona bakwimo emaxongo ngakumbi yaye balahleke kakhulu eNdleleni

Ayah 34

وَلَقَدۡ ءَاتَيۡنَا مُوسَى ٱلۡكِتَٰبَ وَجَعَلۡنَا مَعَهُۥٓ أَخَاهُ هَٰرُونَ وَزِيرࣰ ا

Kananjalo Sanika uMûsâ isiBhalo Samnyulela umntakwabo uHârûn ukuba abe ngumncedisi wakhe

Ayah 35

فَقُلۡنَا ٱذۡهَبَآ إِلَى ٱلۡقَوۡمِ ٱلَّذِينَ كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا فَدَمَّرۡنَٰهُمۡ تَدۡمِيرࣰ ا

Sathi (kubo): “Hambani nobabini niye kubantu abaphike imiqondiso yeThu.” Saza Sabatshabalalisa ngentshabalalo ebhubhisayo

Ayah 36

وَقَوۡمَ نُوحࣲ لَّمَّا كَذَّبُواْ ٱلرُّسُلَ أَغۡرَقۡنَٰهُمۡ وَجَعَلۡنَٰهُمۡ لِلنَّاسِ ءَايَةࣰۖ وَأَعۡتَدۡنَا لِلظَّٰلِمِينَ عَذَابًا أَلِيمࣰ ا

Nabantu bakwaNûh, ukuphika kwabo abaThunywa, Sabatshonisa emanzini, Sabenza umzekelo eluntwini. Yaye Silungiselele abenzi bobubi isohlwayo esibuhlungu

Ayah 37

وَعَادࣰ ا وَثَمُودَاْ وَأَصۡحَٰبَ ٱلرَّسِّ وَقُرُونَۢا بَيۡنَ ذَٰلِكَ كَثِيرࣰ ا

Kanti nabakwa’Ad nabakwaThamûd, nabanini bequla nezizukulwana ezininzi phakathi kwabo

Ayah 38

وَكُلࣰّ ا ضَرَبۡنَا لَهُ ٱلۡأَمۡثَٰلَۖ وَكُلࣰّ ا تَبَّرۡنَا تَتۡبِيرࣰ ا

Kananjalo (kwisizukulwana) ngasinye Senza imizekelo (ukuba ibe zizilumkiso), yaye ngasinye kuzo Sasitshabalisa (safa) nya

Ayah 39

وَلَقَدۡ أَتَوۡاْ عَلَى ٱلۡقَرۡيَةِ ٱلَّتِيٓ أُمۡطِرَتۡ مَطَرَ ٱلسَّوۡءِۚ أَفَلَمۡ يَكُونُواْ يَرَوۡنَهَاۚ بَلۡ كَانُواْ لَا يَرۡجُونَ نُشُورࣰ ا

Ke kaloku babesele begqithagqithile ngakwidolophu (yoMprofeti uLût) ekwathululwa phezu kwayo imvula engcolileyo4. Ingaba abangakholwayo babengaboni na? Yeha kubo! Kaloku babengalindelanga luvuko

Ayah 40

وَإِذَا رَأَوۡكَ إِن يَتَّخِذُونَكَ إِلَّا هُزُوًا أَهَٰذَا ٱلَّذِي بَعَثَ ٱللَّهُ رَسُولًا

Ke kaloku xa bekubona wena (Muhammad) bakuthabatha njengento yokuhlekisa (besithi): “Ingaba lo ngulowo uAllâh amthumele njengoMthunywa

Ayah 41

إِن كَادَ لَيُضِلُّنَا عَنۡ ءَالِهَتِنَا لَوۡلَآ أَن صَبَرۡنَا عَلَيۡهَاۚ وَسَوۡفَ يَعۡلَمُونَ حِينَ يَرَوۡنَ ٱلۡعَذَابَ مَنۡ أَضَلُّ سَبِيلًا

Ebeza kuphantsela ukusilahlekisa koothixo bethu, ukuba ngaba ibingeyiyo into yokuba sinomonde sithe rhoqo (ukubakhonza).” Kodwa baza kwazi xa bebona isohlwayo, ukuba ngubani na olahleke kakhulu eNdleleni

Ayah 42

أَرَءَيۡتَ مَنِ ٱتَّخَذَ إِلَٰهَهُۥ هَوَىٰهُ أَفَأَنتَ تَكُونُ عَلَيۡهِ وَكِيلًا

Ingaba umbonile na lowo uzithabathele iminqweno yakhe ukuba ibe nguthixo wakhe? Ungaze ube nguye umnoneleli wakhe wena

Ayah 43

أَمۡ تَحۡسَبُ أَنَّ أَكۡثَرَهُمۡ يَسۡمَعُونَ أَوۡ يَعۡقِلُونَۚ إِنۡ هُمۡ إِلَّا كَٱلۡأَنۡعَٰمِ بَلۡ هُمۡ أَضَلُّ سَبِيلًا

Okanye ucinga okokuba uninzi lwabo luyeva okanye luyaqiqa? Bona banjengeenkomo yeha, bona balahleke nangakumbi (kuneenkomo) eNdleleni

Ayah 44

أَلَمۡ تَرَ إِلَىٰ رَبِّكَ كَيۡفَ مَدَّ ٱلظِّلَّ وَلَوۡ شَآءَ لَجَعَلَهُۥ سَاكِنࣰ ا ثُمَّ جَعَلۡنَا ٱلشَّمۡسَ عَلَيۡهِ دَلِيلࣰ ا

Ingaba ubonile na ukuba iNkosi yakho Isolule njani na isithunzi. Ukuba Ibithanda, Ibingasuka isenze sime ngxishi Kodwa Senze ilanga laba ngumkhokeli waso

Ayah 45

ثُمَّ قَبَضۡنَٰهُ إِلَيۡنَا قَبۡضࣰ ا يَسِيرࣰ ا

Size Silibambe kuThi ngokubamba okulula

Ayah 46

وَهُوَ ٱلَّذِي جَعَلَ لَكُمُ ٱلَّيۡلَ لِبَاسࣰ ا وَٱلنَّوۡمَ سُبَاتࣰ ا وَجَعَلَ ٱلنَّهَارَ نُشُورࣰ ا

Kananjalo nguYe Onenzela ubusuku bube sisigqumathelo, nokulala ibe kukuphumla Aze Enze imini ibe kukuvuka (kwenu)

Ayah 47

وَهُوَ ٱلَّذِيٓ أَرۡسَلَ ٱلرِّيَٰحَ بُشۡرَۢا بَيۡنَ يَدَيۡ رَحۡمَتِهِۦۚ وَأَنزَلۡنَا مِنَ ٱلسَّمَآءِ مَآءࣰ طَهُورࣰ ا

NguYe Othumela imimoya ibe zizanduleli zeendaba ezilungileyo, ihamba phambi kwenceba yaKhe (imvula); yaye Sithoba amanzi ahlambulukileyo esuka esibhakabhakeni

Ayah 48

لِّنُحۡـِۧيَ بِهِۦ بَلۡدَةࣰ مَّيۡتࣰ ا وَنُسۡقِيَهُۥ مِمَّا خَلَقۡنَآ أَنۡعَٰمࣰ ا وَأَنَاسِيَّ كَثِيرࣰ ا

Khon’ukuze ngawo Sinike ubomi emhlabeni ofileyo, Size Sinike iinkomo nabantu abaninzi eSabadalayo basele kuwo

Ayah 49

وَلَقَدۡ صَرَّفۡنَٰهُ بَيۡنَهُمۡ لِيَذَّكَّرُواْ فَأَبَىٰٓ أَكۡثَرُ ٱلنَّاسِ إِلَّا كُفُورࣰ ا

Kananjalo inene Thina Siwachakachakile (amanzi emvula) phakathi kwabo khon’ukuze bakhumbuzeke, kodwa abaninzi kubo akukho nto bayamkelayo ngaphandle kokungakholwa

Ayah 50

وَلَوۡ شِئۡنَا لَبَعَثۡنَا فِي كُلِّ قَرۡيَةࣲ نَّذِيرࣰ ا

Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSathumela uMlumkisi5 kwidolophu nganye

Ayah 51

فَلَا تُطِعِ ٱلۡكَٰفِرِينَ وَجَٰهِدۡهُم بِهِۦ جِهَادࣰ ا كَبِيرࣰ ا

Ngoko ke ungabathobeli abangakholwayo, zabalaza kananjalo ngokuchasene nabo ngayo (i’Kur’ân), ibe ngumzabalazo omkhulu

Ayah 52

۞وَهُوَ ٱلَّذِي مَرَجَ ٱلۡبَحۡرَيۡنِ هَٰذَا عَذۡبࣱ فُرَاتࣱ وَهَٰذَا مِلۡحٌ أُجَاجࣱ وَجَعَلَ بَيۡنَهُمَا بَرۡزَخࣰ ا وَحِجۡرࣰ ا مَّحۡجُورࣰ ا

Kananjalo nguYe Okhulule ngaxeshalinye iilwandle ezimbini (iintlobo zamanzi ezimbini) olunye (lunamanzi) amnandi olunye (lunamanzi) anetyuwa nakrakra, Waza phakathi kwawo Wafaka umsantsa ongagqithekiyo

Ayah 53

وَهُوَ ٱلَّذِي خَلَقَ مِنَ ٱلۡمَآءِ بَشَرࣰ ا فَجَعَلَهُۥ نَسَبࣰ ا وَصِهۡرࣰ اۗ وَكَانَ رَبُّكَ قَدِيرࣰ ا

Kananjalo NguYe Owadala umntu ngamanzi, Waza Wamnyulela izizalwana ngokomlibo nomtshato. Yaye iNkosi yakho Inamandla okwenza oko Ithande ukukwenza

Ayah 54

وَيَعۡبُدُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ مَا لَا يَنفَعُهُمۡ وَلَا يَضُرُّهُمۡۗ وَكَانَ ٱلۡكَافِرُ عَلَىٰ رَبِّهِۦ ظَهِيرࣰ ا

Kodwa bakhonza ezinye izinto enzingengoAllâh ezingekhe zibazuzise nto okanye zibenze bungozi, yaye umhedeni wasoloko echasene neNkosi yakhe encedisana noShayâtin

Ayah 55

وَمَآ أَرۡسَلۡنَٰكَ إِلَّا مُبَشِّرࣰ ا وَنَذِيرࣰ ا

Kananjalo aSikuthumelelanga nto yimbi ngaphandle kokuba, ube ngumzisi weendaba ezilungileyo noMlumkisi

Ayah 56

قُلۡ مَآ أَسۡـَٔلُكُمۡ عَلَيۡهِ مِنۡ أَجۡرٍ إِلَّا مَن شَآءَ أَن يَتَّخِذَ إِلَىٰ رَبِّهِۦ سَبِيلࣰ ا

Yithi: “Andiniceli ntlawulo ngayo (i’Kur’ân), kuphela (endikufunayo) kukuba othandayo akwazi ukuthabatha iNdlela eya eNkosini yakhe.”

Ayah 57

وَتَوَكَّلۡ عَلَى ٱلۡحَيِّ ٱلَّذِي لَا يَمُوتُ وَسَبِّحۡ بِحَمۡدِهِۦۚ وَكَفَىٰ بِهِۦ بِذُنُوبِ عِبَادِهِۦ خَبِيرًا

(Wena ke Muhammad) beka ithemba lakho kuloWo Uphila ngonaphakade, Ungafiyo, uMzukise ngendumiso yaKhe. Yaye Wanele Yena Eyedwa ukuba Abe nguMazi wezono zezicaka zaKhe

Ayah 58

ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ وَمَا بَيۡنَهُمَا فِي سِتَّةِ أَيَّامࣲ ثُمَّ ٱسۡتَوَىٰ عَلَى ٱلۡعَرۡشِۖ ٱلرَّحۡمَٰنُ فَسۡـَٔلۡ بِهِۦ خَبِيرࣰ ا

Yena loWo Wadala amazulu nomhlaba nako konke okuphakathi kwawo ngeentsuku ezintandathu. Waza Waphakamela ngentla kweTrone (yaKhe) uSozinceba, ngoko ke buza Yena Owaziyo (Muhammad)

Ayah 59

وَإِذَا قِيلَ لَهُمُ ٱسۡجُدُواْۤ لِلرَّحۡمَٰنِ قَالُواْ وَمَا ٱلرَّحۡمَٰنُ أَنَسۡجُدُ لِمَا تَأۡمُرُنَا وَزَادَهُمۡ نُفُورࣰ ا۩

Ke kaloku xa kusithiwa kubo: “Qubudani kuSozinceba,” bathi bona, “Yintoni uSozinceba? Thina siqubude kuloWo usiyalela ngaYe?” Kuze oko kubongezelele inkcaso

Ayah 60

تَبَارَكَ ٱلَّذِي جَعَلَ فِي ٱلسَّمَآءِ بُرُوجࣰ ا وَجَعَلَ فِيهَا سِرَٰجࣰ ا وَقَمَرࣰ ا مُّنِيرࣰ ا

Usikelelekile loWo Wabeka esibhakabhakeni iinkwenkwezi ezinkulu Waza Wabeka kananjalo apho isibane nenyanga ekhazimlayo

Ayah 61

وَهُوَ ٱلَّذِي جَعَلَ ٱلَّيۡلَ وَٱلنَّهَارَ خِلۡفَةࣰ لِّمَنۡ أَرَادَ أَن يَذَّكَّرَ أَوۡ أَرَادَ شُكُورࣰ ا

Kananjalo nguYe Owenze ubusuku nemini ukuba zilandelelane Esenzela nabani na onqwenela ukukhumbula (akhumbule) okanye onqwenela ukuba nombulelo (abulele)

Ayah 62

وَعِبَادُ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلَّذِينَ يَمۡشُونَ عَلَى ٱلۡأَرۡضِ هَوۡنࣰ ا وَإِذَا خَاطَبَهُمُ ٱلۡجَٰهِلُونَ قَالُواْ سَلَٰمࣰ ا

Ke kaloku izicaka zikaSozinceba ngabo bahamba phezu komhlaba ngokuzithobileyo, ze bathi xa bethethiswa ngqwabalala ngabasweli kuqonda batsho amazwi oxolo bona

Ayah 63

وَٱلَّذِينَ يَبِيتُونَ لِرَبِّهِمۡ سُجَّدࣰ ا وَقِيَٰمࣰ ا

Nabo bachitha inxalenye yobusuku kunqulo lweNkosi yabo bequbudile, bemi nangeenyawo

Ayah 64

وَٱلَّذِينَ يَقُولُونَ رَبَّنَا ٱصۡرِفۡ عَنَّا عَذَابَ جَهَنَّمَۖ إِنَّ عَذَابَهَا كَانَ غَرَامًا

Nabo bathi: “Nkosi yethu, shenxisa isohlwayo sesiHogo kuthi. Inene isohlwayo saso sinamathela umphelo.”

Ayah 65

إِنَّهَا سَآءَتۡ مُسۡتَقَرࣰّ ا وَمُقَامࣰ ا

Inene sona singcolile ukuba sibe yindawo yokuhlala

Ayah 66

وَٱلَّذِينَ إِذَآ أَنفَقُواْ لَمۡ يُسۡرِفُواْ وَلَمۡ يَقۡتُرُواْ وَكَانَ بَيۡنَ ذَٰلِكَ قَوَامࣰ ا

Abo bathi xa benikela kumalizo bangadyakrazi bengenabugqolo, koko babe phakathi kwezo (meko zimbini)

Ayah 67

وَٱلَّذِينَ لَا يَدۡعُونَ مَعَ ٱللَّهِ إِلَٰهًا ءَاخَرَ وَلَا يَقۡتُلُونَ ٱلنَّفۡسَ ٱلَّتِي حَرَّمَ ٱللَّهُ إِلَّا بِٱلۡحَقِّ وَلَا يَزۡنُونَۚ وَمَن يَفۡعَلۡ ذَٰلِكَ يَلۡقَ أَثَامࣰ ا

Nabo bangabizi nakuwuphi na omnye uthixo bamdibanise noAllâh, bangabulali abantu uAllâh Angavumelanga ukuba babulawe, ngaphandle kokuselungelweni, abangakrexeziyo, (abangajoliyo) nabani na ke owenza le nto uza kusifumana isohlwayo

Ayah 68

يُضَٰعَفۡ لَهُ ٱلۡعَذَابُ يَوۡمَ ٱلۡقِيَٰمَةِ وَيَخۡلُدۡ فِيهِۦ مُهَانًا

Isohlwayo siya kuphindwa kabini ngoMhla woVuko yaye uya kuhlala apho ehlazekile

Ayah 69

إِلَّا مَن تَابَ وَءَامَنَ وَعَمِلَ عَمَلࣰ ا صَٰلِحࣰ ا فَأُوْلَٰٓئِكَ يُبَدِّلُ ٱللَّهُ سَيِّـَٔاتِهِمۡ حَسَنَٰتࣲۗ وَكَانَ ٱللَّهُ غَفُورࣰ ا رَّحِيمࣰ ا

Ngaphandle kwabo, baguqukayo bakholwe, benze izenzo zobulungisa; okwabo kukuba uAllâh Aguqule izono zabo zibe zizenzo ezilungileyo, kananjalo uAllâh nguMxoleli, USozinceba

Ayah 70

وَمَن تَابَ وَعَمِلَ صَٰلِحࣰ ا فَإِنَّهُۥ يَتُوبُ إِلَى ٱللَّهِ مَتَابࣰ ا

Lowo uguqukayo, enze izenzo ezilungileyo, inene yena uguqukele kuAllâh ngenguquko (eyamkelekileyo)

Ayah 71

وَٱلَّذِينَ لَا يَشۡهَدُونَ ٱلزُّورَ وَإِذَا مَرُّواْ بِٱللَّغۡوِ مَرُّواْ كِرَامࣰ ا

Abo ngabo bangangqineli ubungqina bobuxoki, naxa begqitha ngakwintetho engcolileyo, bagqitha kuyo ngesidima

Ayah 72

وَٱلَّذِينَ إِذَا ذُكِّرُواْ بِـَٔايَٰتِ رَبِّهِمۡ لَمۡ يَخِرُّواْ عَلَيۡهَا صُمࣰّ ا وَعُمۡيَانࣰ ا

Nabo bathi xa bekhunjuzwa ngeeVesi zeNkosi yabo, (ezo Vesi) zingawi phezu kwabo benobuthulu nobumfama

Ayah 73

وَٱلَّذِينَ يَقُولُونَ رَبَّنَا هَبۡ لَنَا مِنۡ أَزۡوَٰجِنَا وَذُرِّيَّٰتِنَا قُرَّةَ أَعۡيُنࣲ وَٱجۡعَلۡنَا لِلۡمُتَّقِينَ إِمَامًا

Nabo bathi: “Nkosi yethu, siphe kubafazi bethu nakwinzala yethu ukukholiseka emehlweni ethu, Usenze sibe ziinkokeli zabanyulu

Ayah 74

أُوْلَٰٓئِكَ يُجۡزَوۡنَ ٱلۡغُرۡفَةَ بِمَا صَبَرُواْ وَيُلَقَّوۡنَ فِيهَا تَحِيَّةࣰ وَسَلَٰمًا

Abo baya kuvuzwa ngeendawo eziphakamileyo (ePaladesi) ngenxa yokunyamezela kwabo. Phakathi apho baya kuhlangatyezwa ngemibuliso nelizwi loxolo nentlonipheko

Ayah 75

خَٰلِدِينَ فِيهَاۚ حَسُنَتۡ مُسۡتَقَرࣰّ ا وَمُقَامࣰ ا

Bahlale apho (ePaladesi) hayi ukubalihle (kweloo) khaya, eliyindawo yokuphumla

Ayah 76

قُلۡ مَا يَعۡبَؤُاْ بِكُمۡ رَبِّي لَوۡلَا دُعَآؤُكُمۡۖ فَقَدۡ كَذَّبۡتُمۡ فَسَوۡفَ يَكُونُ لِزَامَۢا

Yithi (Muhammad): “ INkosi yam Yayinihoye kuphela ngenxa yokuba nanithandaza kuYo. Kodwa ngoku niyaYiphika. Ke ngoko isohlwayo siya kunamathela nca kuni

Ayah 77